Title
eng Izinto Ngezinto. (ezase Lu Sutu.) (ISIG_1885-12-01_i009)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Summaries
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i009
Word Count
eng 248
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p008
Page Spread
eng 8.2
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
IDABI LABE SUTU.—Liti ipepa eliyi Friend ye Free State ke kwako idabi elu Sutu pakati ko Bamanella umzuku- Iwana ka Mketshane, no Lipbqo unyana ka Masupa, kwa umzukulwana ka Mshweshwe. Kuliwe ngamasimi, zinku- nzi zijamelene, ulowo ufuna nkuba kuviwe yena, yiyo ke lento kubanjwene ngayo. Kuliwe ke ngalo masimi kwafa abantn, kude kwatinjanwa nenkoino zaba ngamaroma, yatsha inyama. Kute kwakuliwa yagxotwa eka Lipbqo, wafelwa ngatnadoda. ELU SuTr KWAKONA.—Kuteemveni koko kwafika indaba zokuba u Kululube, umfo ebekuvakala ukuba usa urnkbsi wake kwa Mora, ude wafika euamashumi omahlanu (50) empi yake, wafika wabiza inkorno zake ebe zitinjwe ngu Mera lowo. Kute ke emva kwenteto ebe nkulu ngalonto zakutshwa ezo nkomo, pandle kokuliwa, wazinikwa u Kulu- bube, yacitakala lomikbsi yaya ngamakaya. UKUTIMBANA KWAKONA.—Ati amapepa umfo ka Masu- pha uqale watimba izipani ezibini nepuluwa ezitile zakwa Bamanella, kwati ke kuba kusihla ngamqala mnye, wapi- ndezela u Bamanella ngokutimba amakulu atile enkomo zakwa Masupha. Kute kwakuba lapo wayishunyayezwa lento u Masupha ngu nyana, wati ke yena ezazipaui zibini nezo puluwa mazibuyiswe, ukuze abuyiselwe ezake naye inkomo. Kodwa u Lipoqo lonto akayamkelanga. Kute kaloku yahlatywa imikosi yokuba ilizwe lifile kwezo nkosi zombini. Kuqutyiswene ke ngosuku olutile, wafunza umfo ka Masupha kwa Bamanella ekaya izihlandlo ezitatu, hayi wancama wemka, kwasala iminyani. KWAYE kwangalo mini u Marthinus umninawe ka Lipoqo, ebambene no Sebupe into ka Lejaba, ingu mnina- we ka Bamanella. Lomadoda anyatelana ko bbntsi, ya-gxotwa eka Marthinus, kwasala kwa iminyani kanjalo apo. ATI ke amapepa bati abe Sutu lemfazwe ipembekileyo iya kuxela ukutsha kwesikbta, iya kunweuwezela ukuba ayicinywanga kamsinyane.