Title
eng Ukucolacola. (ISIG_1885-12-01_i003)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summaries
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i003
Word Count
eng 2938
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p004
Page Spread
eng 4.1-6.1
Start Page of Article
eng 4
End Page of Article
eng 6
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
AMADABI ASE LUSUTU—Kuvakala ukuba kumadabi ka Ramanella no Lipoqo kufe ama 55 bebonke kulo macala omnbini, zaza inxwelera za 50. Ke kuvakala ukuba ngoku kusukuzana u Mama no Theko, kuba kuvakala ukuba u Theko uyakatazwa kunene ngu Mama ukumnna ewuhluta umhlaba wake, ze kuti bakusana ku i ndziya adle ngoku- gweba u Theko uokuba koniwe ngu Mama. Udewatumela nakwi Commissioner yakona ukuti ukuba ayimtinteli u Mama uya kumohlwaya ngohlobo angasakululibala kamsi- nyane u Mama lowo. OZIPOSE KWENI.—Ati amapepa kuko indodana entsundu ezincamileyo, yazigibisela kwelo wuba lomhadi kutiwa yi Kimberley Mine. Kute kweli xa kuza kududunyiswa nge dynamite eminxunyeni, ekuti kuye into eninzi yaba- boneli. kwati kusenjalo tu indodana sel'izibelek' emhlana inyawo. ilandelwa ngamagwanqa amabini, eselelele nge ncum ukuyisukela, yaya yatsiba kulo nkemfu yeliwa yaya kutsho eluqaqeni, kwati xa ibisaqengqeleka ukuba iye kutsho ezantsi kwelibomvu, yanqandwa ludini kwa lamawa. Wavuka umfomkulu, wanqola wenyuka, wakaulelwa ngabantu ababesebenza kulondawo, bambamba bamnyusa nge embile yentsimbi (le ibaleka ezingcingweni zentsimbi ituta umhlaba wedayimani) wasel' ekaulelwa ngala madodana ebemsukela, wasiwa etolongweni. Kanti lomntu ede ancame ubomi nje kungenxa yokuba etuke idindala. U LOLIWE E DAYIMANI— Kute kwakubonakala emape- peni ukuba uloliwe selengena e ' Kimberley, kwabonakala into eninzi yeli lizwe isongela ngeliti, namhla soke sibone liko nje ihashe lika Rulumente ukuba akukuya kufika nezididimakwe zamaxegokazi na, ezibantwana baya kulo mazwe. Sekusongelwa nangabangazanga baye kwelo 'zwe, kungasatetwa kona ngabaliqelileyo kade. UKUXOTYELWANA.—Amapepa axela ukuba ilizwe lase Lusutu limehlo lonke. Kutiwa kuyapiselwa kunene, kusizilwa amakaka, kulungiselwa imfazwe kanye. lzinto zakona zalata ibala elibi kanye. UKUBANJWA KWE NZOTSHOLO.—Ati amapepa, lamadoda ayezimisele ukuva kwelika Khame abanjwe ngamapolisa ase Molepolele. aze amelwa nge £500, aze ngelawo icala ati emnye azimele nge £250, ize kuti bengenayo bahlale inyanga ezintatu entolongweni besebenza nzima. UKUGWETYWA KUKA PELSER.— U Rev. J. D. Don wase Qonce umoyisile u Pelser kwityala ab'emmangalele ngalo, kuba umfundisi lowo ufela inyaniso yokubuzela umfo owadutyulwa ngu Pelser lowo. UKUPANGWA KUKA STROMBOM—Ati amapepa indoda egama lingu Strombom ekwe lama Ndebele iyawa fike etshise nqu tu izindlu, kwapangwa nempahla zake. Indle- ko itelekelelwa kwi £1,400 ne £1,500. Kokwesibini namhla epatwa ngolo hlobo. Kuvakala ukuba u Lobengula uyayilwela lonto yenziwe ngabantu bake. IDABI LASEMA MPONDWENI.— Ati amapepa kuko ukuliwa pakati ko Josiah Jenkins no Nota, kufe umpakati wamuye ku Jenkins, yayinxwelera yanye ku Nota Kuvakala ukuba uma Baca anxamile ukumneeda u Nota, asikuko nokunxama kwawo esalelwe zimantyi zalo mazwe. Kude kwaza kuba lolwe 10 ku November kusavakala izitonga zokuliwa ngase Rhode, Kutiwa imantyi zizinxekenxeke ukunqanda ezo zipekepeke zinxameleneyo, Imantyi engu Wm. Cumming, Esq., isinge entlanganweni yo Mzimvubu no Kunana, ukuya kunqanda ama Baca. EZOCINGO.—Lwalute ucingo lwe 11 ku November ama Mpondo abakupile abantu base Rhode emakaya, selefuna nokuwutshisa umzi lowo weso sikolo. Kuliwe ngase Mzimvubu, kufupi ne Lokeshoni ka Sixandu. Kuliwe nama Baca, kwafa abautu ngamacala omabini. Abantu base Rhode bawelela kowakwa Baca umhlaba. Ama Mpondo akeva nangendlebe, enengcwangu. IMBANGI YEMFAZWE,—Ati amapepa imbaugi yale mfazwe ipakati kwama pondo nama Baca ibangwe kubiwa kwe hashe ngama Mpondo. KUKO amare okuba u Mqikela inqwelo uzidla kunene imali ye tola kulo ndlela ipakati ko Mtata ue Kokstadt. UKUSONGELWA KUKA MASUMPA.—Ipepa eliyi Star liti u Lotoli umsongele ukuba uya kumdla u Masumpa ukuba ko kwabuyo kwavakala enye into kweso sitili sake. Kanjalo kuvakele ukuba u Masumpa uyapuma ebukosini, ufuna umhlaba ongowake aya kuhlala kuwo ngezi mini asadla ubomi, esel'engumntu nje kodwa. Kuvakala ukuba zisapelile izipitipiti zase Lusutu. UKUMBELWA KUKA TANGOBI.—Ati amapepa kuko indoda embelweyo ema Mpondweni ngomteto ka Mqikela. Le ndoda yileya iyeyona yabulala u Hope imantyi ka Mhlo- ntlo, ngoku ifa ngokusuke imanye amahlanza u Bryne u Mlungu okwelozwe, wapantsa ukufa ngalo manxeba. ISIPITIPITI SAKWA NYAUZA.—Liti ipepa lakwa Adam Koko le 12 ka November, kuyawa buye kwaliwa ngama Baca nama Mpondo, yaza impi ka Notanza yawagxota ama Hlubi aye ngamadoda alikulu engaweso sikolo sase Rhode. U Notanza yinkosana yasema Mpondweni. ISIYALO KU MAMPONDO.—Anga Amampondo, amaba- ndla ka Nyauza ka Ngqungqushe, ka Hlamba-ngobende angabeka izito angazoneli. Lento into iti ukuba ibonwa inqabile ikoncile ezinyanisweni, ilotywe ngokwe palanga, incungwe kube kufunwa ukuze inqakaqeke, iwe, ukuze zidungudele inyaniso zayo. Lalani pantsi mabandla ako- mkulu, bekani pantsi ezontonga, tetani nge milomo. Lu- ngisanani ngento nivane. ningapatelani ubukali. Sitetela ekubeni izinto zangoku aziqondakali. Onke amalungelo enu wameleni ngemilomo, ningazixaki ngokwenu. IZWANA KU BATEMBU.— Lalani pantsi ngezisu mabandla akowetu, musani ukubuduza, tungani inqu kungangeni nto. Musani ukuba zinto ngento njengoko sitshiloyo i Sigidimi senyanga edluleyo sayaleza sikumbuza nge Mbumba ya Manyama. Sibekisele kulo lopu-lopu w'alo mfuduka kutiwa yiyani kwa Qumbu ngu Folose. Lalani pantsi nina ningashukumi. ITYALA LE NQOMA.—Kwipepa eliyi Cape Mercury sibona ukuba bekubambene n Zonke no Damon nge mazi ebomvu eyayinqonywe u Damon ngu Zonke. lnqoma le ema Xoseni ibiyinto enkulu eluncedo kubantu abapantsi. Baninzi abade baba zizityebi ngenxa yenqoma, kuba bambi bebenqonywa imigqeku yamagwece amatokazi, zimane zizalana zisanda ngolo hlobo, kanti mhlayimbi umninizo, nokuba ngu nyana wake, woti ukuba ngabantu abakolise- neyo aye njengokucela, asuke anikwe nanye mhlaumbi mbini kwezo nkomo. KANTI ke kodwa ukuba abavananga kobizwa nenzala yezo nkomo, kuba isiko letu sonke tina bautsundu kukuba yonke into iyaxonywa ebaxeni osukuba uyinika omnye umntu, yahlala imelwe yimbuyiselo nokuba incinane, ebonisa ukuluvuma nokulukumbula uncedo awayelenzelwe umntu oko eb'esepantsi, kuba ebesiti ongayenziyo lonto ilupau lombulelo, umangalelwe ezinkundleni aze agwetywe kuba engu Bed'idlaba. U Damon siva ukuba ugwetyiwe noko amatole alo nkomo uwagwetyelwe, kodwa lona isiko liti makupume nenzala xa kungasaviwanayo. ISICOTO SASE WINTER HOEK.— Liti ipepa lase Tinara ke kwawa isicotokazi esikulu, esimtye anga ngamaqanda oranise, into ebete yaxobula nemiti. Into ebingeko ngu moya, kuba impahla ngeyigqibele ukufa zezo mbokotwe ukuba umoya wab'uko. ISINTSOMPOTI KWAKONA.—Liti kwa elo pepa kute emva kwesitonga esikulu sendudumo kwavakala kuko isandi esikulu esizayo, sisitsho pantsi emhlabeni. Ite nkazana itile intsundu yabona kwindawo esuke yavuleka umsele ubungeko, kuqukuqela umsinga wamanzi, kwindawo emhlaba ub'ufude uyinkinqane efana netala lelitye ukuba lukuni Lenkazana iye kubiza u Mlungu wayo u Belingana (Mr. Belingan), oqinisa inyaniso zake naye ukuba londawo yayinje ngetala ukuba lukuni, okunye yayingena msele ngapambili. LOMNYAKA ungu 1885 ngowona bekungatshiwo mhlope ngawo ukutiwa uyinkunzi eminyakeni. Kade ibako iminyaka yondlala, namalanga, kade kubako imfazwe nencitakalo, nezaso Mbo, nozase Bungune apa, kwane zase Lusutu, njalo-njalo, kodwa akuvakali ukuba kuzo zonke ezo kuko eyake yafana nalo yalo mnyaka. *** Lonto kunjalo, kwiminyaka yakudala, besisiti isizwe sakucitakala, nokuba kunge imfazwe (kuba yiyo tina into obicita kweli lizwe), sifike siye kukonza kwesinye, sifike samkelwo, sinqonywe imigqoku yenkomo, sikutshwe namatanga ukuze simimiteko kamsinya. Sifike sibuso komkulu, sizuze inkomo, sivutuluke, sicace, sibe ngabantu, sibe ngamapakati amakulu inxenye, nje ngo Menziwa, no Bongoza, no Dotwana, namanye anewonga elingako, inxenye ebede nbuliswe, nje ngo Mguye, no Runqa, no Gaba. Abatatu ngabezi ntlanga namhla zidunyelwe kukuba zingama Mfengu, zizo ezo zaqala kwakwa Ngqungqushe zikhoza zidlula, zade zeza eba Tenjini, zade zeza kuti kefu kwi Siroro so Nobuto u Hintsa, eyona nkosi yazamkelayo ngobukosi nobubele. Waziletelela kumagezana abofuna ukufeketa ngabantu, esiti makazilwele ama Mfengu angaziyekeli, kuba nguye oyinkosi, lomatyala ezo nduma oza kuye. *** Iminyaka ye 1877 ne 1878, kude kuye ku 1879 siti tina bantsundu siyiquke ngagama nye, siti kwati-kwati nyakana ngo Nca-ye-cibi, ishiye isinqe sembali ezilusizi kunene, ishiye inkedama ezingama waka-waka, kwanaba hlolokazi, njalo-njalo, kwintlanga ezininzi zama- bala ngamabala. Zigudu kupelakulo lonke elalinamakaba elaliwatu- mele ukuza kulwa kweli lizwe, kuqalela kwelama French kude kuye kwizikilongo zase Mozambique esiva kutiwa ama Gcaleka azigwaza eteta esiti, ' Sinashwa nina ukuba sitiwe si ngabantu abanje ukuba mnyama? ' *** Kususela kulo minyaka lonke eli lizwe lisalila kuba lifelwe kunene ngabaninilo, zibanjiwe inkosi eziseleyo kunye nenkedama zazo, umzi usacitakele kunene, nowakwa Zulu kokukona umi ngezintya ngenxa yama Bulu, ekubeni nawo ngokwawo ungekaxolelani, usamane uqubu- lana, usilwa, ucitana. *** Kanti kukwanjalo kowase Lusutu, kwa Mketshane, uvukelene kwa wodwa, wakubonukuba ucitwa butywala bo Mlungu kakase, obu namhla bupikelwe ukufakwa pesheya kwe Nciba, apo kuko ezo nkubele namaqongqolo ama Ngqika acitwe butywala bo Mlungu. *** Kanti kukwanjalo kwizizwe zoma Qwelane noma Rilikwa, nazo zicitakele kwangayo lemfazwe yokugqibela ka Nca-ye-cibi, abanjwa ubuninzi bawo nentsapo yawo afakwa ezintolongweni, inxenye yafela kona. Yati inkosana engu Ramra epantsi kuka Waterboer, inkosi enkulu yama Rilikwa ase Barkly West, umyeni wentombi ka Adam Kok, yapulukwa nangumhlaba wayo, nempahla yayo yonke, bati abantu bavo bayimibandela kuzo zonke ezo ntlanga zikulo mazwe. *** Kanti yade yava kufika nakuma ranuga amadala ehlise i Gqili inxa zombini, yada yabusela kuba Hlambeli o Mankoroana, kwacitwana yazintuli apo, mhla kwafa into Zodedo zalwa zade zasakasa, zavingce- lwa intsuku ezitile yimikosi yezizwe zonke, bade bapelelwa, yinxawa ukuze bacitakale. Yenze into ezinjalo lemfazwe yokugqibela, yaze yancedwa yiminyaka yamalanga elandeleyo, zati indlalu zalundelelana, kwade kwaza kufika ku 1885, io ke namhla usel'engenwe litwabe lokufa. *** Ngo 1878 no 1879 kucitakele oma Palo, nenxenye yoba Tembu, njalo-njalo, kwatinjwa amazwe, inkomo, igusha, ibokwe kwada kwaya kungxawu, kwati abebu sezinkonxeni basinda, banceda nabanye. Kodwa ngalo nyaka bonke bumfan'inye, bapotula ngobe ncuka, Ube sehlalini ufuna nobe se nkonxeni. Nonyaka kungene no sitwayi, no mbendeni, njalo-njalo, kumazwe angazanga ube nonto ezinjalo. Namhla abautu ubuninzi babuyele kwaaekulinieni ngezaudla, bup'ila uge nkinqa. Namhla yinto eninzi nakwaba mhlope abafuna inkonzwana kwaba ntsundu, u Baas ukonza ku Outa, umvulela kwase busuku ebiza ukutya, efuna uncedo naye kontsundu namhla, kuba kusebenza amandla angaketi bala nasizwe, yonke lonto siyibona nonyaka. *** Kanjalo, kwakuwo lonyaka sibona into engazange yako kwiminyaka edluleyo, le yokusweleka okungaka kwe mali nembewu, Zininzi inkomo ezitshone nganxowa nganye, kulo lonke kude kuye kwela Benduku yingoma inye. Kuko ke into esifuna ukuyibika emzini wakowetu wonke, Siti zonke ezi zinto zenzekileyo kuwo lonyaka sinawo, muzibe sifundo kuti sonke, zize zisibange ukuba sicinge ngawo lamandla asebenzayo, angakete baci wona, la ate sakubon' ukuba site ngka imilomo, singenabani singaya kuye tina, ekubeni singo Nontongana ate lomandla asebenza kwi ntliziyo ezininzi zezicaka zo Somandla, ukwenza amacebo okunceda imilwelwe, amaxego, namaxegokazi, nabantwana, bonk' abantu abangena kuzenzela nto ngemali zabo nemigudu yabo yokuzibika ku Rulumente ngozi mbewu. *** Abo bantu masibaxase ngemitandazo, nangokuti sihlale simi ngecala labo kwinto zonke, kuba balufundo lwetu, kuba basimbile, basigengqa, basipanda, basiloba, okuya besitshonile kwi ntywenka zeziziba zobu- ginwa nobunyama, basiseza kolunga ngxengwanga ubisi Iwe gospeli. Masibatandazele, sibatantase ngo tala lomtandazo ukuze izandla zabo zingatyafi, zingadinwa. *** Masingazomelezi, sizikutazo intshaba ze Mfundo yetu ngokuzamana nabo basifundisileyo. Asiyona nto liya kuba nanzeku yanto ngayo ukuti sixomane nabafundisi betu ngohlobo lokuba ziti intshaba zemfundo zizuze indawo yokunyatela ngendawo evele ngakuti, ekuyi- lweni indawo yokufundiswa kwetu bantsundu. *** Enye ke indawo esiyibikayo kumzi wakowetu yeyokuba kuko amare okuba la nkosana sasiyibulisa ukutwasa kwalo mnyaka, sisiti sonke, A 1885! itiwe kata litwabe, kuba yatiwa gqute lihlaba kwango July. Kutiwa ite ukuze ihliwe lelo hlaba, yati kuba ib'ingasaziboni esipilini yati tu izimvi iyinjokwe, yaye nemibimbi isel'izinkata, yaye selingumgibe ukugoba ngenxa yesinqe. Bati itshitiza ngezwi elitj mayitenjiswe ukuba maze lonyana wayo abuliswe ngegama lokuba ngu '86, nokuba ite yona ayikufikelela kwezo mini ze Nibidyala. Kuko amanye amare okuba isuke yaba mandundu ngakumbi ukufa yakuva ukuba kuhlalale ukubako imincili nemigcobo kulo lonke elimileyo, ngenxa yokukumbuza imini yokuzalwa kuka Tshawe lobomi, ka Nyange lemihla, ka Somacebo, ka Mangaliso, ka Qamata ka Somandla, ka Dal'ubomi. *** Enye ke into ezindaba esiyibikela umzi yeyokuba kuyo lenyanga kuvakala ukuba umkuhlane walo nkosana ingu 1885 ukulile kanye. Akuqondeki ukuba iya kupumelela. Kutiwa sekulalwa ndawonye, namagqira afuna ukuncama kuba kutiwa ingenwe kwa sesa sifo sigqibe umzi wakwa Mnyaka, kutiwa imka kwa ngelo shologu lalomzi. Noko kodwa akuqondeki ukuba iya kulilelwa kakulu lonkosi, kuba ifa yenze izinto ezininzi kunene ezingasoze zibulelwe mntu. Bambalwa nakwabakowayo abaya kuyizilela naxa ide yafa, kwaye kubonakala ukuba iyakuti ukuba ishiye unyana akasayi kuteketiswa mntu, kuba exalelwe ukuti hleze afuze uyise, mhlaumbi ade agqitisele nakuye, kuba kade imfuza iyinto enjalo. *** Kuko amare okuba lonkosi ingu '85 iti kwakubako isitutyana sokuteta iti, maze iti ukuba izuze umntwana oyinkwenkwe, njengoko ilindele njalo yona, nokuba umntwana lowo ute mhlayimbi wapangele- lana nokupuma kompefumlo, njengoko isitete salo mzi wakowayo sinjalo, iti ke maze kutiwe ngu 1886 igama lake. Itsho iti, lisoko lalo mzi wezo nkosi zakwa Mnyaka ukuti kuqutywe ngegama elitile elibuyelelana, zide zibe zizizukulwana ezisitoba, kuti ke ngeseshumi kuveliswe igama elitsha. ** * Kanjalo kuyo lenyanga kulindeleke inkumbuzo kuzalwa ko Mhle- kazi u Tshawe lo Bomi, u Gazi-mrolo ngenxa yobomtina, u Mlamleli, no Mteteleli, u Mangaliso, u Lutando lungena mbaliso, u Luxolo, u Mvume evumela ukusindisa abantu. Lomini yokuzalwa kwake kutiwa yi Klesimesi nangani kungate nqo ukuba yeyona mini wazalwa ngayo kanye, kodwa kumalunga kwelo xesha. IYEZA LOBUSELA—Kungavuyeleka kunene ukuba lento isel' izalise umhlaba ngokuxoxwa, le ikukunqumla ozindlebe, njalo-njalo, ibingeyiyo into efuna nesi sixoxo sikwa zalise ilizwe sokuba imfene le ayizalwa, kusuke kunzonze kwaleya ibiselindala. Liya kutinina eli yeza, alikuxaka na lakubekiswa ko Mguye? Ku- bekiswa ku Jeke yedwa na, lo kutiwa makati yena akuba into yomntu, uti ukuviswa ububi anqunyulwe indlebe, aze abuye axatyulwe ngekatsi, kanti uya kukanda amatye iminyaka? Kanicaze siyiqonde kakuhle into eniyitetayo. Ziyu kutiwa nina impembe eziginye amazwe ngobu- sela? Ngubunina onako ukupakamisa isandla sake kuqala, anqumle indlebe yomnye kuba yena emsulwa? Uko na kodwa yena omnye? Ukuba ufuye izinja ezimbini u Bull no Fido. Ke le yokuqala yinto emehlo abomvu, into elwa nengwe nengonyama, into emazinyo ate sinini, apandle, Ke le yokugqibela yingqeqana apa encipileyo, eli- ngene umtamo nokuba ngumvungulo ku Bull. Ke, ukuba itambo ulinike u Fido, wazo walihlutwa ngu Bull ngamandla, asibo busela na obo? Anqunyulwo indlebe na u Fido kuba engena mandla, aze u Bull ayekwe kuba anamabavumo awotusa o Qobasikweze, bebeta baqikiloko ngemihlana, seboxome amanqinana ngenxa yokucenga? Okunye gxebe uti u Bull akalilo sela kuba ete esavungama ekude wasel, elilahla itambo lake u Fido, esol' etobe namadolo, esenza u Bayete kwisela elingu Bull. *** Uti u Gxuluwe makanqunyulwe indlebe kuba ohlutiwe izikali zake kwano nyamakazi ngamabandla akulo Gqirashe? Gxebe wenz'ukuba uti makabanjwe u Gxuluwe aposwe isiqitini iminyaka yokupila kwake, kuba wati akuindwa zinkewana za Batwa ziyotywe lityotama, wati kuba way'eboleke intshuntshe kwakuzo, wayilola yangameya, wazi- gwaza, wakwasa wabeta kwabanda namawa? *** Kauqalele ko Bal'intulo no Mbelembushe, njalo-njalo, abaginya imihlaba yo 'Runqa, kwatshona nenkomo eyabitengwe ngazo. Kauqalela ko Sanxawe no Nkombisa, njalo-njalo, abenza ububelana bakwa Nzalana, kanti ngamasela, zintlola, wawuke wabanqamla na indlebe? Kaubuze kumhlambi wakwa Cwama ukuba kufanele ukuqalelwa pina ukuba lento ilisela ifanel' ukunqanyulwa indlebe sinina, nokuba bekufanele ukuqalelwa pina? *** Siti isi Balo wati akubanjwa umfazi otile ekurexezeni, wati u Msindisi, osukuba engena sono kwabo bamangaleli bake, maqale amgibisele ngelitye, kwati kuba bonke bebefana kwanalo mfazi, bampuntsha ngabanye ukupuma. Niti gxebe ''isela malinqunyulwe indlebe? Ongazanga ahlebe, ancatshe, ahlute, acenga-cenge, anike imbila nge ntloko, atyole omnye umntu, anqwenele imihlaba, inkomo, ubukosi babanye, makaqale anqamle indlebe yesela. Nanko umntu onemfanelo, ngongenzanga ngankohliso banini, ngongena nzuzo, namfuyo, namafa enzuzo eyasekwa ngobumenemene. Kuba baninzi ngezi mini abapulukene nezinto zabo ngezi ndlela zingentla apa, bahlutwe yinto eninzi yabantu abahlaba imikosi ngezi mini zanamhla- nje eti ' Sika, beta ngekatsi ezinto ziba kunene! nqamla nendlebe zibe zirunu zinge zibilidokwe.' *** Yekani lonteto, yovumbulula izinto ezinukayo, zisaya kuvumbuluka Kade kuba zona izinto ziseza kuma ngolunye uhlobo, nokuba kukade nokuba koba msinyane. AYAPEIA AMAZWE KUBIWA NGAMASELA. Aya- bonwanje? Azi ngekukukulu ukuba bekuko Ntlebi, tyapile kube ko Mguye. *** Kanifunde emapepeni, nikangele apo ukuba yintonina, ikukwenza ntonina lento bati abantu beyala into enje ngo tywala emideni yabo, benze imigudu yokukalima kwabapete ulaulo, kusuke kube kokona bunyanzelwayo utywala, kube kufunwa ukuze bacitakale, babange ukuze kusalwe nopahla. Yintoni na ke leyo, ukuba busela ezo ndlebe ziya kurunwa ngubani na, zifunyenwe pina? LINYE LONA IYEZA eliya kuzinyanga zonke ezi zinto. Kuqala lu Manyano lobuzwe, ukuze niti into enisukuba niyiteta nibe kuyo nonke, niti isikalazo eninaso nina bantsundu nisibekise nonke kwi botwe enisenikulo namhla, enalicuba ngokwenu. Okwesibini, sebenzani kunye nabafundisi benu, ningake nahlukane nabo, abo banisizelayo, banivela ubuhlungu kwezi zinto nipantsi kwazo. *** Lento ngoku ixakile kanye, ayiqondeki eyona nto kwenziwa yona, asazi ke ukuba oku kutshatyalaliswa ngotywala kwezizwe ezintsundu kokona kufundiswa na ke ako? Mgulo msebenzi bati abamhlope batunywe ukuza kwenza wona na e Africa? Inxenye yeiiza wona kupela. Ke, ukuba itambo ulinike u Fido, wazo walihlutwa ngu Bull ngamandla, asibo busela na obo? Anqunyulwo indlebe na u Fido kuba engena mandla, aze u Bull ayekwe kuba anamabavumo awotusa o Qobasikweze, bebeta baqikiloko ngemihlana, seboxome amanqinana ngenxa yokucenga? Okunye gxebe uti u Bull akalilo sela kuba ete esavungama ekude wasel, elilahla itambo lake u Fido, esol' etobe namadolo, esenza u Bayete kwisela elingu Bull. *** Uti u Gxuluwe makanqunyulwe indlebe kuba ohlutiwe izikali zake kwano nyamakazi ngamabandla akulo Gqirashe? Gxebe wenz'ukuba uti makabanjwe u Gxuluwe aposwe isiqitini iminyaka yokupila kwake, kuba wati akuindwa zinkewana za Batwa ziyotywe lityotama, wati kuba way'eboleke intshuntshe kwakuzo, wayilola yangameya, wazi- gwaza, wakwasa wabeta kwabanda namawa? *** Kauqalele ko Bal'intulo no Mbelembushe, njalo-njalo, abaginya imihlaba yo 'Runqa, kwatshona nenkomo eyabitengwe ngazo. Kauqalela ko Sanxawe no Nkombisa, njalo-njalo, abenza ububelana bakwa Nzalana, kanti ngamasela, zintlola, wawuke wabanqamla na indlebe? Kaubuze kumhlambi wakwa Cwama ukuba kufanele ukuqalelwa pina ukuba lento ilisela ifanel' ukunqanyulwa indlebe sinina, nokuba bekufanele ukuqalelwa pina? *** Siti isi Balo wati akubanjwa umfazi otile ekurexezeni, wati u Msindisi, osukuba engena sono kwabo bamangaleli bake, maqale amgibisele ngelitye, kwati kuba bonke bebefana kwanalo mfazi, bampuntsha ngabanye ukupuma. Niti gxebe ''isela malinqunyulwe indlebe? Ongazanga ahlebe, ancatshe, ahlute, acenga-cenge, anike imbila nge ntloko, atyole omnye umntu, anqwenele imihlaba, inkomo, ubukosi babanye, makaqale anqamle indlebe yesela. Nanko umntu onemfanelo, ngongenzanga ngankohliso banini, ngongena nzuzo, namfuyo, namafa enzuzo eyasekwa ngobumenemene. Kuba baninzi ngezi mini abapulukene nezinto zabo ngezi ndlela zingentla apa, bahlutwe yinto eninzi yabantu abahlaba imikosi ngezi mini zanamhla- nje eti ' Sika, beta ngekatsi ezinto ziba kunene! nqamla nendlebe zibe zirunu zinge zibilidokwe.' *** Yekani lonteto, yovumbulula izinto ezinukayo, zisaya kuvumbuluka Kade kuba zona izinto ziseza kuma ngolunye uhlobo, nokuba kukade nokuba koba msinyane. AYAPEIA AMAZWE KUBIWA NGAMASELA. Aya- bonwanje? Azi ngekukukulu ukuba bekuko Ntlebi, tyapile kube ko Mguye. *** Kanifunde emapepeni, nikangele apo ukuba yintonina, ikukwenza ntonina lento bati abantu beyala into enje ngo tywala emideni yabo, benze imigudu yokukalima kwabapete ulaulo, kusuke kube kokona bunyanzelwayo utywala, kube kufunwa ukuze bacitakale, babange ukuze kusalwe nopahla. Yintoni na ke leyo, ukuba busela ezo ndlebe ziya kurunwa ngubani na, zifunyenwe pina? LINYE LONA IYEZA eliya kuzinyanga zonke ezi zinto. Kuqala lu Manyano lobuzwe, ukuze niti into enisukuba niyiteta nibe kuyo nonke, niti isikalazo eninaso nina bantsundu nisibekise nonke kwi botwe enisenikulo namhla, enalicuba ngokwenu. Okwesibini, sebenzani kunye nabafundisi benu, ningake nahlukane nabo, abo banisizelayo, banivela ubuhlungu kwezi zinto nipantsi kwazo. *** Lento ngoku ixakile kanye, ayiqondeki eyona nto kwenziwa yona, asazi ke ukuba oku kutshatyalaliswa ngotywala kwezizwe ezintsundu kokona kufundiswa na ke ako? Mgulo msebenzi bati abamhlope batunywe ukuza kwenza wona na e Africa? Inxenye yeiiza wona kupela.