Title
eng Ukububa Kuka Nqabe. (ISIG_1885-12-01_i005)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
xho Letter
Author of Article
eng Nculu, Daniel
Language
Date
4 November 1884
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i005
Word Count
eng 316
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p007
Page Spread
eng 7.1
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Eli Tshawe kutetwa ngalo apa ngu nyana wamazibulo ka Maqoma, izibulo lika Ngqika. Ngumfo obe nobuciko obukulu kwa nengqondo ezintweni zonke. Uzalwa ngu mfazi oliqadi, intokazi ka Hebe yakwa Leta. e Mantakwendeni, umfazi woburwala buka Maqoma, umdaka wo Notonto. Ilizwi le Nkosi waliva esemncinane, njengoko noyis' omkulu waliva kwa ko Ntsikana, wada wapantsa ukoyiseka, koko wabanjwa bubukosi, kuba waye selemi- nyela umncono wamanzi obukosi bendlu ka Rarabe, nje- ngoko wayexelelwe ngako ngumfo ka Gaba. Lomfo ub' elunge ekunene kulo Kona, unyana wo Noxina, waye gwetyelwe ukuba aze ati impambano ezinje ngeze nyamakazi ezinqina azigwebe Lomfo ka Maqoma useleneminyaka engumlandeli we Nkosi, ehlala e Debe, kwelika Marela. Ub'engumfo obu Kristu bucacileyo, buzinzileyo, enenteto emnandi, exolisayo, etutuzelayo, eyomelezayo, etembisayo pakati kwamakowabo, ehlala eteta ngetemba analo kulo usindiso alufumene ngokupalala kwegazi le Mvana. Yenjenje incwadi ebika ukububa kwake, icela okuba sishumayele emzini wonke wakowabo, ukuba lo mzukulu ka Somatshilili, ka Mpambani nencuka zigoduka, ka Hlungulwana zipata nkinqa, atuntloyiya anqwene, njalo-njalo, akaseko. * Abo banol' upau emva kwamagama abo kolu sapo luka Sutu lukankanyiweyo ngama Kristu. Iti lomfo ubube ngomhla wa 31 ka October. Nanga amazwi ayo:— NKOSI, Mhleli we Sigidimi, kaubikele umzi wonke ontsundu ukuba u Nqabe umfo ka Maqoma umkile ezweni. Umke ngovuyo netemba e Nkosini yake. Ubesiti akuya kulunguzwa, kwakubuzwa ukuba ukufa akakoyiki na, ati hayi. Kuti kwakubuzwa, nokuba ngu mfu- ndisi nokuba ngomnye um Kristu isizatu sokutsho kwake, ati—Ku- ngokuba ukufa oku kundisa ku Yesu, kuba elusizo lwam. Ngomnye umhla kwaya umkokeli otile, wafika eyedwa, wafika wakuza ngeliti yini le inje ukuba mbi, umntu ofayo ukushiywa yedwa! Ute ukupe- ndula, hayi akukubi kuba andindedwa, ndino Msindisi wam, Yena ungumqamelo wam, imini nobusuku. Ngomnye umhla kwaya abako- keli ababini, o Messrs. Daniel Nculu, umshumayeli, no Mtila Yoli, umfo wasema Zangweni. Bafike babuza ukuba bangawenza na umta- ndazo, wavuma. Emva kwawo uyaleze indawo yokumka kwake, nokuba iremente imkonze iqinisele u Kristu. Abangcwele banoyolo Xeshikweni babubayo, Intliziyo zinoxolo, Abauakoyikiswa 'nto. DANIEL NCULU. November 4, 1885.