Title
eng Umpanga Ka Rev. Samuel Mtimkulu. (IMVO_1885-08-05_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng Rev. Msikinya, D.
SubType of Article
eng Deaths
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-08-05
Identifier
eng IMVO_1885-08-05_i013
Word Count
eng 830
Print Page
eng IMVO_1885-08-05_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[UBALWE NGU REV. D. MSTKINYA.] Kungosizi olukulu esibikela urnzi wako- wetn ngokububa kwalomfundisi ugama selikankanyiwe; abantu sebekolisile ukwa- zi ukuba impilo yake yapuka kwanyake- nye, kwada kwati kona ekupeleni konyaka lo bonke abantu namagqira bancama: Kwabonakala nase ntsatsheni yake ukuba uyemnka kwelilizwe. Isifo awayenaso samngena ngamandla amakulu. Kute noko ngofefe Iuka Tixo, nangokupulapula imitandaz® yabantu bake, wangati uya- caca kancinane. Kwahlala kungumma- ngaliso kubo bonke abebembona ukugula kwake kwixa elingapambili kuba bebese- bencamile. Ngesisihlandlu sokuqala sokucinezelwa kwake kukufa wateta amazwi amaninzi, ebonisa ' imfaneleko yokusebenza kuse- semini, nokuba ngokusebenza kusesemi- ni akakoyiki kufa, kuba kuyakumsondeza ebutyebini bake ezulwini.' Yaza nga- pezu koku lendoda ka Tixo 'yaqayisa u uba ingazanga yenza sono, irigazanga kvba naxa yakutshwa ngalo eramenteni ngenxa yesono, yatsho yati, ' konke ebe- ndikwenza bendingqinelwa ngu Moya ukuba kulungile.' Ngamanye amaxa ubungamva encoma ubungcwele buak Tixo, esiti:—' Bukufanele ubungcweel Nkosi, kuba wena uyingcwele.' Kwesi sanamhla esisifo abantwana ne- zihlobo zake benza konke abebenokukwe- nza ngokumfunela amagqira: wave yena ebeke ngakunye ukubatyela ukuba ' aka wapila kokukufa zebancome amandla ka Tixo okuvusa ekufeni, bangancomi maye- za.' Ewatetanje lamazwi wayengayeka- nga ukuyala unyana wake u James, ngokumbonisa ukuba ' makangatembeli emayezeni.' Ngelixa ate wabanokucaca kancinane ubenako ukuya endlwini ka Tixo amaxesha amabini, waba nokuwu- quba umsebenzi wake onjengokushuma- yela nokunika wati wanikela umtandazo owatatelwa ingqalelo ngabo bonke ababekona; kangangokuba omnye wabo babekona wawubala; ke uyazixela ngokwawo into osingisele kuyo. Wawu- nika lomtandazo pambi kokuba ashuma- yele wati:— 'Nkosi, ndiyakubulela kuba ndizalelive kwelilizwe ndingenjenga ngelosi, ngokuba wamtumela unyana wako ukuba eze kundi- fela. Ndibulela Nkosi kuba ndite ndakuba ndizalelwe kulomhlaba ndaliva izwi lako ngezicaka zako owazitumelayo, ndalamnkela, ndafumana usindiso olu namhla sendinalo. Ndibulela Nkosi kuba ute ebudaleni bam wandiqasha ukuba ndilihambise izwi lako. Uyalazi Nkosi ixesha endikulendawo ngalo, ukuba nditenina ukuwenza umsebenzi wako ; ndilishumayele njengoko linjalo izivi loko, andibambanga nanye into pakati kwabo; ndibaxelele inyaniso njengoko injalo; ndi. msulwa ngenxa yegazi labo; ndiwufezile umsebenzi ondzpatise wona,. Kwintsuku ezimbalwa emva kokuwa- yala intsapo yake ngalamazwi, ' ukufa oku kundingene kanye andikubuya ndipile,' watsho wati ' zitandazeleni, nicele ama¬ndla ku Tixo, ukuze xenikweni Inkosi iyenzileyo intando yayo ningetuki nika- tazeke.' 'Itemba lam liqinile ku Yesu Krestu, ndinaye nakaloku.' Emva koko ucele unyana wake ukuba alese xxii kwi Zityilelo zika Johane aqale kwe 1-6 verses, emva koko ucele inkosikazi yake ukuba mayitandaze, waza yena wapeta ngesita- msanqeliso Sabapostile. Amazwi awatete kwiramente yake ma- ninzi ke; ngenxa yokungafuui ukwenza into ende singasesikankanya la kube ku- pela: ' Nize nisebenze kusesemini, nje ngokuba mna ndenjenjalo, ukuba bendi- ngenjanganjalo ngekunzima kum namhla. Imisebenzi yam yonke ipambili Enkosini apo indilinde kbna.' Emva kokulala okukulu nentlungu ezinzima, lendoda izitwalile intlungu kwada kwazakuba ngu- mhla eyemnka ngawo njengo Mkrestu ; malungana nokumnka kwake intlungu zaye zingati zidambile, ngangokuba wa- banako ukuwakela kwindawo ebesakuma- na ewaka kuzo ngemihla yake yempilo, wada waya nase Caweni, kanti kukuba seleyakuyibona okokugqibela kuba eyaku- mnkangokuhlwa. Ngalomhla kanye ngo- busuku bayo, emini wayenokuhamba- hamba pandle njengokuba sendikukanka- nyile oko. Ke abantu ababembona nga- lomihla bebesavuya kuba epilile: waye yena eman' ukuti: ' Hai, zihlobo ndisafa, isifo siseko kum.' Noko kubenzima ukuyikolela lonto xa zimbona ngati uya- ngcambangcabaza. Nokuya wayezitihla kwintsapo yake kuseinhfotsheni' ukuba 5vaqonda ukuba ngobusuku balomhla uyemnka, kuba ngezolo wayala unyana wake, wamxelela ukuba umyala okoku¬gqibela. Ke lendoda ka Tixo induluke ngexa lesibozo ngokuhlwa ngomhla we 21 July lo. Wazalwa ngapambi kwemfazwe ka Hintsa kancinane, e Ngwenkala, kufupi ne Kwelera nokungena kwe Nciba elwa¬ndle Emaxoseni (Kaffraria). Wakulela e Salem nase Farmerfield. Banduluka apo yena nonina nezihlobo zake (kuba uyise wabuba esemncinane) beza kwa Qwaya e Beaufort apo waguqukela kona nalapo watshatela kona. Yindoda engazanga iye sikolweni sa- mfundo ngapandle kwexesha wayesele fundela ubufundjsi. Kodwa yati kwaka- msinyane itshatile yaqala ukufunda Isi- peli Samaxosa, yasoyisa kuba yayinya- mekile kakulu, yakwazi nokulesa, kanti kungokuba u Tixo wayeyilungiselela umsebenzi omkulu lo namhla ibuba iku- wo. Ukusnka e Bofolo beza e Nxukwebe apo yaqala ukushumayela nge 1857 ; yati ukusuka apo yatunyelwa kwa Wezo uku¬ba abe ngu Mvangeli no titshala apo ke, wahlala iminyaka e 11. Nge 1868 waziswa kwase Nxukwebe ukuza kufundela ubufu- ndisi, ngomnye wamadoda okuqala awa- qala kona. Nge 1871 wakutshelwa e Bayi ukuya kuhambisa umsebenzi we Lizwi kona, wagqiba iminyaka e 3. Ukusuka apo watunyelwa e Qonce, waza wahlala iminyaka e 5 kona. Wanduluka apo wa-ya e Ngqushwa, wahlala kona wamnye unyaka; wahla wemnka apo ngenxa yo- kufa kwentombi yake, weza apa&wa Qobo- qobo, apo namhla abubele kona, uhlale apa 5 iminyaka. Lendoda ibingumfo olukolo lunzulu ete ngalo yabanoburoti obukulu bokulwa nesono. Ibiyindoda eluvo belulaulwa yinyaniso ngapandle kokuketa cala; ibiyi¬ndoda eshumayela mhlope ngenkohlakalo kwanjengokuba ibisenjenjalo ukubutyila ububele nobukulu bo Tixo ; kangangoku¬ba ngamanye amaxesha ibike ilwe ama- dabi amakulu okutshutshiswa ngenxa yelizwi lika Tixo. Umzimba wayo usiwe kulomzi uzolile- yo ngo 23 July ngexa le 9 kusasa. Inko- nzo yomngcwabo yahanjiswa ngu Rev. P. Mpinda, wase Perksdale encediswa ngumbali walamazwi Bonke abahlobo abate benza uncedo ngexa lo&ulala ftwalendoda *a Tixo, naba- te baj ilunguza, siyababulelafc a&ulu—ngo- fcu^odwa iramente yafce. Banga abahlobo bangawamntela lompanga Aa Rev. S. Mtimkulu. Sesingati fcunye no Dafeti— ' Gqala ofeze*ileyo, uAangele olungisayo ; ngokuba isipelo somntu onje siluxolo.'