Title
eng Uncedo Endlaleni. (IMVO_1885-09-02_i015)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-02
Identifier
eng IMVO_1885-09-02_i015
Word Count
eng 430
Print Page
eng IMVO_1885-09-02_p002
Page Spread
eng 2.5-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Kwinkundla yenkosi u-Mr. DiCK kubekako izolo intlanganiso yenkoai nezibonda zize kupulapula impenauio ka Rulumeni nge¬ndawo yendlala ekoyo. Eaitabatile esihlalo U-Mr. DICK ute nbabizele ukuba aneke pambi kwabo iaigitshimi aika Rulumeni abayakuti ke bona basiqube banzi emaka. yeni abo. Kukaninzi ecelwa ngabantu uku- ba ababike ku Rulumeni U Nxoro MBEMA. (wakwa Mdushane) ubulele wati, namhla kute qabu ngati beyivile nje inteto yemantyi noncedo sebelufumene. Oko imantyi ibingekateti nemisebenzi ibingasangenisi nto. Elilizwe libubile, kuba nobenento akananto kubitye inkomo kwasweleka imali. Umsebenzi awusavelisi nto. Abantu bayabadula, abanaqinga kaloku. Kwezivenkile abaziwa, nguye obancedayo. Yahlukene ke intlanganiso ingati yanelisiwe. ngendawo yokuba umzi ulamba. Ubabikile ke. Ekutumeleni ku Rulumeni ufike umzi wawahlula maqela amataru. (]). Uko umkondo wamaxego, nemilwelwe, ongenakuzisebenzela, oya- kuti ke wona ukangelelwe ukuba uncedwe ngu Rulumeni ngapandle kwente. (2). Uko umkondo obunempahlana, uzisebenzela ote kwakufika oku kubalela wayitengisa kanye, olila ngelokuba ukuba ubuko umsebenzi ubungasebenzayo Lomkondo ke ukuba awuwufumani umsebenzi uyakusuka ube, (3). Waye uko nomnye wamadoda anjenga- lawo akoyo anempahla, ekubonakala ukuba abakucita mpahia akubonakali nto. Lom- hlambiko ube umcela ukuba uncedwe ngo- kubolekwa imali umhlaimbi ukudla ukuze uyibuyise lonto ngumaxesha ekungati kuvu- nyelwane ngawo. Namhla ke akakuluagele ukuba fumbatisa ilizwi elipeleleyo, nakuba malungananatnaqela amabini oknqala enako. U-Ru'.umeni unemalana ayigcinele ukunce- disa into ezinjengezi—abalambayo. Lomali incinane knnene, ngoko ke iyakuba buvinjwa ukwabiwa kwnyo, iyakwabelwa ekubonakala ukuba abasenatemba kanye. Amadoda esi- qibi eesibini ayakuncediswa ngokufunyane- Iwa imisebenzi. Kuzakwenziwa indlela eyakueuka e Nf'qnshwa iye eewebeni le Nciba ukuze kufunyanelwe abalomkondo umsebenzi. Bayak.vamnkeliswa umbona ngemini ne 15/- ngenyanga. Ngabakohli- weyo kanye abayakunikwa ituba lokusebenza kulendlela. Bavakuzixela ke abo. Ukuba kuyinyaniso ukuba abantu bala^JwiM^inzi abaya kuwatnnkela umsebenz^^^^Riyo. Impi enezindlu yolungiselelwa xa esemle- benzi amadoda. Abantu ke bayakwamnke- Iwa xa baziswe zizibonda zabo. Ngokupa- telele kwiqela lesitatu, u-Rulumeni akanako ukuncedisa kuyapi ngokuliboleka imali tnhla- imbi ukudla eliqela. Baninzi abantu abanga- lufunayo oluncedo ngapezu kokuba u-Rulu. meni enako. Ebeseleke wacelwa ukuba abase ezivenkileni ukuba banikwe ukudla bakuba bemise inkomo ; oku ukwalile kuba ubelinde into angati apume kuyo u-Rulu. meni. Engavumanga nje ke u-Rulumeni seleyakuteta nevenkile. Bayakuya ke ezi. venkileni, woti kwabo abaziyo ukuba baya. kuba nokuhlaula abeke igama lake ukuba bancedwe. Akanakwema nto ke nga. paya koku. Mabagoduke ke bakuvakalise banzi oku. Ute uyatemba ukuba bayaku. Iwamnkelela pezulu uncedo Iuka Rulumeni ngomsebenzi ukuze kungabinakutiwa banyu. le ukupila ngobusela kunokusebenza. Amadoda azame ukuyihlamba inteto yo* mantyi ibe ngo FOBONGO (wakwa-Toyise), KETE (kwa-Mqayi) obuze ukuba ayakutinina amaxego yati imantyi ayakuncedwa ngaba. fana, UMANGANYA (wase Zeleni), u TOFO (wakwa Folose), UNXANGA (inkosi yakwa- Ntinde). Uqukutnbele u Mr. DICK wati, Mabazi- ncede ngokwabo. Mayiti yakuna imvulana bahlwayele into eziyakulukaulezela usapo ezinjengozimbotyi, nozitapile. Kuko iqhalo eliti ' U-Tixo unceda abazincedayo ' elikwa kukuti ozincedayo uyancedwa ngabanye.