Title
eng Imbali Ye Nkosikazi U Sutu. (ISIG_1885-12-01_i004)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
xho Editorial
SubType of Article
eng Story
eng History
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i004
Word Count
eng 1044
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p006
Page Spread
eng 6.1-7.1
Start Page of Article
eng 6
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
U Sutu lo ubube nge 10 Aug., 1885. Ub'esazeka kakulu ngokuba wabengunina womhlekazi u Sandile. Way'eyintombi ka Mvaxeni, yase Batenjini, ogama limbi lalingu Tshatshu. Andiva nto ngobom bobu ntombi bake kude kuzokufikelela esitubeni sokuba azekwe ngu Ngqika nje. Wazekwa ngapambili kancinane kokufa kwelizwe ngeduli lama Linde, elalipakati ko Ngqika no Ndlimbe ; kuba lisihla nje usengu mlobolokazi. Xa sitabata indawo yokuba intombi zenkosi zona, zibe zisenda sezifikisile kanye ebuntombini, singaqonda ukuba iminyaka yobudala bake ngelo dull (1819) yay'imalunga namashumi omabini anantatu Singaqonda ukuba ke lenkosikazi ipile iminyaka emininzi epakati kwamashumi asibozo nasitoba. Endele kulo mfo ka Mlau ke ongu Ngqika, wamiselwa ekubeni abe yingosikazi enkulu ; kuba nje ngesiko lakwa Palo lokuzekwa koyena mfazi mkulu we nkosi, eliti,inkosikazi enkulu mayibe yintombi yenkosi yesinye isizwe esinobukosi baso. Yena ke, kuba waye ngum Tembukazi wamiselwa kuyo londawo. Wahlala ke kulo mzi wakwa Ngqika, wawukonza, waza ngenxa yokuwukolisa wazifumanela ukutandwa ngamapakati ake. Kute apo kuqale kona ukuza kubako utando, u Ngqiko wanxamela ukuzeka IMBALI YE NKOSIKAZI U SUTU. (NGU WM. D SOGA.) Taru mnumzetu! Ndoqala namhlanje ukuti, kanti na kowetu apa kuzelwe umfo, ukuba undifakele umazwi endi- wasingisa kumzi ka Palo, nezihlobo. Taruni mzi wakowetu! ndibe ndise sendle ixa eli, ndiyaqala namhlanje ukuti nyalulu. Ndabe okunye ndibe ndisiti imini enje ifanele amadoda, amapakati. Ngati akubonakali ne Lawo lentaba, lento ke ndivelayo. Ndiya- zeya kanye ukuba ndingenza ilinga lokubala ibali lika Sutu, ongaka. Ndinetemba ukuba olinyange kunam ngengqondo, woti akulifunda eli bali, ukuba ufumana isiposo asilungise, ize umzi ungalahlekiswa. sayo sobomi, wazibonisa u Msindisi wayo. Ekuqubeni kwe minyaka epantsi kwale mfundiso, i Nkosi yayamkela nje ngo Msindisi wayo, yaza ke yangeniswa ngokupehlelewa erementeni ngomnyaka we 1880. Kususela apo ke yapila impilo efanelekileyo yokuzitoba, nonyamezelo. Ingena kunqena ukuya kudumisa u Tixo endlwini Yake, ingadinwa kukupulupula indaba zake, iyintokazi etandazayo, isimilo eso esigcine yada yatshona encwabeni. Ite yakupelelwa a amendu ayarora noko, yalangazelela ukuya endlwini ka Tixo, yahlala ibabuka abantu be Nkosi, ngokukodwa, ide ibayaleze abebe man'ukuza kuyilesela izwi lika Tixo, isiti 'ze nibuye nize. Izicaka ze Nkosi, abafundisi ngokukodwa, azinqenanga ukuya kuyivelela, ziyizisela ezindaba zilungileyo. Ngapaya kwabo ke, izihlobo ezinga udade bo Ngub'encuka, wamzeka ke. Waza akuba emzekile wafuna ukuba kumiselwe yena ebukosikazini, kuba icala lakowabo ebukosini base Batenjini yayilelona likulu. Watsho u Ngqika wazikupa imvaba namakaka kwa Sutu, wati kuse Mpumeni kona, wati ezonto wazifaka kuleya indlu yomtshakazi. Ude u Ngqika waya kuyingenisa lento kumkuluwe wake ngo yisekazi, ogama lalingu Hintsa, obe yeyona nkosi inkulu yama Palo. Kute umhlekazi u Hintsa esate nqadalala yile ndawo, wasuke u Ngqika wahliwa sisifo, wabuba engagulanga. Ute ke yena u Hintsa akonakala umninawe wake lowo walanda kwa landawo yokuba u Sutu waye miswe ebukosi kazini, waza ke wamisa u Sandile ukuba abe yinkosi yama Ngqika. Ngapandle kwabo bafazi babini ndibakankanyileyo, abanye abafazi bale nkosi ababe zintloko kumacala abo yay' ingo Notonto, unina ka mhlekazi u Maqoma, engo wase Kunene, icala lake kwakusitiwa kukulo Jingqi, baye abantu balo kusitiwa ngama Jingqi; no Heka, unina ka mhlekazi u Tyali, engo wecala lo Mngcangatelo, umzi owawulixiba lika Mlau; u Sutu ke yena ubengowecala lakulo Mbombo, owona mzi mkulu ka Ngqika. Njengoko ndibe ndisendike ndatsho ukuti u Ngqika wabuba engagulanga xesha lipi, okunye ukuba lankazana wayeyizeke kwase Batenjini, yaya kowayo akububa mgadange ifumane mntwana, njengokuba ukububa kwe nkosi yayise ngumlobolokazi. Walaula ke u Sutu nama pakati ake, ndawonye no Maqoma bepatele u Sandile, kuba wayesemncinane yena. Zisihla nje ezi mfazwe-mfazwe zama Ngqika no Mlungu, zihla u Sutu selengumhlolokazi kade. Ngale ke yona ka Nca-yecibi wave selalupele, waza ke akaya ehlatini, weza e Nkonxeni Emgwali. Wa tunyelwa ngu nyana wake inkosi kwa Mr. Pestire Soga, unyana wepakati lake elibe lilelamapakati abe zintloko kulo Mbombo, wamkelwa ngovuyo. Mhla yeza lenkosikazi yasuka yonke impahla ebibizwa ngayo yaqutywa, yasiwa emahlatini, efan'ukuba umnikaziyo yena way'engasanone lelwe nganto. Ngexesha lemfazwe kakade niyazi ukuba indlala ayitetwa, kuba ivenkile, amasimi nempahla sukuba zicitakele. Wavela apo ke umfundisi wake omdala u Mr. Cumming, waman'ukumamkelisa ukutya. Ute yakupela imfazwe wambika kwa Rulumente, ate nalapo wenzelwa ububele, wamkeliswa i pension, imali yabangasena kuzince da bebe ngamagosa amkolisayo u Rulumente. Lenkosikazi ite kaloku yabonakalalisa simbi isimilo, yayinyamekela ityalike ngokuyingena, nge mvula nange ngqele. Wada u Yehova ngofefe lwake wayivisa ngesimo ma Ngesi zibe zimane zisiya kuyibona, zifike ziyinike intwana-ntwana Ezinye, noko zingezanga zifikelele, nge zipo zazo. Kuluvuyo ke kum ukukankanya indawo yokuba, pakati kwabaveleli bayo kukwako nabantu bakowetu, endingase ndibalula i Ncemera. Into eyenziwa ngalo magqoboka umbulelo wayo awungefincwe mntu emhlabeni apa.. Koba mnandi ke kuzo zonke izihlobo ezibe zimenzela konke ukuze kudunyiswe igama le Nkosi u Yesu. Sekumalunga nangapezulu komnyaka ekwati kaloku ukwalupala kwayenza ukuba ingabi nakuya nangapandle komnyango, zaye intombi zayo ziyonga ngenyameko nobubele obukulu. Ite ngobunika obugqitileyo yangenwa sikohlelana, iman'ukusitinta, singade sipume pofu. Malunga nokutwana kuka August, 1885, izibike ukuti inento enyuka nomqolo ngasemva, kwati kanti seyizinto zokusondela kwesipelo ezo. Ngosuku lwe 10 ku August le nkosikazi yanduluka yaya ku Msindisi wayo. Azipi intsuku ngapambi kokutshona kwayo eyayisiti inga ingade iye kuba no Msindisi wayo. O Revs. Messrs. Cumming no Stirling bafola imiti, neziziba zokufihla idlaka layo. U Mr. C Z. -Soga waxela inkabi yenkomo, indandalala, ukuyizilela. Emva kwe ntshumayelo eyenziwa ngu Rev. J. W. Stirling, owati umtandazo wawuposa ku Mr. Tobe Mndayi (umvangeli), satabata itala safika salibeka ecaleni kwe ncwaba lika Soga. Apo kushunyayelwe ngu Rev. J. E. Cumming, kwingqungqutela yabeze encwabeni. Taruni mzi wama Tshawe! Kutete oli Tshawe pezu kwenu. Ningalileli lowo kodwa zilileleni okwenu. Taruni mzi ka Rarabe! u Mkuzi wabalilayo ngu Yesu yedwa, yiyani ke wonitutuzela. Siyazililiaa inkedama zale nkosikazi, nabazukulwana ebashiyileyo. Ishiye intokazi zontatu, u Makazi,* u Nodyoyi* no Nozobi (osemzini wake ema Gqunukwebenj), unyana mnye, ngu Dondashe. Le nkosikazi ishiye u Kame* ob'eliqadi layo, waza wayikonza kwada kwase kupeleni, naye lowo sel'ehagele. Ezi nkedama ndiyazibika kuni ke ma-Palo, zisele nani. U Rulumente mamkele umbulelo ngokusongela uma O O wetu, sel'enga angezilahli inkedama zake, nalo lonke usapo lwake olu ab' enalo apa. [Sibulel' indabezo kambe mfana wakwa Konwana, wakwa Mtika. Ukutsho akuko mntu uya kupendula nto kule nto. kuba singazi ke ukuba ukwenjenje kwako utenga pina. Bikela amaziko kambe njenge siko lokoko, ukuze akwazi nokuzila ukuba kube kubini, kuba zininzi izinto ezilolohlobo eziwuhleleyo lomzi wase Kunene ezingena mbali zodwa, ezoze zibaliswe mhla kufikwe kwele zidenge. ,Ukutsho ke siyabulela. kuba uselunje nge Lawo lentaba ngokuwuvisa lompanga lowo upete amapepa umzi, waye usaleka umsundulo kwi Sigidimi Sama-Xosa sika September. Kodwa ke lo ubomvu umzi ubikelwe na? Amaziko ako nkosi abikelwe na? Kowabo e Batenjini kubikiwe na? Kulo Gojela kubikiwe na?—ED. Sigidimi.]