Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-08-26_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Date
26 August 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-08-26
Identifier
eng IMVO_1885-08-26_i011
Word Count
eng 672
Print Page
eng IMVO_1885-08-26_p002
Page Spread
eng 2.1-2.3
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
IXESHA loboya selibuya likufupi. Esiti ke sakukangela kumanani apantsi ayakufunyanwa ngoboya ngakumbi uboya apa obungcolileyo, oburabaxa, obunokwekwe, sifumane ukuba kuyimfanelo yetu ukuba siqononondise kubafuyi bakowetu imfuneko yokuba babulungiselele ngendlela efanelekileyo uboya babo. Umkumbulo wetu ngowokuba la- maxabiso apantsi akoyo ngoku kwela-Mangesi abangwa buninzi bengubo esezenziwe ngenye indlela, nakusweleka mhlaimbi kwentengo yengubo zoboya. kwanomoya wokurweba. Soka sipose linye ngeyokuqala indawo esiyikankanyileyo, kuba ezinye zipumle pezu kwayo. Kukuhlelelek i koboya obuvela kweli oku kubange ukuba amaxa-biso ehle kwela-Mangesi. Lenya- niso soka siyiqwalasele ngezantsi. Yona into yokuba ininzi impahla eseyenziwe ngoboya imi-poqo nama- yelana nezinye izinto ezingebubo uboya, ezinjengengubo nokudla; umenzi mpahla ke ubonakala esaneliswa ngamaxabiso apantsi embuyiselo. Kunjenjenjeke ubani, mhlaimbi ilizwe elitengisa ngento ehlelelekileyo aliso kubamba nesisila sehobe. Liqalo elidala elinyanisekileyo lase mlungwini ukuba into etengwe kakuhle itengiswa kakuhle; kukwanyanisekile ukuba into elungiswe ngobugcisa kuqinisekile ukuba iyakutengwa. Into ebange ukuba elilizwe libonakale njenge sidodo xa litelekiswe namanye kukuba into eveliswa lilo ayilungiswa kakuhle, ukunga lungiswa koboya kona kude kwapuhla; iyinto eselibonakele kuwo onke amadoda acingayo le yokuba ukuba abantu belilizwe abafuye igusha ababulungisi uboya bayakuqabuka exesheni kungasenaxabiso lini ukufuya igusha kungasayi kubanga ukuba bafumane nempilo le ngako; neyonanto itunyelwa leli lizwe kwamanye iyakutshabalala de kuvuke amadoda ayakubusebenza ngenyameko uboya. Asisakuteta kuyapi ngesenzo sabafuyi begusha e-Palamente sokucasa umteto wokunyanzela ukuba ubani azihlambe igusha zake zingabina lukwekwe. Elobakala aliqiqeki naku-Mangesi, akusakusiza Into ukuba silahle amazwi ngalo. Sifanele kodwa ukuba salate kwinto yokuba ukwekwe luko kakulu ezigusheni, uboya ke buya busonakala ngakumbi. Into eyakukulula kukuba wonke umfuyi wegusha asebenze imini nobusuku lude lupele kanye, kuba yiyo lento kanye ebanga ukuba uboya belilizwe bunga fumani amaxabiso anobom kwimisito yase England. Besesitshilo kwasentloko ukuba yonke yona into ebuboya yehlile emaxabisweni—yehle ngohlobo engazanga ihle ngalo ngenx' engapambili. Obelilizwe bona budlulisele kubo bonke. Mbangi yoko ngenye indlela kukuba kuvele uboya bese Mazantsi e-Amelika obungxamele ukubugxota kanye obeli kwimisito obebutengwa kuyo, ngokusuka bucokiswe. Ngalenteto singa singanyhanyhatela ezingqo ndweni zabafuyi begusha bebala letu into yokuba—babuye babulu ngise uboya ukuze bufumane indawo yako yangapambili. Oku kunokwenzeka, sinyanisile, kuba sisazi ukuba uboya obuhlanjiweyo obebutengiswa ngabantsundu ngeminyaka edlulileyo beli lase Maxoseni nakwela Mamfengu bebunqwenelwa kunene butengwa ngamaxabiso atyalileyo. Omnye umtengi woboya kulomzi uti uboya abebutenga kwabantsundu ngezomini bebufumana amanani amakulu kwi marke yapesheya kolwandle—engasateti ngobakwa Qoboqobo nobase Tsomo. Uti uboya begusha zabamnyama bude exesheni batengelwa ukuze butunyelwe kwimisito yela Majermeni ngenxa yokucokiseka kwako. Lento yayifaneleke kanye. Yeha, konke oku akuseko kuba amawetu engahambanga ngalomgaqo ngoku buhlamba nokubuhlela obutambileyo kobungqangqasholo. Bona uboya xa igusha zingenalo ukwekwe buse bobuya budala. Ngoku beke sahambela kwelipezulu sazibuka kakulu igusha zamawetu : into ezintle, zimnyama zirabaxa ezinye—kodwa ubuninzi bunoboya obuhle obomeleleyo obufuna inkatalo kodwa xa buhlanjwayo ukuze bufumane awona maxabiso andeleleyo. Bambi abafuyi ungafika bexela Amabulu ukuteta, besiti : —akukonto bahlauleka yiyo namhla basukuba betabate inkatalo yokubucokisa uboya, kuba ivenkile ezibutenga kubo zibanika ixabiso elilinganayo ngobubi nobuhle. Singa singalata indawo yokuba kuko imposiso kulenteto. Kungaba yinyaniso mhlaimbi ukuba umntu otengisa ngesiqunyana soboya obuhle kanye ufumana ixabiso elingagqitileyo, kuba oboboyana bumele ukufakwa evolsakeni kunye nobunye obukwa buncinane obungebuhle bube ke ngoko buyaduka, kodwa ibhali, mhlaimbi onomgcana abaliqela boboya obuhle betengiswa ingaba ngummangaliso ukuba abafumani ixabiso elinobom; abangati ke abantu besitili esitile behlangcne bazwinye ngendawo yokuba babucokise uboya balo mandla wabo, zibehle zibonakale iziqamo zokulanga koko. Eli lixesha lokuba nabani azamele ukufumana ipeni yokugqibela ngento yake. Make amawetu azame eliqinga. Mazihlanjwe ngenyameko igusha. Umninizo abeko xa zihlanjwayo angawuyekeli lomsebenzi kumakwenkwe nemidungela. Zihlanjiwe mazingangeniswa ebuhlanti lomhla, mazilale 'pandle zicetywe ke ngosuku olulandelayo. Uboya oburabaxa nobunokwekwe mabufakwe kwingxowa eyodwa, bungadityaniswa nobuhle obutambileyo. Kwenziwe oku siqinisekile ukuba ixabiso loka liti tyi. Make avumelane amadoda esitili esitile azibopelele ngelokuba akasakutya akasakusela ade abe oku akufezile. Ukuba awafumani xabiso kwivenkile zangapandle, mawaze abutumele kwi Marke yoboya nezikumba apa e-Qonce, botengiselwa ngo Mr. JOSIAS HOWARD no Mr. TREMEER ngemfanelo. Inene, abasokuzohlwaya kuba bekwenzile oko. Kanti ke noko sisati ivenkile zingabanika amaxabiso nangapandle, kuba zisazi ukuba kulilungelo lazo ukuba zitengise ngoboya obuhlambululekileyo. Uboya obubi ngelixesha lokuceba lizayo abusokufumana nto ngapaya kwe 3d. ne 4d. nge ponti. Sonke sihlwempuzekile nonyaka, kodwa ngamnye makenze imigudu yokufumana idobilityi yokugqibela ngento yake. Siyatemba ukuba elicebo liyakwamkelwa zizinonopu zakowetu ukuze zifumane imbuyiselo ngemizamo yazo neli lizwe lilungelwe. Ngelinye ixesha soka senze mabini matatu ngendlela yokufuya intlobo zegusha ezinganoncedo kumawetu.