Title
eng Ubumfama Ngasebaleni. (IMVO_1885-09-09_i029)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng X
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-09
Identifier
eng IMVO_1885-09-09_i029
Word Count
eng 626
Print Page
eng IMVO_1885-09-09_p003
Page Spread
eng 3.2-2.3
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Lencwadi ipendula inteto eyayibekiswe kwi Mvo sisigidimi sa-Mangesi sesemnari yase Dikeni yabonakala kwimiqolo yesi- ngesi kweleveki engapaya:— MNUMZETU, — Inteto apa oyitabate kwisigidimi sa-Mangesi se-Semnari yase Dikeni inendawo ezimandla kubahlobo bemfundo yabantsundu, nakwabantsu- ndu ngeziqu. Kusekuhleni ukuba umbhali walenteto ungumntu obayelayo abantsundu, kodwa uhleli ngezimnyama mayelana nokwazana nomoya wabantu belilizwe, akanalo nolofifana abenalo oka Bokwe kwingxoxo apa engemfundo eke yatabata isituba esibanzi epepeni lako. Ndingabuya ndiyivelele lenkalo ndiyi- kankanye ekupeleni; namhla ndozanelisa ngeyokuqala. Umbhali walonteto usebunyameni kangaka malungana nomoya wabantu belilizwe ngangokuba akolwe ukuba aku- konto injengocalucalu Iwebala kwaba- mhlope. Ucela wena mhleli, ukuba utyele abantsundu ukuba akuko bantu benza isahluko pakati kwabantsundu na- bamhlope; ukuba abaqesha abasebenzi bampata ontsundu owaziyo umsebenzi wake njengokuba bemenjenjalo omhlope owaziyo, nokuba abahlobo abamhlope babantsundu basuke babemehlo-amnya- ma ebaleni xa sukuba umsebenzi wen- ziwe kakuhle nokuba wenziwe ngomhlope nokuba ngomnyama sinina. Ndakuva zwindini: olu ludaba olumnandi kanga- ngokuba mna ndingalukolelwa. Lungaba lunabo ubunyaniso mayelana ne Love¬dale, kodwa ndiqinisekile ukuba lububu- xoki mayelana nemo yezinto kweli lizwe. Akucacile kum nokuba lunobunyaniso na mayelana nomzi ongekude kuyapi nesikolo eso sase Dikeni. Umzi apa wase Dikeni kutiwa yi Alice, awukude njenge- Zambesi kwisemnari yase Lovedale, kodwa kusandu kubonakala inteto embi kunene Awipepa lase Alice. Kulenteto elipepa lite xa licukuceza u Mr. Innes Auba enyulwe ngabantsundu, lavakalisa umoya wokuba aliyifuni nalapo ilele kona ivoti yabantsundu. Mbangi yoAuyenya- nya kwalo iyabonakala. Elipepa aliba- ngamehlo amnyama Aumsebenzi omhle owenziwe yimpi entsundu woAutumela omnye wamadodana abuhlungu atembi- sayo ukuba ayekuba ngongamehlo abo e-Palamente; kodwa eyona nto kukuba liyayenyanya ivoti yabamnyama. Inene elinyulwe ngabantsundu alinakubekwa bala bani; litshatshele emsebenzini walo woAutetela abanamatyala pambi kwejaji; likumadoda apambili ngobucifco e-Pala- mente, lihlonelwa ngenxa yesidima salo ngamadoda acinga ngokucinga apo e- Palamente; ndawana isikwasilima eku- boneni kwentshaba zake kukuba u-Mr. Innes kusitiwa ungxamele ukutabata indawo yalomhlobo ubekekileyo wemfa- nelo no kulunga — u-Saul Solomon. Ukwalata ukudlulisela komsebenzi wa- bantsundu kowabamhlope kwesisenzo make sitelekise u-Mr. Innes namadoda atunyelwe nga-Mabulu. Litinina elipepa lase Dikeni ngawo? Kuko linye na kulomalungu elikufaneleyo ukutukulula umtya wembadada zika Mr. Innes? Make setabate u Mr. Rothman onyulwe nga Mabulu ase Rafu, fan' uba lingakolwa nguye elipepa. Inakona i Alice Times ukukankanya u James Rose-Innes no Jacobus Nicholas Rothman ngaxesha nye, kkona seyipupa? Nentole, kanti noko iyayenyanya ivoti yabantsundu. Levoti itumele e-Palamente ilungu elile linye la- mbalwa alungileyo; amabulu atumele into ezingento; kanti endaweni yokuba elipepa libe yimfama mayelana nabase- benzi, kodwa likangele isambuku somse- benzi, lisuka Iona likangele kubasebenzi, zejibenyanye kuba bemnyama. Nganina Arodwa ukuba ndiyohlwaye i Alice Times? Yenza into eyenziwa nguye wonke, inteto zelipepa le semnari yase Dikeni zingamnkelwa ngabantu abazalelwa elwandle abangazanga baluti bakata emhlabeni; abamnyama abasaAu- hlutiswa zizo. Mna azindihlutisi, azisa- kuhlutisa nabani olaziyo eli lizwe. Intoni, akuko lucalulo pakati Awabamhlo- pe nabamnyama! Hi, into eninzi yaba- ntu ayikakolwa nanamhla uAuba abantsundu banemipefumlo; itsho, inga- Auxelela njalo uAuba uyinike ituba. Abantu abapatiswe imicimbi yeramente ezintsundu kanye nabazixasayo bateta ngoluhlobo. Ixego u-Bennie belisaAuti Amabulu amtelenqa kuba eshumayela Awabantsundu, Auba wona eqinisekile uAuba i ' zwaart schepsel' (isidalwa esimnyama) asinakuze sisindiswe. Laka mhla utile ibulu laroba ngomnyango xa kkutshatiswa abantsundu AwityaliAe ela- lirole imali nalo ukuba yakiwe. Livakele lisiti ngomxhelo walo wonke ' kan die goed ook trouw ? ' (Hleliwenje nezizinto zinokutshata nazo na?) Enye ingwevu yaAa yafunga yanyanisa yati ukuba mhla- ndoza ndingene ezulwini zobazikona nezanto zimnyama (swaart goed) ndoza senditabata umnqwazi warn ndipuma. Ndisati mna umbhali welicebo lisingi- swe Auwe Mhleli ubhale ebudengeni, andimangaliswaAe uAuba angayiboni into yokuba icebo aAuniAa Iona ukuba ulise Aumzi ontsundu alisakunkelwa ndlebe bani, Auba wonAe esazi uAuba aliyiyo inyaniso. Lomcebisi undikumbuza into eke yatetwa yijaji enAulu Autsha nje ngemantyi ezigwebo zilungileyo kodwa iziseAo zazo zibi kangangokuba ama- gqweta amane ukubena ze nejaji ziAohlwe yinto eziyenzayo ngazo. Ukucaswa Awe- gqweta elintsundu e-Komani Awabangwa libala. Ndiqinisekile AanjaAo uAuba umntu ontsundu osand' ukudutyulwa e-Alvani ukuba ube bala limbi nge- engadutyulwanga, uAuba ubemhlope ityala beliyakumela ijaji. Ndingu, X