Title
eng Imvo Yabantsundu, (IMVO_1885-09-16_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Date
23 September 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-16
Identifier
eng IMVO_1885-09-16_i019
Word Count
eng 346
Print Page
eng IMVO_1885-09-16_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWESI-TATU, SEPT. 23,1885. IVOTI E BOFOLO. A siqwalasela kumapepa ase Bofolo nase Kobonqaba sifu- mana ukuba Amangesi awazikatazi kuyapi ngendawo yokunyula indoda yokutabata indawo ka Mr. LAING e Palamente. Lento ibonisa ukuba Amangesi oyisiwe yinyaniso nga- Mabulu e Palamente, ngangokuba ancame. Kanti ke Amabulu aya- komelezwa ngulo moya; into engade iwadambise kukuba kuse- tyenzwe ngabo bonke ukuba apele amandla awo. Ebekunga ke banga- ti abo bawacasileyo amandla Ama¬bulu entweni zolaulo bangayimbu- mba yamanyama basebenzele uku- wancipisa lomandla ngokutumela e Palamente amadoda anobuciko na- faneleke njengo Mr. INNES owatu- nyelwa ngamadoda antsundu ase Di- keni. Siyavuyiswa kodwa kukubona imigudu yempi entsundu nenga Ma^ lau. Intlanganiso ibe yenziwe Ega- nqeni yokuwucinga lomcimbi. Ko- mnye umhlati kwakweli lanamhla saneka inteto yomgeini sihlalo wayo u MGCONGOLO (Rev. J. READ) esibonq, kuyo uhlobo oyakuhambisa ngalo umhlambi wase Katala. U Mr. READ ucebisa ukuba bavumelane. Akucacile kuti ukuba yimvumelwano enjanina enokubako pakati ko Bu- bulu nenkululeko. Apo into ilele kona kusekufanelekeni nasekuwu- lungeleni kwamanene ayakunyulwa umsebenzi opambi kwawo. Sino- mkumbulo wokuba imvo zamadoda ango Mr. HUTTON, Mr. RICHARD SOLOMON, Mr. DORMER, no Mr. GREEN—asimazi u Mr. HUNTLY kwa- njengokuba engamazi no Mr. READ —imvo zalamanene zinto 'nye, eyona nteto ke isekubeni yiyipina engatatyatwayo. Ngati kuti u Mr. HUTTON wayefanelekile kwindlu yengwevu, kodwa akanazo izinto ezifunekayo kwindoda yendlu yodo- dana engezantsi apo e Palamente. Akanabo ubuciko nokalipo lokuyi- mela imvo yomzi kulondlu ingeza- ntsi, esebushushwini. LT Mr. GREEN ubengekavakali nganto malungana nokulwa amadabi anjengalawo. Kwaye kufuneka amadoda anobu¬ciko, nokalipo nanokupulapulwa apo e Palamente. Amadoda anjalo ke kokwetu ukubona ngu Mr. RICHARD SOLOMON no Mr. DORMER. Oma- bini ngamadoda angalusizi nabanina owaziyo ukuwacasa ngevoti ngokuti avotele enye kanti ngokwenjenjalo ubonisa ukuba ucasa enye. Kuva- kala kodwa ukuba u My. SOLOMON akakafuni kuya e Palamente okwa- ngoku. Ibe ke iyakwelela lengxa- keko sesiyikankanyile. Kukonenteto yokuba no Mr. WRENSCH obesakuba yimantyi e Bofolo ufuna engene. Yena wolindelaukuxaswa nga Ma¬bulu. Nangayipina indlela siya-temba ukuba abanyuli bayakumela eyona ndoda ifanelekileyo. Usi- ndiso lweli lizwe lusekucaseni ama- siko ase Mabulwini angawokuba- ndezela tina; mawadibane nabantsu- ndu ke Amangesi kungeniswe eyona ndoda. Xa kungafezekiyo oku si- yakudibana nabo balilela ukupuma kuka Mr. LAING.