Title
eng Ezababaleli. (amatiletile Omtshato.) (IMVO_1885-08-26_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mangaliso.
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-08-26
Identifier
eng IMVO_1885-08-26_i016
Word Count
eng 381
Print Page
eng IMVO_1885-08-26_p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
AMATILETILE OMTSHATO. MNUMZETU.—Kwipepa lako lomhla wa 29 ka July, kuko incwadi yo 'Mboneli,' asibalisela kuyo inqubo yomtshato ka Mr. P. Xiniwe wase Bayi. Kuyo kuko lama¬zwi: ' Emva kokuba abatshati behleli ngapezu kwe half-an-hour, wangena umfundisi u Mr. E. J. Barrett, akuba eputunywe sisigidimi sesibini. Ndinosizi ukuti asaneliswanga yihambiso yake yonke ngokunxiba ukungacokiseki kwake;' ekubonakala ke ngawo ukuba zibini iziroro zo ' Mboneli' ngo Rev. E. J. Barrett: 1. Kukubagcina abatshati ixesha elide, belinde ukufika kwake. 2. Kukungazicokisi kwake naxa ede weza. Sinake bangawaziyo lomcimbi wonke, sakuzilesa ezi zikalazo zo ' Mboneli,' siti ke singe singazi ukuba, Wayazisiwe na kwa ngezolo u Mr. Barrett ukuba kuko umtshato oyakubako ngomso ngexa elitile, nokuba abo baza kutshata banga bangatshatiswa nguye? Kaloku yena u Mr. Barrett uyazi ukuba, abantu abasu- kuba beza kutshata, abanyanzelwe ukuba batshatiswe ngumfundisi oku londawo; abe ke waye ngazi ukuba kulindelwe kutshatise yena. Ukuba ke ngaba waqutyulwa, asima- ngalisekile tina ukuba kubeko ezi zikala- zokuba kaloku, angati kanti waye nomsebenzi awayewenza, ekwa kufuneka ewugqibe kwa oko, esingaba ke isigidimi eso safika sele wuqalile. Ngokungazi- cokisi kwake, makabe wati ngokuva ukuba abantu kumzuzu bemlindile, wa- bona ukuba makangabi sababambezela ngokuzicokisa, maka sele hamba kwa Okokuba kodwa ngaba wayetyelweu Mr. Barrett fcwa ngemini ehgapambili ngomtshato lowo, makube ke kwakuku buza kwake ngesenzo, okokuba, Nizo, ku- funa nto nina kum apa bantundini bantsundu, bekonje abafundisi bakuni? Yinina kodwa ukusuka nibe soloko nitene nca nati Belungu, naxa ninabo abafu¬ndisi bebala lenu ? Anazi na ukuba kulindelwe ukuba baxaswe nini aba ba- fundisi bantsundu? Yinina ukuba ziti ipenana ebezifanele ukuya kunceda ama- hlwempu abafundisi bohlanga Iwenu, nisuke nibe soloko nihamba ninunusa ngazo kubafundisi abamhlope, abaxaswa ngokwaneleyo ngamawabo ? Kulihlazo na nina kuni bantu bantsundu ukutshati- swa kwa ngomnye umntu wakuni ontsu¬ndu? Akuna mntu untsundu ungati uqabukile, akuna mntu untsundu ufundi- leyo, wombona ekotsozela ukuya kumfu- ndisi omhlope emshiya owa kowabo engenanto ayenzayo. Nike nibone wupina u Mlungu esiva kucela ukutsha- tiswa ngumfundisi ontsundu? Nanku- nje u Rev. P. Mpinda kufupi apa e Peuleni; bekunanina nakuya kucela yena, engumfundisi osele tshatisanje? Safa kukucekisana kwabantu abantsundu! Kuko uhlanga olwaka Iwacekisana na? Nditike, angati kanti u Rev. E. J. Bar¬rett, ngalento kutiwa wayenza, akalaze- Iwa ngayo ngu 'Mboneli;' abe waye bonisa abantu base Annshaw ukuba yena akateni nemitshato yabantsundu, kanjalo yena umangalisiwe kukubona abantsundu bemana ukushiya ababo abafundisi be- sukelana na Belungu. MANGALISO.