Title
eng E Bofolo. (IMVO_1885-07-29_i030)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Date
22 July 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-29
Identifier
eng IMVO_1885-07-29_i030
Word Count
eng 421
Print Page
eng IMVO_1885-07-29_p002
Page Spread
eng 2.5-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[IVELA KUMBALELI WETU.] 22 July 1885. Yindawo yetu ebuhlungu ukuvakalisa ukububa ko Rev. S. Mnyakama wakwa Nondyola kwesisitili, oneminyaka emibi- ni egula. Kute nge Cawa (19 July) edlu- Lileyo ngexesha le 7-30 kusasa wazibulala tigokusuka azixome. Oku ukwenze egu- tnbini lake lokulala; utabate umtya we- myi wazixoma ngawo. Ukangelwe li- ;qira selupumile umpefumlo, lafumana ibucopo bubutataka, kuko nendawo ebiqala ukuba lityamtyam ebucotsheni apo. Lagqiba igqira kwelokuba besekusele ixe- shana elifutshane apambane intloko. Ngolwesi-Ne olwanduleleyo wabonisa impawu zobutataka obutile bengqondo. Wabezimisele ukubako ekuvulweni kwe- tyalike ya Mangesi yase (Tshatshi) kulo- mzi (St. John's), akafikelelanga kodwa. Wazilandulela ngelokuti, uziva engapili- le. Into yokugqibela awayenzayo nje- ngomfundisi yaba kukushumayela intshu- mayelo esulungeke kunene nge Sabata eyandulelayo. Isiqendn awateta kuso seso siti, ' Akuyi kubulala.' Abayivayo intshumayelo leyo bati yaba yeshushu kangangokuba indin ye Nkosi izaliswe ngabakonzi abalilayo. Yinto engumma- ngaliso ! Ukanti uza kuzibulala ngezake izandla. Hayi into iyimfihlakalo le ibu- bom! Ngo Algqibelo obekekileyo u Bishop wase Bini wayetyelele ku Nondyola, wa- sifumana esosi alam singu Mr. Alnyaka- ma sigula emzinjeni nase ngqondweni. Kwabonakala uknba akaqondi nento eku- yiyo. Konke awayekuko ngezomini, kwanengxelo yegqira elamvavanyayo selefile, kubonisa ukuba akanakubekwa tyala ngesisenzo asenzileyo. Ebuntwini ebufundisini, entlalweni ngumfo okgqibelele nkulunga. Umze- kelo abewiweke pambi kododana oluntsu- ndu ubungowesonti. Ngumfo obendile- ke onke amaxa, osebenzela Inkosi ngenzo- ndd^lo notando. Isihomo sake besisazi- wa liakwindawo ezigama. Ubetandwa ngenyaniso ngabo bonke abebemazi. Ukulahlekwa yindoda enje asintwana incinane kwesisitili setu. Ubebekwe ngabamabala onke. Ukuzindila nokuto- beka, ubuso obusoloko bancuma bamenza intanda kubo bonke ; akasakuza alityalwe kulemimandla. Wangcwatywa kulamangcwaba Ama- ngesi ase Bofolo ngolwesi-Bini, 21 July 1885. Isidumbu satotywa kulonduli ka Nondyola sangeniswa kuqala kulotyalike intsha yase Tshatshi intle kunene. Isa- kiwo e*so sazala ngabantu, ubuncinane ungatiwa babe ku 400 ababengene—ama- doda eziganga ngeziganga nawamabala ngamabala — engxamele ukumenzela i- mbeko yokugqibela. Amangesi anga angakwenza oftu kwanjengabo bebala lake. Elinye inenekazi elimhlope (abati ngu Miss Warren) lada labeka intyantya- mbo ezenziwe zafana nomnqamlezo pezu kwedlaka xa lalipambi komtundisi etya- likeni ano. Esi sasisisenzo esibekekileyo esibuke^ayo, siyifanele lonkazana eyase- nzayo. Sibonisa ukuba 'izwe lonke li- mfan' inye.' Sakumbuza into ezininzi ezilungileyo abezenza umfi. Izikonzo zedlaka zahanjiswa ngo Rev. W. H. Turpin, J. S. Simeon, M.A., (base Rini) J. Wilson, E. J. Battye, B.A., (base Bofolo) no T. Chamberlain, M.A., (wase Dikeni). Asizanga salibona idlaka elikulu kangaka e Bofolo. Abatabata indawo epambili kubapeleki nkuya engcwabeni ngamagosa etyalike yase Bofolo ya Ma¬ngesi: abapeleki bona mababe babekufu- pi ne 800 abantu. Edlakeni ingoma ezi- fanelekileyo zenziwa nge Sixosa nange Singesi. Izikonzo zahanjiswa ngu Rev. W. H. Turpin ngexa utuli olo Iwalube- kwa kwaselutulini de kufiike umhla omku- lu.