Title
eng Incwadi Zaba Baleli. (ISIG_1885-12-01_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Pu, Philemon
SubType of Article
eng Deaths
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-12-01
Identifier
eng ISIG_1885-12-01_i010
Word Count
eng 191
Print Page
eng ISIG_1885-12-01_p008
Page Spread
eng 8.2
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UMPANGA. E-Bari ngomhla we 11 ku November kubube u Aihoell Joseph Data unyana ka Joseph Dasa. Lomfana bekumaxa akumashumi amabini iminyaka ubudala bake. Umke kakuhle, washiya uyise nonina ngamazwi otutuzelo. Ute akubuzwa ngabazali bake ukuba uva njanina, wati: ' Hayi andiva zintlungu, ndinje ngalo mntwana,' watsho wapakamisa usana Iuka nina. Lendawo abazali ibakunibuze- amazwi o Msindisi u Yesu owabeka umntwana njengomzekelo kuma Kristu. Ute kamva: ' Ma ulinde inyama yodwa, umpefumlo wona unomniniwo, uya kundipa kabini kupela iyeza, akusokubuye undipe.' Utabate ihempe nge-Cawa wati kuyise: ' yiza ndikunxibe,' wam- nxiba wati, 'hamba ke siye etyalikeni.' Uyise ute kuko umoya mntanam. Ubize kane ebiza udade wabo u Charlotte, wati, ' hamba siye ezindaweni zetu ezulwini.' Uyaleze imibuliso kumadodana ase Debe wati, yena awake amatambo aya kusala e Bayi. Baqalila abazali ukuqonda ukuba uyabashiya, wabe kodwa umiana onwabile- engena zintlungu zarito. Ute uyise akumva enepika, wati, ' Yini ? unjani?' Wati yena—' U-Yesu ufikile, ndisateta naye m'sa uku- ndipazamisa.' W^ati ke, ' Amen, Amen, Amen. ' Ucele unina ukuba ampakamise, ute akumpakamisa, wapuma umpefumlo I Lomfana yindodana ebilulamile, ebeke abazali. Ebengemntu wa Ramente, kodwa isimilo sake besibonisa ukuba uyazaua no Msindisi wake. Owako, &c. PHILEMON PU.