Title
eng Ezakwa Zulu. (ISIG_1885-11-02_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i010
Word Count
eng 128
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p007
Page Spread
eng 7.1
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UkuJamelanA kwama Bulu nama Zulu.— Litsho ipepa lase Natal eliyi Times ukuti kuza kubako isipitipiti pakati kwalo madoda ngenxa yokuti ama Bulu asuke awuzaze wonke umhlaba wakwa Zulu, ezenzela amafa emihlaba engacebisi nakubani, kuba kaloku afumane isisulu sombinza. Kutiwa maninzi ngoku eliti liyaka indlu, kuse sel'idilizelwe pantsi nokuba udonga Iwayo selupakamile. Elinye i Bulu lati lisakubela amasimi alo afika ama Tshaka, ati kulo, malifuduke lisuke kulo mhlaba. Lite Iona lomhlaba ngo wama Bulu. Ate ama Tshaka, akazi mhlaba wama Bulu wona, azi oka Zulu; atsho ati kweli Bulu malikulule ezo nkabi, kuba ukuba ke labo lahlaba enye ifola, ezo nkabi zalo aya kuzigwaxa zonke. Hayi i Bulu lasel'isuka lizikulula, lincama, lizifak'amatole. Kunjalo nje akufu- nwa nemisetyenzana. yawo, afane aman' epal' ezweni ukufuna abantu okubaqesha, koko ayacekiswa, ecatshu- kelwa.