Title
eng Ezababaleli. (isimemo.) (IMVO_1885-08-26_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Kinass, Marcus
Language
Locations Mentioned
eng Mount Ayliff
Newspaper Code
eng IMVO_1885-08-26
Identifier
eng IMVO_1885-08-26_i013
Word Count
eng 82
Print Page
eng IMVO_1885-08-26_p002
Page Spread
eng 2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
MHLELI,-Ndiyakucela ukuba undi- fakele kwelopepa lakowetu. Undixolele ngenxa yokuba ndigudle wena. Ndiyacela kumanene namanenekazi alamkelayo elipepa lakowetu kuba na- mhlanje sesinganeno kancinane ekubeni sigqibe unyaka kwelipepa lingumteteleli nomvusi womzi ontsundu. Nditi amanene namanenekazi makandilekele kwesisicelo ndisicelayo ku Mhleli sokuti makati cwi umgcana kwelipepa lakowetu, wabantu abalamkelayo elipepa kube kanye ekupe- leni komnyaka. Ndinimemela indawo enjalo ke bamkeli belipepa. Ndincediseni ukuze esisicelo siqine nomhleli angabi nandawo yakusipepa, ngokuba ngokuse- nza kwake eyakuba ukutaza ngakumbi nangakumbi. Yelekani ke mzi ontsundu. Ndingowenu wonapakade, M. KINASS. Mount Ayliff.