Title
eng Isigidimi Sama-xosa. (ISIG_1885-12-01_i001)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i001
Word Count
eng 1278
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p001
Page Spread
eng 1.1-2.1
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWESIBINI, DECEMBER 1, 1885. ITYALA LIKA PELZER. UKOYISA KOBULUNGISA BE NYABISO. UMNTU wonke onga izinto zingahamba ngolungelelwano, nengqondo, wobulela kukweyisa kobulungisa nenyaniso, okwenzeke ngomhla we 16 ku Nov., kwi Nkundla Enkulu ya Matyala esakuhlangana e-Rini. Litetwe apo ityala ebe lingumbeko lika Rev. Jons D. DON, umfundisi wehleto le Free Church e-Qonce. Ngokukodwa imibulelo ib'ifanele ukungafihlisi evela kwicala lamawetu, kuba eli dabi belilwelwa tina. Nxatsho ke! mawetu ase Qonce, ngesenzo senu somhla wokubuyela kuka Mr. DON ekaya ngomhla wama 20 ku November; enite ukubonisa owetu umbulelo napuma nonke kunye nabantwana, ukuya kumbulisa; namkaulela ese le, kwangati kumhla kwangena u Rili kunye ne Ruluneli e Qonce. Amazwi encwadi yenu, wonke umzi ontsundu uvumelana nawo ngamxelo 'mnye. Baliqela kulonyaka abantsundu ekute bamane bedutyu- lwa ngezizatu-zatu ezinye ezingaqondakaliyo,. ate kodwa lomatyala abo afane edukalala, ngezwana eliti xa likunyushwayo:—' The Solicitor-General declines to 'prosecute,' —oko kukuti, ' U- Mhluzi-matyala akavumi kufaka 'tyala.'' Ibe kukululeka komoni lowo ke ngoko. Eli lika PELZER ityala beselitshoniswe ngendlela enjalo ngulo Mhluzi-matyala wangoku ungu Mr. MAASDORP. Koko u Mr. DON no Mr. GEORGE A. HAT, ongumhleli we Cape Mercury, babe nobufoti bokulitetelela elogazi lapalazwa lingena tyala, basibengeza ukuba esisenzo sezipata-mandla zangoku zale Koloni saziwe; nengozi eziya kuhlela umzi ukuba kuza kuhamba ngoluhlobo. Bafakwe intambo emqaleni ke ngoko, bangamakonxwa ngesizatu sokwenje- njalo ukuteta, nokugweba okulungisiweyo zizi Lauli. Ukuze babe nokulilanda elityala abafundi betu, make sibakumbuze intloko zokuqaleka kwalo. Ngomhla we 16 ku January walonyaka, kwadutyulwa um-Xosa e Burghersdorp ogama lingu ZAKABAYA, li Bulu elingu WILLEM JACOBUS PELZER. Um-Xosa lowo wayetunywe ngu Mlungu wake ukuba aye kufuna ihashe elalilahlekile, ate ke wada waza kufikelela kwifama yeli Bulu. Uze ku- dlula ekaya ehamba ebuzisa; uflke waziwa nazezinye izicaka zalomzi, wancokola, watshaya 'macuba nazo, kunye nabanye abantu ababemisa ucingo lwakwa Rulumente kona. Umnini fama ubuze ipasi ku ZAKABAYA, yalandulwa. Ufune ukuba iye kutatyatwa pambi kokuze lifunwe. Omnye uxele indawo yokuba asilake, ebekuya kuti ke ngoko inqweneleke ipasi leyo, udlule ke ngoko; lasala libopa ihashe i-Bulu, lixoba ipistoli, kanti koko sel'cinga okumdaka. Likwele laya kumnqanda. Ekubuyeni limfi- ngxele ngehashe ukumquba, limnyatelisa ngangokude u- ZAKARAYA alibete ihashe elo empumlweni, ukuze ke adutyulwe njalo. Limshiye elele egazini, nalo ligqotsisa ihashe ukuya ekaya, apo lifike lasebezela uyise okuhlileyo, namaqinga afanele ukuqwetywa ukuzimeza ityala, labe Iona lisinga e- Burghersdorp ukuya kuzinikela e-Mantyini 'kuba ienzakalise umntu, elimbaqe ehamba efameni yalo, 'laza lati lakuba limnqanda walibeta ngolugxa lwentsimbi, ' elite ke Iona ukuzihlanganisela lamdubula.' OIo lugxa okwenene kufikwe seluko (azi lubekwe yinina?) ekubeni oko U-ZAKABAYA abedlula emzini welo Bulu, ub'engena ntonga injalo esandleni. Elinye inqina lite wayeno 'swazi' kupela ingeyiyo intsimbi. Kufikwe u- ZAKARAYA lowo selefile, kuba kudlule iyure ezintatu nane pakati kokudutyulwa kwake nokuza kulandwa ingozi yake, emva kokuzinikela kwelo tutu lingu PELZEB. Litetiwe ityala yi Mantyi yase Burghersdorp, ingxelo yokuma kwalo itunyelwe e Rini ku MHLUZI-MATYALA, kwabe kuvakala kunene amare entsongelo zamanye ama Bulu ukuba ute uwabo lowo wafakwa entangeni. Kulandele nenye ingxelo evela kwaku PELSER, enqine ubungozi besenzo sake, ate ke ngoko u Mr. MAASDORP, U-Mhluzi- matyala, wabona ukuba i-Bulu elo alifanele kunikwa tyala. Uvela apo ke u Mr. DON ngokusuke abalele kwipepa eliyi Cape Mercury ago April 1885, ebuza ukuti, ' Iyeviwa ' na into enje, yinina ukuba afe umntu—afele ilize—aze '' angabuzelwa? Bupina ubulungisa, utinina umteto wo- ' laulo lwama Ngesi? Yena akasayi kuke azigushe izinyo ' zake, alurwitshe unkwintshana lwake ukuze lunga- ' kutyili ukonakaliswa kobulungisa nenyaniso ngu Rulu- ' mente ongavumiyo ukufaka ityala kwitutu lombulali; aze ' ngoko naye ngokungateti kwake abe ngomnye wabo ' baligqumelelayo elo tyala. Ngendawo yokuba (1) ubomi ' bomntu bumaconini noko amnyama ibala lake; nokuba (2) ' pambi komteto bonke abantu bayafana ; nokuba (3) ma- ' kwenziwe ubulungisa obungena makwiniba, nobungake- ' tiyo.' Ite kanti inteto yake izihlabile izipata-mandla kunye nezihlobo zazo, yawapitizelisa amacebo azo, nangona zigqibe kwelokuba makamangalelwe lomfundisi wase Qonce ngomteto we Libel Act, owalela umntu ukuba angabali ngezenzo nezimilo zabanye abantu. Lifuniwe iqinga lokumbijela entetweni yencwadi yake, kwafunyanwa la mazwi ati,—' Igazi lolo lusizana u-Zakaraya lililela ngase ' zulwini, lingalileli eli tutu lombulali (u-Pelser) lodwa, ' lilila nangaku Rulumente ongavumiyo ukuliquba eli tyala, ' nangakulo eli lizwe lidukisele isenzo esinje.' Yabe ke lenteto kutiwa yeyokuhlazisa elo Bulu, ilinyelise yalenza incekevu nenqambi pakati kwabanye abantu. U Rulumente oya kubatala, kanye ngale mali siyifafayo, indleko zika PELSER kweli tyala, ubezondelele indawo yokuhlambulula isimilo selo Bulwana ukuti alinguye ' umbulali,' nesimilo so Mhluzi-matyala u Mr. MAASDORD, ukuba ulungisile ukungalifaki tyala; nokucinezelela pantsi u Mr. DON, amhlazise ngokumenza ibantinti. Koko u-Bulungisa ne Nyaniso zisigwebele. Ubengenako uku- ngoyisi u Mr. DON, ekubeni sitemba ukuba ngecala lake bekumi u-Tixo amkonzayo,. kulaula u-Mteto alinga ezenzweni zake ukutobela wona. Libe kupenapena i-'Gqweta' la Komkulu, nelika PELSER (siteta kambe u Mr. MAASDORP) ngezizatwana zokuti ' Ubunqina bo ' Kafile ' abuna kute- 'njwa, kuba ingafanelana ibiyingozi ukufa kuka ZAKARAYA, ' bafunge, baxoke, bati udutyulwe ngabom; into ezinga- ' masela okugqibela, angaba nalo ZAKARAYA wayeye kuba.' Zakanyela inyaniso. Libe kugoqulula ' ikofoti' zakowalo zokunqika amatye xa limba umnxuma onzulu wokuncwaba u Mr. DON, ukunyanzela ityala lake ezindlebeni ze-Qubura, liqele ngelezolo, kanti koko limtshonisa okunye u- PELSER ebeligqwetela yena, ukuba kaloku kungaveli nonwele olu; kwaqondwa nangubani namhla ukuba elo Bulwana yinkew'induna, ' itutu lombulali ' okwenene, ebelifanele ukuba libe laxonywa kwangeza nyanga zadlulayo ngesi senzo salo simdaka kangaka. Site isigwebo sona sawa ngelizwi elingatandabuziyo sisiti—' Mfo ka DON, hamba AKUNATYALA! ' Asingeke siyilibale indawo yokuba esisigwebo sincomeka kangaka, sif'umaneke ngokoyisa kobuciko bo Mteteleli wommangalelwa, owayengu Advocate RICHARD SOLOMON, ingqwenga yabateteleli base Rini, igcisa lase mtetweni wakowalo. Umfo obabete bazishwayimbana zezi nkamama- munge; wabeta O-PELSER batukuteta baman' ukutshula amakobo, betung' amabenya ; baqonda mhlope ukuba namhla kunamhla. Wamana ezifola ngazinye, ezibeka amatyeba inyaniso ezingabanga nakukululwa nganto ezibonise ukuba ufanele ukukululwa u Mr. DON, neziti wayelungisa ukuyibala incwadi amangalelwe ngayo namhla. Sinosizi ku- swela isituba sokuyifaka lonteto yake. Kodwa elityala lifika nje ku Mr. SOLOMON selapulwe zonke impondwana ebezifuna ukwenza amakwiniba ngu Attorney RICHARD ROSE-INNKS ongomnye wabahlobo benyaniso malunga nati bantsundu e-Qonce. Lomfo ka INNES ngo yena walisungula kwanini elityala, waliququzelela kwase ntloko, ob'eti ese Burghersdorp wayepi, epanda, efuna ubunqina nenyaniso zalo ; singati ngokufutshane, lipumelele ngemigudu, nolungiselelo Iwake. Iyabuleleka indawo yokuba u Mongameli we Jaji ye Nkundl' Enkulu yama Tyala elicala letu, u Sir JACOB D. BARRY iyindoda yenene, ete ngokucacileyo nangokundileka okusifaneleyo isihlalo sobugwebi, yawandlala umteto ama-ngalelwe ngawo lo Mfundisi ; yacaza ngobuciko obukulu into ayiyo umbulali, nentlobo zokubulala, nezigwebo zazo. Yangena kunene kwintlobo zobunqina balamacala ameleneyo, yabonisa mhlope ukuba uyanqinelwa u Mr. DON ukuba utete inyaniso, ufeze imfanelo emele wonke umntu olaulwa lunkwintshane Iwake kokulungi- leyo; akahlazisanga, akanyelisanga bani engazenzanga njalo yena ngesimilo sake. Ubefuna ubulungisa bunye, efuna ukuba kucace ukuba umntu ngumntu asinto yakufeketa nakuba emnyama. Yinteto ka Sir JACOB le ayisingise kwi Gubura elo, ebe yeye roti okwenene, ibukali, yabeta nalo yaloyisa, alabi nakuzinceda ukungezi nesigwebo esesi sibikile ngo Mr. DON esite ''Not Guilty.' Avakele eduma onke amabandla abezalise lo Nkundla yama Tyala ; waza u MONGAMELI-WABA-GWEBI wamkulula umbanjwa ngezwi eliti,—' Ndikwazisa, Mr. DON, ukuba AKUNATTALA ; ndiya ''kukulula, Abamangaleli bako abapumelelanga. Into 'eya kukututuzela, yeyokuba zonke indawo ezizinqobo obe ''ulwela uxasa zona ngokwenjenje kwako, namhla ' zimiselekile.' Kusele indawo inye ke mzi wakowetu. Lizwi esiqale ngalo. Elityala lingenxa yetu. ebengafanele lo Mfundisi ukuba nalahleko, ize sonwabe tina. Koba lihlazo oko. 'Ndawo iyiyimbi yile. Esisenzo asenzileyo siyukuputuma imixelo emininzi ebisel' imka kanye kumntu omhlope ngenxa yezi mpato zokuswela ubulungisa ziya zisanda ngokwanda kweli lizwe. Kodwa kulo ndawo siqukumbela ngamazwi ka Mr. DON ayicanileyo inyaniso, awasingise kumawetu use Qonce awayeye kumkuza nge 20 ku Nov., mhla wafika ekaya. Ufike wati:— ''Qondani lendawo yokuba uninzi lwabamhlope beli ''lizwe luyigcobele nalo lendawo ndiyixaseleyo, kuba kwanje ngani ezondawo zizo ezizinqobo ekwenzeni ubulungisa pakati komntu wonke, babe kunjalo nje nabo betanda ''ukuba kuhlalelwane ngokulungelelwana. 'Taruni! akuhlanga lungehlanga! Zenihlale nina ebulungiseni. nizipepe zonke izinto eziya kucapukisa, nezincungayo, nezibanga indleko ; nize msebenze, ninxulumane kwanabamhlope, nihlanganyele ilungelo lenu nonke.'