Title
eng Amanqaku. (IMVO_1885-08-12_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Summaries
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-08-12
Identifier
eng IMVO_1885-08-12_i019
Word Count
eng 1240
Print Page
eng IMVO_1885-08-12_p002
Page Spread
eng 2.3-1.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 1
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
USITEMELE ofike ngapaya kwaleveki idlulileyo ufike nabahlobo ababini abe- nyaniso babantsundu. Siteta ngo Mr. Saul Solomon, esingenakuyibulela sigqi- tise Inkosi u Soinandla ngokumnika impilo. Wangamana angalondolozeka empilweni nasemandleni iminyaka emi- ninzi. Nakubeni amawetu abengatanda ebuyele Lwisihlalo saLe e-Palamente, ngati Kulungile UKuba angabi UKulondlu apo izinto ngoKU zingasaKangelwa ngem- fanelo ngenxa yobuninzi ba Mabulu. Owesibini umhlobo ofiKe Kwangalenqa- nawa ngu Miss McRitchie, inKosazana ebeKwe Kunene netandwa Kunene yint- sapo yayo eyongamele isiKolo sase Mgwa- li. u-Miss McRitchie unexesha elide esebanzana nemfundo yentombi ezint- sundu Kwelilizwe; iziqamo zengqeqesho yaxe elungileyo ziviwa ngoKU xumaKaya amaninzi. Silindele uKuba isiKolo sase Mgwali sihambisele pambili pantsi Kwa- Ke, sixaswe Kunene ngabantsundu bape- sheya Kwe Nciba nobanweli. ULUVO olwaneleKokumapepa Amange- si lolokuba inakie imikosi e Lu- sutu iye kuqutisTMasupa nezinye inkosana ezilinyateleyo igunya lika Colonel Clarke, oliso le Nkosazana. Elase Kapa i Cape Argus iti: ' kuninzi esesikuvile ngokuxubahela kwezinto e Lusutu; kodwa singa singeva ukuba sekuhle ntonina enokubanga ukuba ula- ulo Iwa Pesheya kolwandle lungene lu- Iwe na Besutu, abatwele ubunzima nge¬nxa yokungazoli kwemicimbi. Singa- wavisisa Amabulu ase Free State xa ati Abesutu beba impahla yawo. Seke kwa- biwa inkabi umhlaimbi ihashe likabani- na kwelo ? Asingi singapainbana ne Free State; okwangoku nga Besutu abangaka- laza kubafanele ngokwenziwa yi Free State kubo kuba abatengisi be brandi bavela kona, ngabo abadala ezizidubanti- ni ngendywala zabo, kwabe kungatengi- swa utywala kwabantsundu e Free State. Abesutu abakoni bani e Free State ; aba- koni bani e Koloni kanjalo; lolwaninake olugezo lokubiza i England ukuba ize kubohlwaya. Akucacile ukuba izinto zonakele kangangokuba zinconywa apo e Lusutu.' OEUDABA smta kwela Mabulu lase Kapa (Hc' . uksbladj: ' u Mr. Joubert unike isaziso sokuba yonke imitandazo etunyelwe ngabamhlope abase Batenjini ibekwe pambi kwebandla ngu Rulunieni kwanento akalazelwa ngazo u Mr. New-man Marks. Lomitandazo ingokuba bani- kwe ilungelo lokutumela amadoda e Pa- lamente, kwahlulwe isitili sase Cala ku Mabulu, banikwe eyabo iinantyi e Slang Rafile, bangapatwa mantyi ipete alia- mnyanra. Ngati ezizinto ziyavisiseka zinenteto eninzi yokuzixasa. U Mr. Marks kwatiwa ngaye ngu Mr. De bWet inteto yake kwabantsundu ibuxoki obu- puhlileyo. Oku uyakupika u Marks, ubakubuza ku Mr. De Wet akafumani mpendulo.' Inteto Ka Mr. Joubert aya- maKelwanga. SIFUMENE ingxelo yoviwo Iwe sikolo sentombi sakwa Ndlovukazi lokupelakwe- siqingata salpnyaka esidlulileyo, esiya- kuyingenisa ngeSixosa kweleveki ezayo. Uviwo Iwahanjiswa ngu Rev. J. E. Par- sonson wakwa Komani. Ingxelo yake iyakolisa, ibonisa ukuba eso sikolo senza umsebenzi omhle oqinileyo kute-cwaka nje, nokuba imali yakwa Rulumeni yo- ncedo ayilahlwa mayelana naso. Nje- ngokuba imicimbi yemfundo iqala uku- ngena emapikeni amadoda ombuso nje- ngase Australia, kuyimfanelo ukuba Abapatiswa zikolo baubengeze umsebe-nzi wabo. Siyibuka nento yokuba intsa¬po yesikolo iviwe ngongeni nesikolo eso. Kunanina oku kwakwenziwa nakwezinye izikolo ? LANGXOXO yandululwa ngu Mr. Du Plessis omele i Komani e Palamente, engokufuduswa kwabamnyama e Xonxa, iqukunjelwe ngecebo lika Mr. Innes loku- ba ' Imihlaba engemiweyo pesheya kwe Nciba, leyo angagqibanga ekumiseni aba- nihlope kuyo u Rulumeni, izaliswe nga-bantsundu abayakufuduswa e Xonxa nase Ngqusbwa, xa bavumayo ukufuduka bonke baye pesheya kwe Nciba.' U Mr. Innes umise inyawo kwindawo yokuba abantu bangafuduswa ngamandla, uviwe umxelo wabo mayelana nokufuduka no- kungafuduki. U Mr. De AVet ulamnkele icebo elo egameni lika Rulumeni, wati kodwa abo bafudukayo abasakunikwa mihlaba ingapezulu kwaleyo bapuma kuyo. Aka Mr. Sprigg amazwi aginyise arriate. Uto oku kuyakufezwa ngenkatalo enkulu. 'Imvo, neminqweno, nofnpu- nga wabantu ngokwabo, ezonto ziyaku- gqalisiswa.' Sisati tina nokuba abantu abo bayakuvuma ukufuduka nokuba aba- vumi mabanganeliswa lilizwi lomlomo lo um'pakumpaku ka Rulumeni, mabaftine iziqiniselo emhlabeni, ngakumbi ngoku kuko nelokuba ivenkile zisikelwe imokolo emhlabeni yabo nje. IMHLOPE yona into yokuba imihlaba ekwelelwe ngabantsundu iyakusikwa ifa- ma itengiswe kubelungu. Akwaba u Rulumeni ubengabotshelelwanga kweli- cebo. Amabala atile omhlaba ongashi- ywa ngabantsundu ubungagcinelwa kwa- bona basikelwe abo bafuna ifama ezinci- nane ezingebi ngapaya kwamandla abo. Amava etu ngawokuba akusizi luto ukuba u Rulumeni atengise umhlaba obanzi kubelungu befama kuba basuke babuye bauqeshise kwabantsundu ukuze bafuraa- ne imali. Ifama ezincinane ezingangezo zabantsundu bakwa Qoboqobo zinganon- cedo olukulu. Lamhlaba wakwa Tuku e Ngqushwa, esaziyo ukuba usukuzela ukucita abantsundu kuwo u Rulumeni, bona bengavumi ungasikwa ifama zolu- hlobo zabalimi. Sisati abantsundu ba- ngabonisa umzekelo omhle kunene wo- kulima. KUTIWA kuko Amabulu anduluke kwi- mimandla yase Alvani, Komani, neyase Tsomo aya e Mampondweni ukuya kuqe- sha ifama ku Mqikela. Itshawe elingu Mdlangazo kutiwa liyayibuka lonto. Ele- tu ku Mampondo lelokuba ukuba adiniwe kukubanelizwe lawo odwa, angasamnkela isicelo eso Samabulu. Kona nje site nqa ukuba abe akafundanga luto kwihambiso Yamabulu kwela Bahlambeli nakwa Zulu. LITI elase Alvani (Border Nexus):—' U Rulumeni uzakubehle akupe bonke aba-ntsundu ebupoliseni afake abamhlope bodw'a, amashumi amabini amapolisa abamnyama kwesisiqingata seleniswe inotisi.' Kakadeke lamashumi mabini abantsundu ayakuba alahlekwe sisonka sawo. Mbangi yintonina? Silindele impendulo, ESISENZO sika Rulumeni sisafana ne- sokuba angati umntu akubona inja yake ilambile, ashunqule umsila wayo ayipe. Yenziwe lonto kuyakunqaba ukuwafuma- na amasela xa ingamapolisa amhlope odwa. Amapolisa antsundu enza umse-benzi omhle kunene afanelwe ukubule- Iwa, kunokuba apatwe ngoluhlobo. ELIXA u Rulumeni abecinga ngokuwa- kupa onke amapolisa antsundu lelixa tina besisacinga ukuba bekungebento intle sinina ukuba kubeko ibuto lamapolisa amnyama lodwa elipetwe kwazi opsiri (officers) ezintsundu i Korneli (Colonel) kodwa ibe mhlope. Elibuto lingake lipi- kisane nelimhlope ekuncipiseni abapuli- mteto. Namangesi angewakupi ekuha- mbiseni umsebenzi. MAYELANA nalomcimbi elinye lamape- pa ase Bayi (Telegraph) liti:—' Ipepa lendaba labantsundu Imvo linenteto nge-ndawo yokuba u Rulumeni ekupa ama polisa antsundu. Ngengqondo Imvo ibonisa ukuba ngokwenjenjalo u Rulume-ni uyakuba uvula iroba kwindawo ati yena uyalivala—ukuncipisa ubusela. U Mgcogeli uti amapolisa amhlope awasa- kubanabo ubugcisa bokuwaqonda amaqa- lo amasela abantsundu. Ufike ati uwetu ' ukuba ufuna ukuncipisa ubusela naku- lipina iqela labantu sebenzisa kwa ama- lungu eloqela.' Lenteto ikwayileyo iti isela libamba elinye. Nangayipina indle- ja Imvo ifanele ukunconywa ngokuswela kwayo ingqambu. Sitemba sisoyika uku-ba inkulu inyaniso ekulamazwi ayo. KUYASIVUYISA kunene ukubona ukuba nelase Monti livumelana nati kulomci- mbi wamapolisa. Liti: Imvo Zabantsu¬ndu ziti yimposiso enkulu ukukutshwa kwamapolisa antsundu. Ziti ' amhlope ahleli ngezimnyama mayelana namaqela amasela antsundu.' Singaxoliswa kune¬ne kukuva ukuba kuko isizatu agxotwa ngaso amapolisa antsundu. Ngati tina ngawona abefanele ukuba bukali. Ukuba awautobele umteto, yenye into leyo.' Singati kuwetu lo ngokupatelele ekutobe- leni umteto kunganqaba ukukwalata oku. NGATI kokwetu ukubona i Cape Argus isaposisile entetweni yayo ' Ngebandla Elimele Ukukusela Abantsundu lase England, ibandla eliluncedo olukulu ku- mzi omnyama. Kunokutiwa sisekonje tina bantsundu, sinemfanelwana esinazo, kungenxa ka Mr. Saul Solomon, kwe Cape Argus neli Bandla labakuseli. ' Yinto engummangaliso ukuba ngelixa kubona-kala ukuba umoya Wamangesi eli ngo- wokfiba ontsundu afumane imfanelo zake, lelixa kanye elibandla labakuseli likuye- kileyo ukubojabojana nemicimbi yale Koloni nabantsundu. Siyavuma asika- nyeli ukuba oku kuyakutelwa-nqa kuba kutetwa lelipepa ekade lamela abantsu¬ndu. Kodwa esikutetayo akunakupikwa.' Ixesha eli lonke besisiti tina lento lite cwaka ibandla labakuseli kukuba zipelile ezonto bezibanga ukuba likalime. ISIKUTALI apa esongamele isiKolo sase Mtwaku, u Rev. C. Taberer, sisinge e England ukuya kubuta imali zokupelisa isikweliti salomzi. U Mr. Taberer upate- Iwe ngu Rev. A. W. Brereton ngelixa angekoyo. Wenze inteto eyolileyo e Bayi avakalise kuyo amava ake eminyaka ema- shumi mabini esebenza kwabantsundu. Ute wasitabata isikolo ku Canon Green-stock ngo 1870. Wake indlu yabafundisi, ityali&e, izikolo, nezamashishini. Esi&o- Iweni ama&wen&we a 72, 36 abamashishi- ni, 20 intombi, 6 ititshala zine *wezi ezi- mhlope. Amashishini ahambisa &a&uhle amiselwe ngo 1878, selevelise £4000. Iza- fciwo zadla £8000, fcubutwe £1680, £2000 ibatelwe ngamashishini, isikweliti £2000. Baninzi abayafcumnqwenelela indlela entle u Mr. Taberer. Isihlalo eAwenziwe- ni kwalenteto besipetwe ngu L. L. Mitchell, Esq., umpati we Standard Bank apo e Bayi, inteto ya&e ibonisa u&uba abamhlope beli bayaqala ufculibona ixa-biso lomsebenzi wabafundis1. IPAEAMENTE iwubuyise umva umteto obuvumela abelungu beven&ilekwindawo ezinjenga pesheya kwe Nciba bani&we itaitile. Siyatemba ukuba into enjalo ayisajfcubuya ikan^anywe. Ngati ngeyi- ngembi Aafculu lento ufcuba u Rulumeni ubezakusiKelayonKeimizi ayiniKe itaitile nayo.