Title
eng Ezababaleli. (intsizi Zabantsundu) (IMVO_1885-07-22_i038)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Tanduhlanga
Language
Locations Mentioned
eng Queenstown
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-22
Identifier
eng IMVO_1885-07-22_i038
Word Count
eng 274
Print Page
eng IMVO_1885-07-22_p004
Page Spread
eng 4.3
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
INTSIZI ZABANTSUNDU. NKOSI YAM Mongameli wepepa,—Ndi- fakele lamazwana ambalwa, — manditi ngumbiko ongento endiyibone kwa Ko- mani. Ndabona ukufa kwababanjwa bakona, bandenza ukuba ndicinge ukuba ubusela obu abulunganga—kwanomsindo nezinye izono ezisa abantu ezintolengwe- ni. Inxenye ipuma isifa, ifike ngokufa emaKayni abo. Andikubala nani, kodwa into leyo yona iyenzeka, bafe kakulu kanye pakati ko April no May kulonya- ka ababanjwa. Ndikufupi no Komani, andizange ndiyibone into enjengale uku¬ba mbi—ewe, mzuzu beke besifa kakulu abantu kulentolongo, kodwa ukususela kwiminyaka eliqela bekungasebukali, ngokuba yintolongo elungiswayo ecoki- swayo ngapakati nangapandle, akubona- kali ukuba kungabako isifo. Ke ndicela imitandazo mawetu ukuba venzelwe lamasela, nokuba abile anemi- pefumlo elindelweyo ngu Mdali wawo nakuba esiba kangaka. Ndiyatemba ukuba asindim ndedwa ongabanosizi akubona imipefumlo engaka ifela ezo- nweni. Kanti okunye wonke umntu onengqondo unokubona ukuba obubuse- la buya bukula ngokukula—butsho be- gqita kweziuye izono—akubonakali qi- nga lakubutintela. Ngoku kuko isiko elisetyenziswa ka¬kulu, lokuti umntu akuba adliwe ne- mpahla vake pezu kwesigwebo asiniki- kiweyo. 'Kubonakala ukuba lonto umntu imsa kwasebuseleni—kuba aqele amasela ukuba ebelizwa zinkosi kwaXosa—zaku- kova ukuwadla. Kutiwake ngoku ma- kasebenze afumane ezinye—upina umse- benzi ? ongenza ukuba kutengwe izinto, kuba lemalana ayifunyanwa. Liti itama yakupela inyanga esicakeni, andisoku- kuhlaula kuba ulahle igusha. Kuti kwa- loliwe mhla uqashwayo, kutiwe yi hafu- golweni ngemini, kanti mhla kwamnke- Iwa uyakunikwa isihlanu nokuba lishu- mi lesheleni ekupeleni kwenyanga, uti wakubuza isizatu soko, ukatywe ngo- nyawo uncame ugoduke ulila. Uti enule- leni uqubisane nenkomo intliziyo isopa igazi, ube sewutabata uquba-—-kuba ku- kade usebenza—namhla uya ekaya unge- nayo nento le; nantsoke imbangi enkulu yobubusela bungaka kubantu bakowetu. Ke mna yilo nento eswele iqinga nditi amakowetu makazame ngokuwatanda- zela lamasela, kuba apelela engozini. Mandipele ndikucela uxolo Mhleli, ngo- kukubande kwalencwadi, kumhlano. Ndingu TANDUHLANGA. Quueen's Town.