Title
eng E Palamente (IMVO_1885-08-05_i014)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-08-05
Identifier
eng IMVO_1885-08-05_i014
Word Count
eng 1532
Print Page
eng IMVO_1885-08-05_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UNCEDO LWEZIKOLO. Ukwabiwa kwemali yemfundo kwiba- ndla lengwevu, ngo 24 July, kuvelise lengxoxo: U MR. NEETHLING ucase uncedo Iwakwa Rulumeni Iwentsapo efunda ezi- kolweni ezizisimnari. Akuyiyo imfane- lo ukuhlaula imali yamabodasi, angama- kwenkwe nazintombi, nokuwagcina wona engaroli luto ngemali yakwa Ru¬lumeni, kungokukodwa ziko nje ezinye indawo abangati kuzo bafundiswe ama- shishini ngapandle kokulindela uncedo kwa Rulumeni. Abamhlope abalufu- mani oluncedo lunje, akuyiyo imfanelo kuboke ukurola £9000 kwingqeqesho yabantsundu. Lonke elilizwe liyayiriri- zela lento U MR. UPINGTON ute uyicasile into yokuba abantsundu bancedwe xa aba¬mhlope bangancedwayo, kodwa ngo¬mnye wemisebenzi ka Rulumeni ukuba- qubela pambili abantsundu entweni zo- kukanya, ukuze nabo babe luncedo kubanielwane babo, ngokuti bakwazi ukusebenza. U MR. VAN DEN HEEVER ute li- hlazo elibi ukuba abantsundu bahlaule- Iwe bagcinwe ezikolweni ukuze bafundi¬swe ubugqweta babe ngamamenemene. Ukuba yena utumela intsapo yake emfu- ndweni umelwa zindleko ezinkulu aba- gxote kuye, kanti abantsundu bona babafundisa kufupi namakaya abo. Baninzi (abantwana babamhlope abanga- fumani nalomfundo, kanti abantsundu bayafundiswa. Oku akumfanelo. Eli- bandla malingayivumeli lemali. U MR. BOWKER kudala yena waqala- yo ukwalata ukuba imali eninzi yemfu¬ndo ifunyanwa ngabantsundu. Lemali iyamoshwa, abo bayifumeneyo nemfando bonakalisiwe yiyo, imfundo may in i- kelwe kwintsapo yamafama. Uyicasile into yokuba u Ruluneli alinganwe ku- kwenza abantsundu ' amajentimani ' namaledi. Yintoni eveliswa sisikolosase Zoneblom ? Abanye babantsundu aba¬fundiswe kwesosikolo ngamatshivela abefanele ukuxonywa asayekiweyo kodwa. U MR. TUDHOPE ute lemali yeyoku- baqeqeshela emsebenzini abantsundu, ingekukuba benziwa amajentimani namaledi. Yimalike eci tel wa emsebe¬nzini omhle, emakalate indawo yokuba ekubeni u Rulumeni erola £9000 apo ici- twa kona kurolwa £1600; inyanisoke kukuba banceda abo bazincedayo. U MR. NEETHLING ute lomcimbi make ubekwe umbeko. U MR. BOTHA ute makutaty a t w e £4,500 kulemali. Ibandla lizicasile zonke ezinteto kwa- kuvotwa. Abo bate mayingarolwa imali babe 5, abati mayirolwe 13. Ahlulelene ngoluhlobo amatshawe. ABANGAVUMIYO :—Van Der Byl, Bow¬ker, Van Den Heever, Van Rhyn, no Botha. ABAVUMAYO :—Heatlie, Miller, Ross, Neethling, Du Plessis, Combrinck, Joubert, Bertram, Brown, Meurant, Hof- meyr, Burger, Ebden. Yabake ivunye- Iwe. UKUNCITSHISWA KWEZIFO. Ngo 24 July, kwi Bandla lesibini kube- ko lengxoxo ngokupeliswa kwezifo ezi- njengengqakaqa: U MR. MERRIMAN ute akacingi Nkuba u Rulumeni abotshelelwe ekubeni arole isiqingata semali encedisa izitili ezisakuba zingenelwe yingqakaqa. Una- wo ngoku u Rulumeni amandla okunce- disa, anokubako mhlaimbi amaxesha okuba arole isiqingata sesitatu kupela. U MR. UPINGTON ute uncedo lunga- kutshwa kwimali ezimiselwe yi Pala¬mente ukuba zikutshelwe oko. Kuya kuba nzima ukuba izitili azincedwa ngu Rulumeni. U MR INNES uwucasile lomteto mtsha kuba ecinga ukuba kufanelekile ukuba enziwe u Rulumeni ukuba arole isiqi¬ngata sokunyanga isifo esikoyo. U MR. RHODES ungenise indawo yo¬kuba abantsundu abahlala ezilalini ba- nyanzelwe nabo ukuba babe nento aba- yirolayo ukuncedisa ukuncipisa isifo. Ezingqaxaqa ziqala kwabantsundu, wo- buya alimise ixabiso amabalirole. Ngati ukurolwa kwayo lomali mayibe yirafu ngendlu eyakubutwa njengezinye. U MR. W. AYLIFF ute xa akangele ubuhlwempu babantsundu ngoku kuya kunqaba ukubuta irafu yoluhlobo. Kwa ezirafu zikoyo kunqabile ukuzibuta. Abantsundu bapantsi kangangokuba aba- namali. U CAPTAIN BRABANT ute bako na- kwabamhlope abahlwempuzekileyo, aka- yiboni indawo yokuba abantsundu ba- ngafaki isandla ekuncipiseni isifo, uya- temba ukuba lomteto uyakwamnkelwa. U MR. INNES ute ngendawo yokuba abantsundu ngokwabo benemfanelo zo- laulo bafanele ukuba batwale inxalenye yendleko zokupelisa isifo nangendlela encinane. Ngendlela yokuhlala kwabo ngabo abancedisi ukungena kwezifo. U MR. BARRY ute nabantsundu ma- babe nento abayirolayo, kuba engacingi ukuba sebehlwempuzeke kangengokuba kusitshiwo. Esisiqendu sitsha somteto wempilo sa- mnkelwe samiselwa. IMBANDEZELO EKOYO. Kwangolusuku, kwakweli Bandla ku- beko lengxoxo ngemali abesiti u Rulu- ineni mayibekelwe bucala ukunceda amagqugula eziqingata ukuba abe nemi- sebenzi ayenzayo ukuze abantsundu aba- lambayo babe nokuxelenga imali: U MR. MERRIMAN ute uyatemba ukuba u Rulumeni akasakujokisa ngo¬kuti i Palamente mayinike igunya ngale mali i £2,000. Akakolwa ukuba lania- bandla eziqingata anikwe uncedo olu- njalo. U MR. SCHERMBRUCKER ute lemali ifunelwa ukuze u Rulumeni abe noku- ncedisa endlaleni xa kute kwabonakala ukuba makenjenjalo kwabantsundu base Maxoseni. Akusakucitwa ne dobilityi ezintandatu xa kungeko mbangi. U MR. MERRIMAN akacase nto yo¬kuba abantu bancedwe, kodwa u Rulu- meni makaneke pambi kwebandla into emiyo azakuyenza. UkubeKa i £2,000 pa¬mbi kwabo zekutiwe iyakwabelwa ama- bandla alaula imicimbi yezitili ngezitili lonto iyakudala inkohliso eninzi. Baya- kwazi ngani ukuba amabandla lawo wona ayinikiwe imali. Usaqinisekile ukuba u Rulumeni makayibuyise umva lemali aze abeke eyona nto iyakuma poqo. Lento kutiwa mabayenze ngoku ayimi ngasiko. Kuko indlela entsha ekufuneka yenziwe, abangati bafunyani- selwe kuyo abantu umsebenzi. Yileyo emayicande e Ngqushwa isinge ekunge- neni kwe Nciba elwandle. U MR. SPRIGG ute okwenene u Rulu¬meni ngeyimisa eyona nto ingaba ngu- msebenzi obonakalayo ukububenayo yo¬nke ingxelo engalomcimbi. Utemba eso- yika ukuba kusakufuneka ngapezulu kwa lemali. Akakolwa kodwa ukub' abantu sebebandezeleke kangangokuba amapepa endaba esitsho. Abakangqinelani naba- se Maxoseni ukuba indlala inkulu. Uyazi ukuba zininzi intswelo zabantu kwano- kulamba kuko kakulu, isiqamo soko lolu lubo lukoyo ekubonakala ukuba Iwenza baninzi ababanjwa. De kube kuko icebo elilingwayo ababantu bayakuzalisa into- longo kungabiko ndawo. Usati yena kulungele ukuba abantsundu banikwe umsebenzi kwa Rulumeni abangazixele- ngela impilo ngawo kunokuba bayekwe babe behleli ngobuvila entolongweni bekosa u Rulumeni into eninzi yemali, kungeko nto bamenzela yona. Elibeke- kileyo ilungu lela Maqwelana u (Mr. Merriman) selitete ngendlela etile ema- yenziwe, kungayinto elunge kunene ye¬nziwe. Kungokuba u Rulumeni esiti makubeko nto yenziwayo lento ayaneka pambi kwebandla le £2,000. Unosizi olukulu ukuti u Rulumeni usakubuye afune imali engapezulu nakule ngenxa yendlala, kuba njengabantu asinakuyeka ababantu babube sikangele. U CAPTAIN BRABANT ute uyoyikela ngati indlala epakati kwabantsundu Emaxoseni iyeyiwa : ababantu bayatsh balala kanye. Uvumelana mpela nelu- ngu elibekekileyo lela Maqwelana ngo- kufuneka kwendlela leyo ayikankanyi- leyo. Ibandla lase Monti selilungele ukuyiqala ukuba u Rulumeni uyalinika uncedo, kodwa kuko nesalelo esisekwe emtetweni. Uva kusitiwa abantu abaq- vami umsebenzi kwaloliwe, kungokuba bepetwe kakubi becinezelwa walini ngangokuba kubanzima nokuwugcina umpefumlo emzimbeni. Uyatemba ukuba u Rulumeni uyakunika uncedo olubonakalayo. U MR. SAUER ute ufuna eqonndile Mpatiswa Micimbi Yabantsundu ukubi, kuyinyaniso na ukuba kumandla wase Alvani abamnyama avunyelwa ngu ma- ntyi ukuba bazifumane ipasi zokuya kusebenza kwaloliwe nakweminye imi-sebenzi bade babe babatele irafu. Oku ukuva ngenene elimbaleleyo. Usati yena mababe abantsundu basaposisa, ko- dwa bati kunjalo, isiqamo soko sesokuba imbandezelo ingakumbi, abanakoke abantu ukuhlaula irafu. Utyelwe ngu Mpatiswa Micimbi Yabantsundu ukuba akuko myalelo unjalo ake wautumela, kodwa kufanelekile ukuba into le ika- ngelwe, ukuba bacinga njalo abantsundu mabaxelelwe ukuba aku njalo, banoku- hamba. U MR. J. A. DE WET ute akakazange atumele komantyi izwi lokuba banganiki ipasi abantu abahamba ngomsebenzi. Nto asayiyalezileyo kukuba imantyi zi- nganiki ipasi kubantu abafuna ukufudu- kela Pesheya kwe Nciba. Ubalungisele- le abantsundu ukuba bafumane umsebe¬nzi kakuhle e Dayimani kwaloliwe, ba- mbalwa kodwa abavumayo ukuya. Bake okunene bapatwa rabaxa kuloliwe wase Alvani, kodwa izikalazo zabo zibabazwa ngapezu kokuba zinjalo. Unenkolo yena yokuba nalembandezelo ikoyo isr- xelwa ngapezulu kobunjalo bayo, naku- ba ingaba yona intswelo iko ngakumbi kwizitili ezingase Iwandle. Abantu base Kamastone bale kanye ukuya kusebe¬nza e Dayimani kuloliwe. U MR. SAUER ulese incwadi ayifume- ne e Gqili eti abantu base Herschel bane- ndlala abanikwa matuba okuya kufuna umsebenzi. U MR. DE WET ute woka abuzise nge nto leyo, boxe'e wa ngokunye abantu ngemfanelo zabo zokufumana ipasi. U MR. VENTER ute angayixasa ima¬li yokwenza lololiwe ufuneka ehlangani- se owase Burghersdorp nowase Cradock, ukuze abantu bafumane umsebenzi. Namalahle mawasetyenzwe ukuze ama- waka abantsundu afumane uncedo. Aba- mnyama bablala benzelwa izinto kuna- bamhlope. Ako namahlwempu amhlope kodwa wona awenzelwa luto, ukuba ebe- siti makakululwe ezirafini bekungasa- kuvunywa. Abawufuni umsebenzi aba¬mnyama, abauvumi ngapantsi kwe 4s ngemini, into leyoke ebanga ukuba ba- ngabi nakusebenza ezifameni. U MR. SAUER ute akatsho ukuti aba¬bantu mabayeke ukuzirola irafu. Nto ayikondlozayo sisenzo semantyi ezitile sokuhambisa into ezingengamyolelo ezi- njengokubaminxela abantu ezilalini uku¬ze bangabi nakuya kuxeleuga kuba kusitiwa abakayiroli irafu. U MR. J. A. DE WET ute akuko lu- laulo olukanyiselweyo olungahlala pantsi luvale amehlo babe abantu abamnyama betshabalala. (Kwadunywa.) Ngabantu nabo, amabenzelwe into. Ewe, ngama- sela, ukuba akuko nto bancediswa ngayo ukuze bapile bayakuba. Akuko ludonga lungenakutsitywa Iwahlula omhlope ko- mnyama, kuba bahleli ndawonye, ikwa- ngabamhlope abayakuva ubunzima ku- qala ngenxa vokubelwa. Ngakoke ma¬kubeko nto yenziwayo ukuze abantsu¬ndu bafumane umsimelelo wesonka. U MR. INNES utelo asimcimbi wokuba lo umhlope lo umnyama sinina. Abantu bayatshabalala zintswelo bacefa uncedo ku Rulumeni. Kwezinye indawo imba¬ndezelo ifuna ukugqita nakweka Nongqa- use. KuX'upangwa kwabo imali yabo ngabapati bo'oliwe, lento ibangela ukuba bangabi nantliziyo yofcuya kwaloliwe abantu. Ati amadoda awanaZmshiya aba- fazi nentsapo yabo ibuba yindlala mabafe bonfce. Abanikwa imali yabo kwaloliwe isufce ibanjelwo ufcudla. Awatandi&e amadoda ukuba ayokudla izonka nekofu iziqu zawo ibe abantwana besifa. U MR. MERRIMAN lendlela iyakusuka e Ngqushwa iye e Nciba ifuneka kakulu nguwo umsebenzi ongaqalelwa uncedo ukuba kufupi nabo, bangaiilaulwa ngo— malana, nangokudla babe nokunceda' intsa¬po. Maungeniswe kwangokuke umteto omtsha ougendlela levo, elabo icala liTa- kuwuxasa. Kuyindlefco iHubatumela fcude abantsundu. U MR. BARRY uZanyele u£uba abantu sebelamba. Lilo eliZre ituba lokuba batu- nyelwe fcweli lingase Kapa baze fcusebe- nzel' amafama, u Rulumeni mafcabatumele kwelilizwe: makangabatembisi mvuzo mkulu kodwa; isheleni ezintlanu ngenya¬nga nokudla zanele ku Mxosa. U MR. J. A. DE WET ute ucinga uku ba elilungu libekekileyo alimazi Umxosa Akangefaniswe nento na.Malawu la bana- wo, kwelo lingase Kapa. Lendlela ingeniswe lilungu lela Maqwelane inga- lunga kanve. U SIR THOMAS SCANLEN ute u Ru¬lumeni akakasicazi esona sizatu amaka- nikwe lemali. Akali nto yokuba abantu bancedwe, kodwa ngati abasakuyifumana baze bafike iseko ngonyaka ozayo seviga- lelwe kumqulu wemali zakwa Rulumeni Usati yena nguloliwe omakahlanganise owase Cradock nowase Queen's Town oyakunceda. U MR. LE ROFX ute yena lemali ma- langase Kapa Lemalike yoncedo ahluleleni ngayo abavumileyo 27' abayicasileyo 18.-Naba abacasi :-Theron, P. Du Toit, Du Plessis A Du Toit, D. De Wet, Des v ages, J. I. De Villiers, Barry, Scholtz, Joubert, Van Der Valt, Nel, Venter, Du Preez, Bergh, Van Rensburg, Le Roex, Marais.