Title
eng Incwadi Zaba Baleli. (ISIG_1885-11-02_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Macwela, Gubesa N.
Language
Locations Mentioned
eng Toboyi School
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i011
Word Count
eng 853
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p008
Page Spread
eng 8.1-8.2
Start Page of Article
eng 8
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NKOSI YAM, Mgcogeli wendaba zamanene namanenekazi, kaunditwale ngokundifakela lombiko kwelo pepa lenkosi zohlanga lwakowetu, lwase Mbo. Ndibika umbiko wokububa kuka Mxaku Mbolekwa, indoda yamadoda ubube nge 19 September, 1885, Namhla usekaya, ekupumleni. Make ndikubalisele kancinane ngalo ndoda. Londoda lb' ingumkokeli apa e Toboyi, indoda eb' iwukutalele umsebenzi woku- shumayela ilizwi le Nkosi yetu, u Somandla, u Mdali we Zulu no Mhlaba. Mandiqalele mhlenikweni wehliwa ngulo mkuhlane, wati eye kuka- ngela igusha zake, (kuba yindoda eb'inegusha kakulu), wangenwa yingqele, wati efika ekaya waye ekala nge ntloko, nomzimba wonke, zati zombini ezonto zamkalisa kakulu, kwati kwakuba ntsuku kaloku wangenwa lukohlokoblo nep'ika, zambandezela ezo nto ngokukulu, kwabonakala ukuba makufunwe amayeza. Kwayiwa e Mgomanzi evenkileni, kwafikwa umnini venkile u Mr Pearson engeko, inkosikazi yake yabala ngokwayo ukubalela ku Gqira. Baya ke nale ncwadi, befikile wati u Gqira akanako ukumpa iyeza engamboni lomntu ufayo. Bate bona Mkasena kutwalwa eze apa. Babuya ke abo bafana bengenalo iyeza, bafika umkuhlane umkulu, kwasa betunywa kwakona komnye. nanko e Ngculu, umfundisi wase Tshatshi ontsundu, abati ngu Mr. Pumlwana. Befikile ke kuye wati uya kufika ngomso, ngom- Gqibelo, kuba lwalulolwesi-Hlanu olo. Babuya ke abafana abo, bafik'umpefumlo sewupumile. Wafika ke no Rev. Mr. Pumlwana ngom-Gqibelo, wafika sekumbiwa incwaba. Mandingene ke kumazwi awawatetayo xa waye sese lukukweni lokufa. Kwati ngamini itile kwafika umfazi wase Wesile, wati kumfi lowo—' kunjaui na Xaba?' Wampendula ngeli lizwi—'Namhla ntokazi yakowetu kungani kambe, ndisekeleni ngemitandazo, okwam ndiyemka.' Yatsho londoda yamadoda, injengele yenjengele, nditeta elizwini lika Tixo. Umfo obeshumayela noko abuhlungu, ati akana kunceda, inkabi ifela edyokweni. akuvumi ukuba ayeke ukushumayela ngo Yesu u Nyana ka Tixo, owafela izono zetu, engena tyala Yena. Emkile ke lomfazi kwafika ubanye beze kumbona, bafika bati—''Kunjani na Xaba? ' Wabapendula kwa ngokunjalo wati—'Namhla zintokazi zako wetu kungani. ndisekeleni ngemitandazo, mna ndiyemka,' watsho wavuma eli Culo la 206. Zemka ezo ntokazi zingarani nto. Naiiga ke auiazwi awawatetayo xa waye selegoduka :—1 Mna ndiya hamba, ilizwi le Nkosi maze lihambe, ndize kutatyatwa ekaya ngama- doda, akowetu ango Rev. J. Mavayeni no Mntiyedwa, andiputumile.' Watsho wati,—' Imali yom-Vangeli neka Teacher maze zipume.' Watsho wati,'— Lolwesingapi na namhla !' Kwatiwa lolwesi-tatu. Wati,—' Ngolwesi- Hlanu nize niputume unyana wam u David e Semnareni, e Ngqamakwe.' Ngokuhlwa kwafika umfundisi, wati akuva ilizwi lomfundisi washukuma, kanti noko ngati ebelele nje ubengekalali butongo. Wati umfundisi nanko esliukuma, yasuka inkosikazi yake yamlungisa, wati ndivuse, yamvusa. Wabulisa ku mfundisi, wabuza ukuba uvela pina mfundisi, wati omnye ndivela kushumayela e Tsomo, wavuya kakulu akuva oko. wati malihambe ilizwi le nkosi u Somandla Nizipate kakuhle neremente ze Nkosi u Somandla, ' Mna ndiya hamba ' Watsho wakangela pezulu, wata- ndaza. wati,—' Haleluya ! Haleluya! u Somandla.' Watsho wati ' Mfundisi wohlanga nizjpate kakuhle iremente, indlela esinga ezu- Iwini incinane. Okwenene ngolwesi-Hlanu waputunywa unyana wake, kuloko wafika engaseko, selebubile. Walushiyu elusizini usapo lwake lomfo wohlanga. Mandibe ndiyapela apo mhlobo wohlanga oluntsundu lwase Mbo. Ndinibulisa ngotando nonke madoda akowetu, N. Gubesa MACWELA. Toboyi School, 30 Sept., 1885, NKOSI yam Mgcogeli wendaba zamanene namanenekazi, kawundifa- kele lombiko ndiwubikayo ku Mautshele onke api napi, okokuba inkosikazi ka Mr. Mzola Hoza ibube nge 28th September, 1885. lntokazi emke kakuhle, imke incokola nge Nkosi yayo u Mdali wezulu nomhlaba. Mandipinde ndikuxelele ngo Mr. M. Hoza. U Hoza lu yinkosi ya Mantshele apa e Toboyi Mission School. Mandingene kwezale ntokazi umfikazi, eyemka ngati sisakubuye siyibone apa emihlabeni, ngenxa yokusivuyisa kwayo. Nasi isifo esimgodusileyo, lihlaba nokohlokohlo, nomzimba wonke. Wasuka wudumba nemilenze le. lte ke lentokazi ngamini itile ilele elukukweni lokufa ' Kanene abantu banomnqweno wokuva into etetiweyo ngumntu xa umkayo kweli lizwe, kanti wona amakolwa ebefanele ukumtemba um Kristu ukuba ububele e Nkosini yake noko engateta- nga.' Yatsho lentokazi ukwenza intshayelelo. Yatsho yangena kumazwi esishiye nawo, yati: ' Ndinetemba nditembele e Nkosini yam u Yesu Krestu, u Nyana ku Tixo, itembu lam liselisondele, Inkosi seyindikokele, Nantso, nantso empumalanga apo seyindilindele kona.' Kute kusenjalo kwafika unyana wake oza pezu komkulu evela e Tabose, Tembuland. Ute akufika wasitsho isililo. Unina ubuzile wati: ' Yinina mntwana wam ulilela ntonina? ukuba bendisazi ukuba uyi kwenjenje ngendingakubizanga. Ukuba unengqondo, musa ukulila, mna ndiya ekaya, zililele okukokwako mntwana wam. Zonke izihlobo zam zezingalili, ndiyagoduka mna ndiya ekaya eluyolweni Iwe Nkosi yam.' Kute ekuseui kom-Gqibelo yati: ' Vukani nivuse nabantwana bam.' Bavukake, wati kubo : ' Tandazani,' batandazake. bate bakugqiba wawutata ngokwake umtandazo, wati: ' Uyi- ngcwele, uyingcwele, uyingewele Tixo ka Abraham, ka Isaac no Jacob, Amen.' Ute, ' Vulani emnyango,' bavulileke. Ute kumninawekazi wake it Madlamini, inkosikazi yomkokeli wase Tshatshi of England, akukova ukumbiza wati: ' Inkosi iwutamsanqele umsebenzi wako wokundonga yada yandiputuma, i Nkosi inawe ngenxa yomsebenzi wako.'' Wati, ' Ndikupeleni pandle,' bamkupileke, uhlale ixeshana wati, ' Upina unyana wam omkulu u Ngqiniso M. Hoza? ' Ubiziweke, uteke akufika wati, ' Mntwana wam ndiyemka ndiyagoduka ndiya ekaya, i Nkosi yam seyindikokele seyise Mpuma-langa indili- ndele kona.' Watsho wati, ' Ndingeniseni,' bamngenisa. Ubaye wapinda wati, ' Mntwana wam Ngqiniso i Nkosi iyitamsanqele indlu yam, uze uligcine elilifa ungalilahli mntwana wam. Utsho watandaza wati, ' Uyingcwele, uyingcwele, uyingewele Amen.' Watsho wati, ' Ningakangeli ezintlungwini zenyama, okwenene yona inazo intlungu, kanti wona umpefumlo wonwabile.' Wabulisa kuyo yonke iramente, naku Mfundisi wake. Walala, kanti kukugoduka kwake. Mandibe ndiyapelake makosi akowetu ase Mbo, ndibulisa kuni nonke. N. GUBESA MACWELA. Toboyi, 10th October, 1885.