Title
eng Iveki. (IMVO_1885-07-22_i027)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-22
Identifier
eng IMVO_1885-07-22_i027
Word Count
eng 840
Print Page
eng IMVO_1885-07-22_p002
Page Spread
eng 2.3-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
ISIMANGALO esenziwe ngu William Pelser waae Burghersdorp ngako Rev. J. D. Don no Mr. G. A. Hay siyakuviwa yimantyi ngornso.1 ABALESI belipepa bacelwa ukuba balese kwibala lezaziso eso singo 'kwandiswa kwe Mvo.' IPALAMENTE igqibe kwelokuba u Hon. C. Brownlee ati naxa apumileyo ebumantyini jbukulu bakwa Adam Kok afumane £1000 sgonyaka. KUKO udaba lokuba umpati mikosi wama Arab abati yi Mahdi, ufile. Oludaba selufi- se namaqela amahlanu ahlukahlukileyo aba- atu. IXABISO lombona liyehla e Dayimani. Ekupeleni kwenyanga efileyo umbona uha- tnbe 27s. ne 28s. 6d. ngengxowa. INDABA zase Lusutu aziginyisi mate. Ku- bulewe umntu kwesika Nehemiah. Imantyi itumele amapolisa apantse awamelana kaku¬hle na Besutu, awafumananga ncazelo I kodwa. Abantu abakolisiwe kukuma kwe- zinto. KUVAKALA ukuba ama Russia ayitumela okunye imikosi yawo e Afghanistan. '• IKOLERA ' isifo apa esati siyatyikitya e Spain kufike udaba lokuba siyancipa. U JUDGE COLE wase Rini utuswe kunene bubuninzi batnasela empahla ngoku ebeteta xmatyala. Ute mawabe aku 10,000 ngonya- ka ubuninzi bawo. ISITOLA esikulu (sika White e Metele ese Transvaal sitshe ngeveki edluleyo. Uliude. Ie uncedo Iwe £9000 kumabandla aboleka imali. IMIKOSI yela Bahlambeli isate qo ngoku- goduka. ISITOLA SO J. G. Farr &Co. e Nyara si- tshile. Kucingelwa ukuba sitshiswe nga- bom. Silindele uncedo kubaboleki bemali Iwe £2,400. IPALAMENTE yase Natal igqibe kwelokuba elakwa Zulu libe pantsi kwe Nkosazana, ze knti exesheni libandakanywe ne Natal. OMNYE Umxosa udutyulwe e Mtontsi li- gwangqa, ekupeleni kwe Cawa engapaya; kntiwa ubesiba. INGQAKAQA ipele kanye kwimimandla yase Dikeni nowase Ngqushwa. KUMANENE antsundu ake ahamlajfeJF.pa e Qonce ngezi holide singakankanyau Rev. G. Kakaza, wase Nxukwebe, oshumayele kuma Wesile antsundu nge Cawa engapaya emini nangokuhlwa intshumayelo ezamqire- leke kunene. KUKO udaba lokuba igolide ifunyenwe ku- fupi ne Maritzburg (e Mgungundlovu) e Natal. IPALAMENTE ya Pesheya iyivumele indawo yokuba imikosi yase Mangesini yongezelelwe ngamadoda a 35,000. UMPATISWA Miteto ose Rini ute akaboni mhlaba wakumisa tyala ngaku Carl Hempel obesand' ukudubula isela kulomandla wase Qonce. INCWADI esizifumene e Batenjini zikalaza ukuba inteto azifakwa siti xa zingenawo amagama abantu, kanti ezabanye ziyafakwa. Ukucacisa singati igama lomntu alifunekeli kushicilelwa kodwa ukuba laziwe ngu Mhleli kupela, eknshicilelweni umntu angazibiza nangalipina igama. Asinakuzingenisake ezinteto de siwatunyelwe awona magama ababali bazo. AMAQELA abazili endawo ngendawo acelwe zinkulu zalomabandla ukuba atumele ipetisi (Petitions) e Palamente yoKucela ukuba utywala bungatengiselwa abantsundu. U MR. BAUMANN igqweta lase Richmond ngapaya kwe Rafu lipants' ukuhlelwa sihe- legu. Ekuseni livnswe yinto yokuba indlu yalo iyatsha liputume kwindlu elala aba- ntwana layifumana izele umsi, libakupile basinda kwatsha ingubo kupela. INENE elitile abati ngu Donald McLaren life ngebaqo e Dayimani ngeveki edluleyo. Linikiwe indawo yokulala ngumnini hotele ate xa alivusayo kusasa walifumana selilu- godo olufileyo. INANI labantu abapiwe amayeza yi hospital yase Bayi ngonyaka odlulileyo li 1,678, elo- ugiweyo 690, ngesiqingata sonyaka esipele ago 30 Juna elipiweyo 932, elongiweyo 220. AMADODANA amane abetunyelwe yi Nxu- kwebe kuviwo Iwe Matriculation awapume- lelanga; kwaneye Ngesi ebitunyelwe yi Lovedale. Abapumeleleyo kwababengene yi 118, i 25 ipumelelo ngokuncomekayo. Inani elalingene kuyo yonke i Koloni ne Free State yi 237. INDODANA epumelele pezulu koluviwo ngu I, D. Cormack wase Burghersdorp. ZANELE ngoku iveki ingani imvula e Natal. Ukusweleka kwamanzi kuyabikwa. UCINGO Iwesibini olupantsi kwamanzi lo- tukululaolu luti gqi e Natal luvela e Aden xa Iwapukileyo luyakugqitywa ngenyanga eza* yo. NGENDAWO yokuba u Rev. John Walton szakumnka aye Pesheya nf*alonyaka uzayo ibandla lase Rini lama Wesile amhlope li- gqibe kwelokuba litumele isimemo ku Rev. Frederick Mason wase Natal ukuba aze ku- ;abata indawo yake. ISEBENZI kuvakala ukuba liko e Jagers- tontein oko belingeko kakuhle leminyaka mibini idlulileyo. NGE Cawa engapaya kuvakala ukuba ke- kwako unyikimo lomhlaba kwelakwa Adam Kok. I LAWU elingu Antoni Peter libanjiwe e Dayimani kuba kusitiwa lilo elibe isi- lumba semali apa eyayisiwa e Dayimani igeposi. KEKWANQABA e Transvaal ukiy^pfcna mali yokuhlaula amalungu e Palamente relozwe imali ayifumanayo yenyanga mgu June. Longxakeko incedwe kukuba i President Kiuger avume ukuboleka u Ru- umeni kweyake imali £1000 ihanjelwe li BIO ngekulu ngonyaka. ASACIMBILE ngokusinga kwa Zulu ama lulu ase Transvaal, nawase Free State ba- vase Natal. UTE akupuma ebumantyini obukulu ba- twa Adam Kok wahambela e Natal u Mr. IV. B. Chalmers oyimantyi yalapa e Qonce igoku, ebekwelozwe ngeveki edlulileyo no Daptain O'Connor imantyi yase Mzimkulu. SIVA ukuba kuko imvula eke yana peshe¬ya kwe Nciba ngolwesi-Hlanu olu ludluleyo. IZIKOLO zase Ncemera zivulwe ngavo le- zeki. Esentombi sivulwa ngomso, ngolwa 23 July ; esamakwenkwe sivulwe ngo Mvulo 20 July. KUKO inteto yokuba o Judge Jones no Judge Lawrence base Dayimani bazakupuma sbujajini ngenxa yokuba itotyiwe imali yabo File Palamente. U Mr. Jones kutiwa uya- cubuyela kwase bugqweteni e Kapa; u Mr Lawrence wosinga e England. ASIBANGA nasituba kwelanamhla sokunge nisa incwndi zonke zababaleli:—J. L., D. M. Mlandu, J. Smith. INGXOXO engeniswe e Palamente ngu Sir 'T. Scanlen yokuba n Rulumeni uposisile ukumkupa u Mr. Leigh Hoskyns ebugqwe- teni obnkulu base Dayimani, ipelele ekube- ni i Palamente ivumele u Rulumeni ngevoti ezi 43 ; u Sir T. Scanlen nbene 13 kwelake icala. NGODANO nosizi olukulu give udaba olubi kunene luvela e Bofolo, lubika ukuba u Rev. Stephen Manyakama, umfundisi wase Tsha- tshi, wakwa Nondyola uzibulele ngokuzixoma ngo Mgqibelo 18 July. Kutiwa kuko nda- wana bangavisisananga ngayo no Bishop. U MR. SPRIGG uza kusinga e Dayimani apo ayakukangelisa ukuhambisa kwemise- .benzi yakwa Rulumeni. U MR. DYER, M.L.A., ufike izolo evela e Pa ^aente. KWIDABI eke lako kubasebenzi bololiwe Dayimani izolo kufe igwangqa namadoda ^matatu amnyama. IMVO ZABANTSUNDU