Title
eng Izinto Ngezinto. (ezase Koloni.) (ISIG_1885-12-01_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Summaries
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i008
Word Count
eng 466
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
HUTSHU ! hutshu! hutshu!!!—ihlabe emva komkono, yosela injengcl' induna, umntwana wokuzalwa wase SIKO- TILANI, osahleli nesondlo sakowabo, nesemfundiso yelizwi lika Tixo, eli limfundise ngamanye amaqawe akade efela lenyaniso Nanko kambe mzi ontsundu, lomfundisi wase Qonce uftle tina. Ubuyile ke oyisiJe, kodwa ke udleki- le, kuba kaloku nani nisazi ukuba atnatyala alo inbuso atetwa ngemali onke. Yibuteni tnabandla antsundu, mku- peni kwelityala u Nyawontle osicaka sika Tixo u Bev. J. D. Don. Kupani elihlazo kuba amawabo seleyibuta, kanti ib'isitiabantubokwenjenjalo. Ityalalilonkengati ngamakulu omahlanu eponti (£500). Ke, onesheleni, none tiki kuti sonke zikolo zabantsundu, mayibutwe itunyelwe kwi Mayor yase Qonce u D. T. HOCKLEY, Esq. Nango umse- benzi zibonda nenkosi zakowetu, Nango zititshala neto- like ezisezi ofisini kupani ihlazo. Misani i-Komiti zalo msebenzi kwindawana zonke, nenze into ezimsinya singade sipangelwe ngamagwangqa. KUBA BALELANT.—Siyazibulela incwadi zo ' C. Kuzwa- yo ' nezimbini zika ' T. M. N.' Sinosizi ukuzenza umbeko ngenxa yokuswela isituba kule nyanga. IKAYA LENDWENDWE LABA NTBUNDU.— Kube luvuyo ukuva ukuba kuko indlu enje evulwe e Qonce nge 10 Nov. 1885, ngomnye webala letu, u Mr. AMOS THOMAS. Unga umzi ontsundu ungamxasa. Sinyanisile isaziso sake ukuti yenye yezinto ekade zilangazalelwa. Silinqwenelela impu- melelo elo ' KAYA.' ISIKALAZO NGOTYWALA BO MLUNGU.—Ati amapepa ke kwako intlanganiso enkulu yenkosi zama Xosa, kwane zama Mfengu, nezipakati e Gcuwa, eb' ikalazela indawo ku Bulumente yokunika ilungelo lokutengisa utywala bo Mlungu pesheya kwe Nciba, pezu kokuba bona bengayita- ndi lonto yotywala kuba ingumtshabalalisi woinzi ontsu-ndu. Into ebuzwa yimpi yapesheya kwe Nciba iti kunga- nina ukuti bemangala, becela ku Bulumente suke utywala abuvulele ukuba butengiswe kubo kanti ababufuni, buuga- peliswa ? Nantso into abayikalazelayo, yinto leyo eyenza isirano ngaku Bulumente. IDABI LABAFAZI.— Liti ipepa lakwa Komani ke kwaqu- bisana o Nonantsi base Lokeshoni yakona, kuliwa nge ndoku ne minqayi, lati idindala elite lakuyibona lonto laya kwahlula, labuya selizinduma kupela nemida nasebusweni. Kutiwa imbangi kuncokolelaiia. ngokulwa pakati kwe nto- mbi nabafazi. Kutiwa ke kubuye kwapindwa kwaliwa. kubonelwa sisakbmbe esikulu kunene, nese njuze ezimele lomacala omabini. IZIKAHLA ZAMAWELK.— Liti ipepa lase Qonce eliyi Cape Mercury y kuko i Mfengu efumene amawele, namhla eli lelesine ilisu lawo, kunjalo nje asapilile onke. UKUFA OKUBI.—Ati amapepa kuko umfana obulewe kakubi ngase Bwantsana (Blinwater), ube sicaka sika Meyer. Liti ipepa eliyi Representative igama lake ngu Magawu. Wayeye kufuna ihashe elindwebe kunene, wali- bamba, wati xa alirolayo. ehamba ngendlela enqumlayo ukuya ekaya. suke gaxa kumasela exele inkabi yenkomo yomnye u Mlungu. kwaye kuxa imibengo ijikeleoeyo eziko Ate amasela akumbona asel' embamba embopelela kwa kulo ndwebi yehashe. Ambopelela emilenzeni, ayiqini- sela kunene kwa lantambo ib' ise mqaleni wehashe. Ate akugqiba asuke alibeta ihashe. Yeka ke ukunqakaqeka kwak'e ematyeni, emitini, ezipunzini, laye elo geza lehashe liraya, liolakadula naye, yada yaqauka intambo. Sei' efunyanwa sekuzintsuku ngu Mlungu wake, kubonakala ukuba wafela ezintlungwini ezimbi kunene. Isijungqe sentambo leyo sifunyenwe sisamqamangele, yaba rigumza- mo ukusikuluiaezintungweni, wayeengasaqondakali nokuba waye ngumntu onjanina intsobi yake ebusweni.