Title
eng Amanqaku. (IMVO_1885-09-02_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Summaries
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-02
Identifier
eng IMVO_1885-09-02_i012
Word Count
eng 981
Print Page
eng IMVO_1885-09-02_p002
Page Spread
eng 2.3-3.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
KWIPEPA lase Kapa eliyi Cape Times lo Mgqibelo ongapaya kubonakele incwa¬di erara kunene esingiswa ku Mr. R. J. Dick, umantyi wabantsundu wase kaya- pa. Isizekabani sayo sisiroro sombali lowo oti ' Ungomnye woluntu ' ngohlobo awawupulapula ngalo u Mr. Dick umci- mbi womnumzetu u Mbovane. Lo- mbhali uti imfanelo ayenziwanga; u Mr. Dick wasuka wahambisa njengoku ngati uligqweta lika Mabandla. Kumhlope ukuba lencwadi ibalwe ngumntu obenga u Kuboni lowo angangena ngentloko elu- dakeni; oku kubonakala kulento yoku¬ba ati umcimbi ongeni afike yena awenze intaba ipela. Konke akutetayo ke unga- fika kutsho ngapaya kweyonanto iyiyo. Ndawo ibange ukuba sikwanqe ku- kuva i Cape Times iyaleza ukuba lomci- mbi maubuye upulapulwe ngenxa yente- to yomntu -ekubonakalayo ukuba use- benza elakemungelo. Lamnkelwc elice- bo lelipepa, ingaba kohlwaywa u Mr. Dick ongazanga waranelwa, ebingaba yinto engummangaliso ukuba igama lake aze kulingcolisa ngomcinjana omncinane njengalo. U Mr. De Wet aka- nguye owoku xengaxengiswa zinteto ezinjengale, ngati kusalungile ukuba asebenzise ingxelo ka Mr. Dick otenji- weyo ngabo bonke abete naye ngoku- mtemba oko wada wamisela ukuba aye- kuyipulapula lenteto. OBALELA kwipepa lase Bayi i Telegraph uvakalisa ezokubekwa izandla komfu- ndisi u Kev. Dr. Soga, M.B., oza kweli lase Maxoseni. Liti u Dr. Soga ngu- nyana womfi u Rev. Tiyo Soga, uinfu- ndisi ontsundu, ongalityalwayo ngenxa yomsebenzi wake nobom bake obuqaqa- inbileyo. U Dr. Soga ungeniswe ebu fuudisini obuzeleyo ngo July 10, kwitya- like yase St. Niuiap, Stirling, kwela Ma- skotshi. Kubeko nesidlo ernva kwo- msebenzi lowo esite songanyelwa ngu Rev. Dr. Frew oxaswe ngu Rev. Dr. Blair. Ngazo ezinyanga zigqitileyo sa- bika ukuba u Rev.' Dr. Soga uyakii ndu- luka kwela Maskotshi ukuzakweli ngayo lenyanga siyipeteyo. LUPAWU olutembisayo noluble olu silubonayo kumzi omhlope wase Natal— lokuba uqala uku lungiselela imfundo yabantsundu. Ixesha eli lonke imtundo yabantsundu ibipumlekumagxalaba aba-fundisi—ingumtwalo onzitna kunene kuba u-Rulumeni ubengancedi ngaluto. Uyaqala ngoku ukushukuma u-Rulu- meni. Isiko lika Rulumeni wase Natal ibikukuba ancede ngalomalana abenceda ngayo izikolo ezifundisa imisebenzi. Nje- ngokuba noloncedo luluncinane aba-fundisi obanako ukumisa amashishini. Ngako ke kubonakele ukuba imfundo iqandwe ngabom. Kuko ngoku umteto osingetweyo yi Palamente yase Natal ukuba uncedo lurolwe nakwisikolo esi- ngafundisi misebenzi. Ngati lomtelo uyakuma. Liblazo kubelungu base Natal ukuba ibe bebengekayi lungiseleli imfu-ndo yabantsundu ixesha eli lonke, sinco- ma abapati bemfundo bakona kuba bezama ukulifihla elihlazo ngoku. Akuko bunyaniso kwinto yokuba kulula ukulaula abantu abazidenge belaulwa ngabapati ubakanyiselweyo. U-SOLOMON C. DUNGA uvunyelwe li- bunga lamagqira lase Kapa ukuba aqe- qeshelwe ukupitikeza amayeza ligqira lakwa Rulumeni laseNgcobo. Umiselwe iminyaka emitatu ukuba akufunde oko. U-Mr. Dunga yindodana engu M'bo ngo- kuzalwa, eyayike yaya kwisikolo sase Lovedale. Eli bakala liyabuleleka, singa anganela amadodana antsundu angena kwelituba. Zininzi indawo ezingena magqira afundisiweyo angati amadodana oluhlobo apitikeze kuzo amayeza. Oku kuyiyona nto ingapelisa o-Siyavuma mhloko kwimpi entsundu—into ezigqiba abantu ngamaqinga. U-HON. JOHN LAING, obemele i Bofolo e-Palamente, wazisile ukuba uyapuma kwelo Bandla. Imbangi akakayixeli. Umhlambi omnintshi wabanyuli base Bofolo uyakuba lusizi ngenxa yelibakala; ngati uluhtu alusaku lahlekwa nto ngenxa yokupuma kwake. Maninzi amatuba awayengati u-Mr. Laing abelu- ncedo kumzi wonke kwimicimbi yolaulo abeyipete, kodwa lamatuba akawasebenzi- sanga. Ngexesha apa lokuhlutwa kwemi- pu, kuvakala ukuba wayengavumelani namadoda awayelibhunga kunye naye awayengati ale kwapela oyise, kodwa wa- ziyekelela ukuba apenulwe ngu Sir Bartie Frere ukuze ayekwenza inteto yokugu- quka kwake e-Bayi. Ngokuma kwake njengendoda nge kungabangako mfazo ingenamsebenzi eyalahla into eninzi ye mali eku £4,000,000, nge bengahlaziswa- nga abantu bell lizwe, nge-engonakalanga amagama ezikulu eziliqela zeli lizwe, Nase Palamente ngayo leminyaka kuba ubeyindoda enobuciko obutile enikelwa indlebe ubenge-adibanayo neqela lika Sir T. Scanlen, yena no-Mr. Pearson no-Mr. Tudhope, no-Mr. W. Ayliff ukucasa ama- ndla Amabulu, kodwa ngokusuka baye- kuwaxasa ngabo ababange lengxovu- ngxovu apo e-Palamente. Ngumfo kodwa obeyipata ngengqondo imicimbi yabantsundu. I-TransKei noko lilahle- kwe ngumfo. Besingati ngoku i-Bofolo malilinge u-Mr. Saul Solomon obuyileyo. Nalo icebo mhlambindini wase Bofolo msan'ukulala. KUYASIVUYISA ukuqonda ukuba incwadi ye nkosi Umhlangaso esiyinge- nise nge Singesi kwele veki egqitileyo, esiyi ngenisa nge Sixosa namhla ifumana ingxoxo kumhlambi omhlope. Niengo- kuba sisazi ukuba uyakuvuyiswa kuku- va imvo zabamhlope sikupa lenteto kwelase Rini i Journal:—' Umhlangaso, Ipakati elikulu lase Mampondweni, uba- lele kwipepa labantsundu Imvo Zabant-sundu, uvakalisa izinto azikalazelayo Amampondo kulaulo Iwase Kapa. Une- siroro ngendawo yokuba ulaulo 1 wse Kapa lupange Amampondo umhlaba wa Maxe- sibe; uti Amapondo awasoze ayivumele lonto, ayakuti-qo awapitizelise awabulale Amaxesibe nakubeni kutiwa apantsi kwepiko lika Rulumeni. Okukucacile, njengokuba kutetwa ngu Mhlangaso n.ie kubalulekile. Ukuba besinako ukuba- ngela ukuba Umhlangaso na Mampondo beve, besingati ukubapendula ngokuba- tyela imvo zabo bonke abamhlope abanga Amampondo angasikeleleka. Lidlule ixesha lokupikisana ngomhlaba wa Ma- xesibe. Umhlangaso lo kutiwa yindoda enengqondo, ufanele ukwazi ukuba umti ongena kugoba pambi komoya uyawa. Elonacebo elinganikwa Amampondo leli (1) mabangacapukisi u-Rulumeni, maba- ngamniki isizatu sokulwa ngokumkataza ngomhlaba wa-Maxesibe nezibuko lo Mzimvubu. Amampondo akasokubuya azifumane ezondawo; anokuti mhlaumbi alahlekwe zezinye xa azama ukuzifu- mana. (2.) Ukiiba Amampondo alu- mnkile mawacele ulaulo Iwe Nkosazana olupesheya kolwandle ukuba luwatabate kwangoku luwalaule odwa. Mawakange- le kakuhle okuhlele elakwa Zulu, ela Ba-hlambeli, elase Xalanga nokuhlele ezinye indawo, aqoshelise impahla yawo nga- pambi kokuba esimatontsi abanzi sifike. Lilo elo icebo ebezifanele Imvo ukulini- kela ku-Mampondo, esingavuyayo ete alamnkela ukuze alungelwe.' AMAWETU ayakutonyalaliswa kunene yinteto ebonakala kwakwelanamhla ngo Mboniso Omkulu oyakuba se-Bayi eku- peleni konyaka. Singa abantu bakowetu bangayicikida inteto eyenziwe ngu Mr. Brister, engati kuti izele lilungelo labo. Bekuyakufaneleka kunene kute kumizi yonke yabantsundu kwako intlanganiso eyakutyisa lenteto u-Mr. Brister ayibe- kise kwintlanganiso yabantsundu base Bayi. Siyakuvuya kunene ukuba sica- zele wonke oyakufuna incazelo. Akuko xesha lokumoshwa kuba umboniso ungo December, abafuna ukuba nento abaze- nzayo abayakuzibonisa mabazi lungi- selele kwangoku. SIYAQONDA ukuba asisedwa ngendawo yokuba sisiti amapolisa antsundu alungile kwinto ezinjengoku bamba amasela. Lenteto ebeko kwingxoxo ebeko entlanga- nisweni yamafama ase Komani yoku- bonisa esikutetayo: U-Mr. Webb : Kwala ntonina ukuba kungafakwa namapolisa antsundu ? . , , , U-Mr. McDonald ute lento yena lyamkola kuba usati yena antsundu amapolisa asebenza ngapezu kwanihlope. U-Dr. Berry: Ndike Mdawacinga amapolisa amnyama ukuyisusa kwam lenteto kodwa ndiba amafama awawafuni amapolisa antsundu (Idume nko Hai hai intlanganiso). Ixabiso lamapolisa antsundu belinga- bonwa enziwe iqela lawo odwa onganyelwe ngumntu omhlope. Siya vumelema tina no-Mr. McDonald.