Title
eng Amanqaku. (IMVO_1885-09-09_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Summaries
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-09
Identifier
eng IMVO_1885-09-09_i023
Word Count
eng 1039
Print Page
eng IMVO_1885-09-09_p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UMHLAMBI wase Bofolo nowase uzakwaziswa ukuba unyule indoda ye-Palamente njengokuba u Mr. Laing apumiieyo. Asazi ukuba umzi uyitinina lendawo, kodwa ubufuneka udibene wonke ontsundu, nongamalau kwanamagwangqa angenabutshaba ngakontsundu kwafunwa umfo oyakuwukolisa umzi ontsundu njengokuba selenjenjalo oka Innes omele umandla wase Dikeni. .Maungangxami ke umzi ngokunika amadinga. Uvuma apa besingaufunelayo indoda ebuhlobo kwabamnyama bungata. ndabuzekiyo. Into le inkulu, mayicingwe ixoxwe ngamadoda. Inxwaleko esizifumanayo kulombuso wase Mangesini sizifu. mana ku madoda ase Palamente. Maulu. mnke ke umzi omnyama. KUYAQALA ukulunga njengokuba amapepa Amangesi eyitabatele pezulu ingxoxo yobusela, kuba woda u Rulumeni ave, apulapule into eninzi yamacebo aselete enziwa. Amanye eaziwe siti kodwa njengokuba engaxoxwanga kuyapi siti mawabe awamnkeIwanga. Eli ngati lixesha lokuwisa amacebo. Lencwadi ke yomnye ova ubunzima oku Qumbu mayizitetele :—Emahlungulu, August 14, 1885. NKOSI YAM MHLELI WE Mvo Zabantsundu,—Kauncede undifakele lamazwana. Sibona into embi apa, impahla yetu iyapela kukubiwa sibelwa ngama Mpondomse wona apakati kwetu azitutela impahla zetu Emampondweni. Kum esezimkile ngamashumi matata analinye amahashi, ngamashumi amabini anesixenxe inkomo, igusha nebokwe ngamashumi asibozo. Ke andizibalanga zonke, noko ukuzibala kwam senditata ezangoku zodwa. Ke nditeta nje ndibambe elinye isela elidala u Maxaxa; uxela amanje amasela amagama ngu Cebibokwe no Mdluluza. Ke iyasitsbabalalisa kanye lento. Nditi mayikangeIwe zinkosi zetu lento yempahla yetu. Bekufaneka liti isela lakuba xalifunyenwe lidliwe; ati umnini mpahla azoku fumana ngendlekozake zokufana. S.M.M. UMBHALELI ose Transkei usitumela inteto eziziutloko ezenziwayo ngomhla wentlanganiso ye Mantyi ne Nkosi zela Mamfengu ngenyanga efileyo. Zinkosi ngokwazo ezafuna umcimbi wobusela uxoxiwe. Ute akukov' ukuyindulula ingxoxo u-Captain Veldtman yenjenje ukuteta Inkosi yo-Mgcaleka u Mapassa:—Ndikobliwe ukuba kutenina ukuba u Rulumenti ati elumke kangaka, enamandhla amakulu, abe nokweyiswa ngamasela, kanti ngoku nabantu abasa lali, ngenxa yokn lala ebuhlanti, ku gadwa amasela. Unanina u Rulumenti ukuba angawoyisi amasela ? Yena U-Mapassa uti aboti a Rulumenti kwa kumiswa isela pambi kwake isela malinga tunyelwa entolongweni kodwa ngokuba elosela liza kutya lityebe, lihlale ixesha libuye lipume, lizekuba namankazana, lipinde libe elosila. Kodwa isela laku kutshwa entolongweni, mali nqunyulwe ingalo yenene, lishunqulwe indhlebe zombi, ni, li filwe amazinyo, kude ku fike ezintsinini, ukuze abe nokunganyekwa ngamankazana, baze bati nabanxamele ubusela, babe noko [SEPTEMBER 9, 1885. yika, bakubona lowo enzwenjalo. Wati Unkosi u Sigidi, kutenina ukuba amasela a tetelelwe nga Magqweta, kanti isela elo libanjwe nentlonze, liti igqweta noko lilitetelele, isela lipume. Isela malinga vunyelwa ukutetelelwa ligqweta—kwa no Nkosi u Feni utetelonto.' Inteto yenkosi u Mapassa ivakala kuti njengobuncoko, eyezinye izipa. kati indilekile. Elona yeza lisekunikeleni indlebe kumacala omabini—ku-Mangesi nakwabantsundu. Sasike sati makumiswe iqumru lokuhamba litabata uluvo Iwabantsundu, lonto yayinga nceda kunene ; kodwa sasuka safana nezwi lodandulukayo entlango. SIYIFUMENE incwadana yenoti yamaculo ka Mr. John K. Bokwe ekutiwe yeya ' Ma. culo ase Lovedale.' Amaculo ayo awama- tsha, ikwangalawo abemana ukushicilelwe kwi Sigidimi ngeminyaka eyadlnlayo kusa. sela ku 1876. Ngati ibiyakuba nento ebizayo incwadana le ukuba ibite yanengona ezintsha ezizezayo yodwa. Ndawo kodwa iyimbasa kulomsebenzi yeyokuba iyincwadi yokuqala yohlobo Iwayo eyenziwe ngontsundu. UMBALELI uti:—Sive indaba ezimbi ezi. bange sadana kunene xa sixelelwa wokububa kwe Titshala yase Sihobotini, u Mr. Philip Kata, ofunyenwe elele pandle endle ngenfa yamanz'atnlilo, lati litshona elo waye eqauka nge Cawa. LENTETO siyitabata kwelase Kapa i Cape Times, liti:—' Elo pepa liyole kunene Imvo Zabantsundu lifeza oko kwenziwa ngama- pepa Amayindiya. Eku boneni kwe Mvo Zabantsundu, u Dr. Stewart ne Lovedale bashiyiwe ngamaxesha. Into ajonge kuyo u Dr. Stewart kukuba amnike ontsundu ingqeqesho yomzimba neyengqondo eti ya- kudibana no Bukristu imtwale ontsundu amabakala ngamabakala. Imvo Zabantsundu zijonge kwinto ezingapaya zitanda indlela ekapukapu, kodwa siyoyikela ukuba ingqo. ndo yontsundu ayisaku kupapamela ukwa. mnkela imfundiso yofundisayo. Ezivela e Yindiya zibonisa ukuba azihlanga izinto ekwakusitiwa ziyakuhla ngokusuka kubeko amapepa abantsundu ekute ke kwakubako oludushe Iwama Rushiya awa ngaku Mangesi onke ama Yindiya. Nangu kodwa umahluko: Ama Yindiya ngabantu abakuteleyo, kanti Amaxosa ngabantu abangamavila abaveca indaba kupela. Ke u Rulumeni ubonise umoya wonyamezelo olukulo ngaku Ma- mpondo. Sabalusizi mhla u Rulumeni wa- layo ukurola uncedo Iwezikolo ezise Ma- mpondweni. Amampondo anelisiwe yilento —koku exaswa Zimvo Zabantsundu ate nqa ukuba yayike yarolelwa nina imali. Ngoku Imvo Zabantsundu zishicilela ngemihlali incwadi yenkosi Umhlangaso, kuba zona zikol wa ukuba okona zixoxwayo ezokumelana kweli na Mampondo kokonakovi wana. Ku- lenteto yake Umhlangaso utsho mhlope uku* ba Amaxesibe uyakupitizeliswa nga Ma- mpondo nakuba ekuselwe ngu Rulumeni Imvo Zabantsundu ngeke zifande intsomi yembiza yodongwe nembiza zezinyiti. Ali- sakubatyala lika Rulumeni ukuba Ama. mpondo ahlelwe sesa Ma-Amori ngoku la- hlekiswa nga Mangesi acebisa Amampondo nabantsundu abangapandle abazele liratshi labo. KAMBE lenteto yeyotshaba. Sinosizi ku- nene kuba ukumelana kwetu ne Lovedale kungaqondwa kakuhle lelipepa libekekileyo. Lisitetisa ngento esingazanga zenziwa siti. Asikaluvakalisi olwetu uluvo mayelana na Mampondo. Lenteto ke selixela into ebeku- yakuba yiyo ukuba beke senza zwi ngendlela yokutetelela Amampondo. Kanti lento yokucingelwa iyasenzakalisa kuba nezinteto sohlwaywa ngazo azalatwa. ONKE amapepa ase Kapa anento ayibekisileyo ngelase Mampondweni evuswe yincwadi ka Nkosi Umhlangaso. Liti eliyi Evening Express :—' Ukubuyiswa umva koncedo Iwezikolo zase Mfundisweni, e. Rode, ne Buntingville kuvelise into ebinga. lindelwe ngu Rulumeni nanga Mangesi amaninzi eli lizwe. Ipepa lendaba labantsundu (Imvo) laziguqulela kwinteto ye Sixosa inteto zamadoda ase Palamente, ngako lenza into yobulumnko. Zifike zaxoxwa kwimizi yonke. Isiqamo soko sesoku. ba Unkosi Umhlangaso ubhalele ku rnhlell ne Mvo Zabantsundu uti kwincwadi alate avakalise nolwake uluvo: indawo ke eze ezifike ngexesha mayelana nokumelana kweli na Mampondo. Ufika Umhlangaso abulele u-Rulumeni ngento ayenzileyo yokubamba imali kwindawo engeyiyoyake.' Litsho elipepa liyitabate yonke inteto ye Nkosi Umhlangaso zeliti. 'Lenteto ivelise okunye ukukanya ngemicimbi yelase Mampondweni, ibonisa ukuba azimele eyiqonda nento awayeme ngayo—into leyo eteta ukuba akangangankatazo emazoyiswe. Xa inkosi entsnndu isiti ku Rulumeni asifuni qinga lako namali yako yokufundisa intsapo yetu, ingengakuba siyidelile kodwa ikukuba ngenxa yoko seusuka uti wena yeyako, kumhlope ukuba unabacebisi abati noko bacebisa kakubi bacebisa abandlebe zivule. kele uknva konke, nabanoku^mela kude kubese gazini yonke into JmgatetwayA Ependnlela u Qipu uti Umhl^gaso, ' akasoiA aye ku Rulumeni,' makabe u Qipu yinkosi eti nakuba ingade ipurne ku-Mampondo kodwa ayivumi kuzinikela emhlotsheni ku Rulumene hleze yonakalelwe. Esikuvayo kwincwadi ka Mhlangaso kusibangela ukuba sibone ukuba kuninzi okungaziwayo nga- . Mangesi mayelana nemicimbi yase Ma. mpondweni. Kukade saneliswe kukwazi isiqingata mayelana nabantsundu ze inyaniso ezeleyo siyibonakala ngokukanya kwamalangatye evenkile yomhlope nokuhlatywa komkosi, orara ngokunye kuba abo bauhla. bayo besiti bakohlisiwe nakuba kungaba akunjalo.' XA sisatshone kwezase Mampondweni singavakalisa eziyakubavuyisa abahlobo be mfundo yabantsundu. Nakuba isikolo sase Cnmgce siguzulweyo ngu|Rulumeni siyavnya ukuva ukuba sisahanjiswa. Intsapo efundiswayo iku 98. Iqela elipambili lipumelele uviwo Iwebakala lesine ka Rev. Canon Woodrooffe, umhloli zikolo, ngoku lilungiselela ibakala lesihlanu elipambili kanye. Kakade kudala ukuze kubuye kuhambele Umhloli kwelo. Siyatemba ukuba baninzi abayakuvelana nabo basebenzi bagama.