Title
eng isenzo Somkohlisi.'' (ISIG_1885-12-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
xho Letter
Author of Article
eng Irvine, John J.
Language
Locations Mentioned
eng King Williams Town
Date
7 November 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i002
Word Count
eng 1506
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p002
Page Spread
eng 2.2-3.2
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Kwi Cape Mercury ka Nov. 10, kushicilelwe incwadi, le ke iza kulandela, ibalwe ngu Mr. JOHN J. IRVINE ngesenzo sika Mr. SPRIGG sokuvulela inkanti nentengiso yotywala pesheya kwe Nciba. Kolu Laulo kambe upete iwonga lokuba ngu Mgcini-Ndyebo-ye-Koloni; ngesi senzo keka- loku kuyawa nxanyelwe inzuzo yokwandisa i 'Nxowa' ngokutshabalalisa tina. Lutshaba oluziswa ekaya ngabom apo lungafunwayo, ebekufanele ukuba wonke onako alucase lungekangeni nje, Kwanele ukutshatyalaliswa kwetu zimfazwe nezinye izenzo zobumpi zale minyaka idluleyo inganeno kweshumi ezinje ngokuhlutwa imihlaba nge sheyi, kusitiwa hambani niye kupiwa epangaleleyo kwa Qumbu, nezinye ezinxulumene nolaulo lweqela elitile esingayi kulubiza ngagama. Ude wacana u Mr. IRVINE ukusitiya esi senzo ngegama lokuti, ' SISENZO SOMKOHLISI.' iti incwadi yake:— ' King William's Town. November 7, 1885. ' Kubonakele emapepeni ukuba kwakuko intlanganiso yenkosi nezipakati zama Gcaleka, Ngqika na Mamfengu e Gcuwa, mayela kusuku lwe 3 ku November. Lontlanganiso yayiyeyokumangala ukuba u Rulumente anganiki mteto namvumelo yokuba kutengiswe utywala pesheya kwe Nciba, nokuba kungabiko mntu untsundu kuya kuvumeleka ukuba atengiselwe utywala nokuba ke buvu- nyelwe kwabamhlope. Kute noko sekunjalo kwakokukona kumiswa umteto ngesaziso esibekwe igama le Ruluneli no J. GORDON SPPIGG, wokuba kuvumelekile ukuba utywala butengiswe pesheya kwe Nciba kwinto yonke enje nge nkosi nezipakati zabantu abantsundu. Utsho wabonisa amabakala endawo ezimise inyawo zalomteto ekubeni butengiswe utywala kwabo bantu bacelayo bebongoza ukuba ingake yenziwe lonto ngu Rulumente. Uquba uti yonke lento ibonisa ukuba kuzaliseka izwi lika SPRIGG, elihlale lisiti mazipeliswe inkosi zabantsundu, nakuba eyipimisela londawo ngeli qetsu lokutumela lomtshabalalisi wotywala bom-Lungu, ukuze bazitshabalalise ngokwabo. Utsho ke ati esi saziso siyinkohliso side siye kupela, kuba sinendawo esingati sinyule abatile abangatengiselwa obutywala, abanje nge nkosi namapakati, singe sinanto siyishiyileyo iyeyona ininzi emehlweni abantu, kanti lonto isingele pakati wonke ontsundu wapesheya kwe Nciba. Utsho ati wake wenjenje kwa lo SPRIGG ngokuhlutwa kwemipu ukuze kuvele imfazwe na Besutu, yenza indleko ezizigidi ezine zeponti (£4,000,000), ezi zapula le Koloni ngomtwalo wezi rafu. Le ke intoyona inengozi engapezulu 1d kuyo le Koloni. Utsho ati lento ayiqondeki ukuba itenina ukuba amapepa ayiyeke, angayinxwali, ayiriwule, ayiqwantise oku injenjenje ububi bayo. Zouke intlanganiso zabazili zingezivuka ziyilwe into enje ububi bayo, nezimhlope nezintsundu. Zingati ukuba ezindawo zivukelwe zacaswa kunene ngabo bonke abantsundu kwano ninzi lwaba mhlope, u Rulumente anganyanzeleka ukuba awucite awububise lomteto xa ute wacaswa yinto yonke, kuba ukohlakele, umbitele izinto ezimbi kunene kuwo. Uligqebeqe lesheyi kwakanye, unjalo nje uyakuvelisa izinto ezimbi, nokupalala kwegazi, nokucita- kala kwabuntu abantsundu ngesi senzo asenzileyo u Rulumente, Kungenjalo, igama lika Mr. SPRIGG liya kutana mba neziqalekiso eziman'ukuvelela eli lizwe linga- zange lonwabe. Utsho wabonisa indawo ezimgwebayo u Mr. SPRIGG kwi- senzo sake ngokuzeka-zeka emapepeni eminyaka ngeminya- ka inteto zake e Palamente, ebezigweba kwa esisenzo aze kuti citi kuso kwayena, abe ezigweba kwangomlomo wake. Ufike akakanye inteto ka Mr. SPRIGG ye 1874, ngo 27 ku May, pambi kwe Palamente, oko wati:— 91 ' Pambi kwayo le Nkundla kuyavakala ukuba ububi bonxilo lwale Koloni bufikelele endaweni yokuba kungenwe nayi Palamenle ukunceda ngemiteto yayo. Nokuba makacelwe u Mhlekazi i Ruluneli ngenteto enesidima ukuba emise abapicoti balent.o, abaya kuqokelela ubunqina boneni lonxilo, nokuba bazingelo izizatu ezibangele ukuba buze bande kangaka kalo- kunje, ukuze benze ingxelo yezonto ukuze kukangelwe indawo zokubuncipisa ezimiyo zaqiniseka. Itsho yati indwa luto ebekekileyo, ayizanga ngapambili, iti isisiteto salo nkundla nje itete ibandezeleke ngohlobo olungaka, ngenxa yobukulu balento yoMselo lungaka, nangokuba ezeya yena kuba engena buciko bokuyicacisela inkundla leyo, kuba lento yonakalisa ulonwabo noxolo Iwase Maxo- seni, kwanemisebenzi yakwa Rulumente eyonziwayo nesa- yilwayo, le sonke singa ingade iqubeke. Watsho wati uvayivuma lenio ubukulu bayo asiyiyo elingene abafundisi nabazili tywala bodwa kuba imalungana nobomi nokupila kwabantu abantsundu, into leyo ebifanelwe kukangelelwa ngumntu wonke ozicingela ubuntu efauele ngoko ukuyi- nyamekela.' Ufike ke u Mr. IRVINE kulondawo ati uyavuma naye u Mr. SPRIGG ukuba lomcimbi asinguwo olingene abafundisi nabazili tywala bodwa, kodwa ude wapatelela kwindawo ebubomi nokupila kwentlanga zabantsundu, into enjalo yebifanele ukunyanyekelwa ngumntu wonke ozibangela indawo zamalungelo obuntu. Kodwa noko nguye lo namhla uti mabutengiswe. Uquba ati u MR SPRIGG : ' Lenkundla make ikangele lanteto yencwadi eyayivela ku Mpatiswa Micimbi Yabantsundu eyayize kwi Colonial Secretary nge 2 ku May 1874, eyavisiti,—Eyona ndawo iyintloko yeyoku kusela kwezitili ezisemideni yasema Xoseni ukuba zingabi nazipitipiti, nokuba kanjalo kupeliswe ubusela. Ekuqondeni kwake yena (Mr. Sprigg) azivayo ukuba kuyimfanelo yake kule nkundla ukuba ezonto aziqonde ngokwake wazinqala uzite dace ezokuba lento ilunxilo kwezazitili zisemideni iva kuhlala ipitizelisa ngenxa yobutywala kungabiko luxolo, kanjalo unxilo alwahlukani nobusela. Utsho wati, ubenga izidwangube zakowabo, bezingake zondele inteto yencwadi yake yokuqala, leya yayisalata umhlantla okoyo pakati kwabamhlope nabantsundu. ' Wati umnumzana lowo—kulento ikusela utywala obu- namandla, lento ingumntu ontsundu imfaninye, ayinako ukusela ngobuncatu, nokuba ngumXosa, Lawo, Mfengu, njalo-njalo. Eyona nyaniso malunga nezo zizwe yile yo- kuba uti osukuba elisela-tywala, ati apo aqubisene nabo kona aseledondotela. ' Ufike wakankanya inteto eyenziwa zindwaluto zakwa Ngqika zintatu, ezayenza e Qonce nge 1873 ku Mpatiswa Micimbi Yabantsundu (u Mr. Brownlee) engeka miselwa kule ndawo ikwamfaneleyo akuyo ngoku. Yenjenje inteto yalu mapakati kulo mnumzana—'' Size kuwe bawo, size kuteta ngobubi obukulu esibubonayo pakati kwetu. lmfazwe zetu zintatu nom Lungu, ekute emva kwazo zontatu sabuye sonwaba laxola Kute nge 1856 kwafika intshabalalo enkulu kunene kweli lizwe, kwafa amawaka abantu, kwasinda abaya kukonza em-Lungwini, sati tina sapulapula wena asavuma ukupulapula imiteto yenkosi zetu sahlala emakaya etu, apo sisekona nanamhla. Ama-Xosa avuka ekufeni nanamhla asapila. Namhla ke sibona into entsha, sibona imfazwe engapeliyo, engafaniyo nezinye zangapambili, le itshabalalisa abafazi nabantwaua betu. Sihleli sizisulu zengozi nangemini, kanti nase busuku ikwa yilonto. Siti sakutuma abafazi nentombi zetu ukuba baye kutengi- sa nokuba kungokutya sake yonke lomali bayisele. Siti sakutuma onyana nokuba zizicaka zetu kuti ukuba kuko inkanti endleleni, kuti endaweni yokwenza into abebetu- nywe zona, basuke bajike baye kusela enkanti banxile Namhla intlanganiswana zetu zimpangalasane zengxubano nokupangwana, kuba namhla ziselelwa utywala bom-Lungu onke amaxa, kuzo zonke indawo, sihleli sigxwagxu- shwa lolutshaba, noko asipuluki kulo. Bekuke kungeko zinkanti kwelilizwe, yaye lbulanti itengiselwa abamhlope bodwa e Qonce apa Bekulungiswa ke oko. lbulanti le kukudla kwenkosi zetu ezi zimhlope. Tina asifuni kuzipazamisa kulonto. Zona ziya luqonda uhlobo lokutyiwa walo mti, tina ke asiwazi. Into ke esiyicelayo yeyokuba inkanti mazisuswe pakati kwetu kuba ziya sitshabalalisa. Kalokunje zinkanti zodwa kweli letu, zitiyele tina ukuze sitshabalale. Kunanina ukuba ingenzelwa umteto woku- ba ingatengiswa kuti lento, okunye kuti ukuba inkosi ezi zetu abelungu ziya bufuna butengiswe kubo bodwake? Angaba u Rulumente uyayiqonda Beta into ayenzayo? Akaboni ukuba uhlisa inkatazo kweli lizwe? Kwangoku sekubonakala ukuba umnqopiso wobuyise konyana sel' ewapule. Asisenako ngoku ukubalaula abantwana betu. Utywala busahlule nosapo Iwetu. Impahla yetu ipelela ezinkantini, ize iti naxa iselipelile liti inxila lifune ukusela, kuzo kuti kuba kungaseko nto yimbi lingene ebunyangaze- ni nasobugebengeni. Singa u Rulumente angasihlangula kulento. Sifuna ukwalatisa u Rulumente ububi obusezayo esibubonayo ukuze buti busihla 'besesizikupile tina kwelo tyala.' Utsho ati ke wati u Mr. Sprigg e Palamente, ' Lenteto ilusizi injalo nje akuko bani apa kwaba bazaziyo ezintlanga zintsundu ongeke angayiva ukuba yenjiwanje ukutetwa ngabantu bokuteta befuna ukuba lendawo ilungiswe. Asi- uteto yo Mpatiswa Micimbi Yabantsundu, yena usuke wayisoma kupela. Ati kelomapakati pambi kwale nkundla ezi zinto mazisuswe kuwo ' Uti ke umfo ka IRVINE, uyavuma naye u Mr. SPRIGG ukuba abantsundu abanako ' ukusela ngobuncatu,' kanti noko esi Saziso sake siti, ' abantsundu 'zebanikwe kancinane utywala bom Lungu.' Ezibonisa nje ezindawo wenziwa yilento namhla yenziwe kwangulo mfo unteto zamaxesha ngamaxesha zazisenjenje ukubona kwazo ukuba lento ibutywala bom-Lungu ingumtshabalalisi wabantu aba- ntsundu. Utsho ke ati, amazwi ka Mr. SPRIGG ate engekapoli yavela imfazwe ka Ncaye-Cibi, kwatshabalala into eninzi yabantu ngendlela-ndlela ezininzi, amawaka angamashumi amane (40,000) agingciseka kwinzima zalo mfazwe. Kwa- citakala amanxila, nabazili, ondiyalwa, namakaya yonke lonto yatshayelwa ngumsinga wemfazwe, bawashiya ama- kaya abo. Ngu SPRIGG ke lo namhla uti kuhlangene inkosi zama Gcaleka, Ngqika, nezama Mfengu. zicela lonto kanye wayeyibone kwakude, ibe kwanguye onika igunya lokutengiswa kotywala kubo. Wonakalisa ngabom akakohlwe nto. Wona emhlotsheni, ekukanyeni, novalo lwake luyamxelela ukuba uyona. Ke ngoko kubonakala mhlope ukuba uyacita, ububisa abantsundu ukuba bapele emhlabeni. Yena ungapezulu nakula Mantyi atete ngayo esiti yati nge 1874, 'Vulani zibuqe, batengiselwe utywala abantsundu, kokona bohle bavutuluke ebusweni bomhlaba.' Kunzima ukuti yena kwanabafo abakunye ebu Rulumenteni, inxenye ngabantu ababe kwintlanganiso zo Manyano lo Dodana ngobu Krista neze Bible Society, batyile ukungati ngabavelana nabanye kwinto zokulunga, ekuli- ndelwe izinto ezipilileyo ke ngoko kubantu abanjalo yiyo le Koloni, kanti baya kuti ngenxa yewaka elinamakulu omahlanu leponti (£1,500) imivuzo yabo, kutshatyalaliswe izigidi-gidi zemizimba kwa nemipefumlo yabantu. Ugqiba ngeliti u Mr. IRVINE wenjenje ukucikoza umfo ka SPRIGG e Palamente nge 1874, etetelela ubulungisa, ubuntu ngakwabantsundu aba namhla abenje. Azi ubume bale Koloni ngebuyintoni na namhlanje, nobulamane esinge simelene nabantsuudu ngabo ukuba izenzo zika Mr. SPRIGG zobupati bolaulo wabe ezivumele ukuba zikokelwe zezi nqobo waziti dace pambi kwe nkuudla ye Palamente nge 1874. Wati, ' Yabonani Palemente ezi zigidi zabantsundu zisesandleni seta. Aba bantu luhlanga olungati lukutaziwe, lwanyuswa, lwafundiswa, lungafike lukutwabulule ukuhluma kwale Koloni ngohlobo esingalucingiyo nati, kubu silinde kulo ngale misebenzi yetu mikulu siyi singeteyo ngamacala onke. Kodwa ukuba site endaweni yokulunceda, nokulukutaza esuke u Rulumente waludukisela akalukatalela, wada wagqita nakoko ; yada yaba ngu Rulumente kanye ofaka intshabalalo pakati kwalo, ukuze bati abantu abebeya kuba litamsanqa kuyo le Koloni, basuke babe liqalekiso, basuke batshone banzonze babe nangapantsi kwezilo ezingena mpefumlo,—boti kokoku- tshona, bangatshoni bodwa, kodwa baya kuyirwiqiliza yonke le Koloni baye kweyela kunye nayo apo baye kutshona kona bona.' JOHN J. IRVINE.