Title
eng Amanqaku. (IMVO_1885-09-16_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-16
Identifier
eng IMVO_1885-09-16_i020
Word Count
eng 636
Print Page
eng IMVO_1885-09-16_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
KUYAKUBAVUYISA abafundi beta ukuva ngenewadi yombhaleli wetu ose Morijah (esiyakuvuya ukumana sisiva indaba ngaye) ukuba intlalo ifuna ukubuyela endaweni ' yayo. Imvula zine kanobom kwelo. Aba- bulali bababantu batatu bayafunwa. Ibrandi iyakutshwa pakati komzi. Kulusizi ; ukuva ukuba u Masopa uselipongoma. IMPI yakowetuese Bayi ifanele ukubulelwa ngoko ikwenzileyo ekufikeni kuka Sir Charles Warren. Efikile imbulise ngenteto eyolileyo egameni layo nasegameni lomtu ontsundu. Inteto leyo yombuliso iyakwa- mnkeleka kuye wonke ontsundu okweli ola- ziyo ibali lemicimbi yela Bahlambeli. Sifunda kwipepa lase Bayi ukuba ' Iqela lamadoda atunywe ngumzi ontsundu ango Mr. S. F. Makwena, Andries Pu, Peter Rwexu, A. Ngcoza, laneke lenteto pambi kwegora elo lase Mangesini:— Ku MAJOR-GENERAL SIR CHARLES WARREN, R.E., K.C.M.G. MNUMZETU,—Tina mpi intsundu ihlala kwi. mizi yabamnyama yase Bayi, singa singa- tabata ituba lokubako kwako ukukubulisa, 'nokukuncoma ngokupumelela kwako kwela Bahlambeli. Siyazazi izinto ezabanga ukuba uze kwelilizwe, siyincoma kunene intliziyo , eyabanga ukuba ulaulo Iwe Nkosazana luku- tumela kweli lizwe. Ukubako kwako kubo- jnisa ukuba ulaulo Lwamangesi lunga izizwe ; ezintsundu zingasikeleleka. Elase England lelitanda imfanelo yodwa, yiyo lonto linge- inakuxola lakubona imfanelo zababutataka zinyatelwa ngenyawo. Ukubako kwako namhla kutyebisa lonto. Masikunike ezetu inyaniso oku akusoze kulityalwe ngabantsu- ndu, ngokwenjenje Umhlek&zi uyakuzifuma- nisela imikosi yabamtandayo nabamtobeleyo. I Sikunqwenelela impumelelo nehambiselo pambili ngamaxesha azayo, nehambo entle yokugoduka. Sizicaka mhlekazi. Ekovile ukuyifunda lea'eii, i Mr. Makwena ute isayinwe ngabantu uba 46, kodwa ivakalisa imvo zewaka labantsundu abase Bayi.' Esi saziso ngomtshato womfundisi u Rev. Dr. Soga sisifumana kwelinye lamapepa i afike ngo Stemele wokugqibela avela e i Skotilan :—' Soga—Meikle.—E Ward-park, Cumbernauld, ngo 18th August, ngu Rev. William Smith, kwityalike ye U. P. yase Bonhill, encediswa ngu Rev. Robert Primrose wase Cumbernauld, no Rev. John S. Sclater, wase Manchester, u Rev. William Anderson Soga, M.B..C.M., welase Maxoseni utshate no Mary Agnes, intombi yesibini ka Thomas Meikle, Esq.' KE kwako pakati kwamagwangqa inteto yokuba lempi ibikwelitelwa umbona ngu ; Mr. Hedding imane ukumtengisa kwakona ngamaxabieo apantsi, ukuze ifumane imali yokusela ibrandy. Siyive ngabantu abate- ngiselweyo into yokuba into leyo yona yenziwe, akucacile kodwa mayelana ne brandy. Siyivile lento sifike saxakwa sisenzo esilolohlobo ngelixesha. Sibuzisile kumpi entsundu yakanyela yati ukusosula yabuza amagama, lasiya nati. Asibateteleli abatakati abo, kodwa umzi ontsundu uyenza- kala esimilweni zinto ezinjengale ezenziwa ngabantu abangabanye abangaziwayo. PESHEYA kwe Nciba siva ukuba u Rulu¬meni uyibambile imali yenkosi u Sigidi kuba asuke waxabana nesinye sezibonda ezipantsi : kwake xa abesiti yena kusifanele ukuba simtobele kwinto enjengokuba ebefuna ukudala umzi kufupi nomzi waso. Asiyazi imbangi yokuba imali yake yakwa Rulumeni ' ibanjwe ngento encinane kangaka, kuba ; nesibonda eso sasimiswe nguye. Kwakutsha nje imali ebifunyanwa yinkosi u Zenzile, ! unyana wetshawe elingu Smith Mhala yaka yafunyanwa yabanjwa ngenxa yokungavani j okutile kwake ne mantyi, kodwa amapakati i ake amcebisa ukuba acele uxolo. Zombini ke ezizinto ziwupitizelisile umzi ontsundu j ose Dutywa. Ukuba luyinyaniso ulure lokuba umantyi okona uzakusiwa kwenye indawo woba u Rulumeni uyalungisa. Ezi- zinto zisabambe isikwa sempato awapatwa ngayo oka Qunta, inkosi u Mbovane, sinoloyiko ukuba ngalehambiso u Mr. de Wet uyakupalalwa ngumzi ontsundu. KUKO amalinga ake enziwa ligqweta eli- ' mhlope lase Dutywa lipikisa okutetwe ngoti 'Ungongaziwayo' obhale kwi Mercury abesiti kuyo Ongaziwayo amagqweta antsundu apesheya kwe Nciba asaquba kakuhle kuna- wamhlope. Kakade lamalinga awapumele- langa. nevunyiweyo kweli lase Maxhoseni yakufika e Bayi yakutelekiswa nekhaba lakona inge ngumtshayeli wezindlu zalo. Omnye um¬hlobo ongekude kakulu kwesi sikolo sika Baliti sise Ncemera uti wati mhla waya e Bayi enxibe izigxoloxwana zake abesoyikwa kunene ngazo kweli, wasuka wangenwa zintloni akuma nekhaba lase Bayi wanga kwezontsiba zebatyi ungumsuli wezihlanga nje kodwa. Elikhaba lakuti lise Bayi ali- zanelisi ngokuzicoca kwalo kupela, kodwa lizama nesimilo sentlalo nokuzipata okuyele- lene nokokufaneleka kwezinxibo—eyona nto inkulu. Waka wati u Wesile ' Ukunxiba kakuhle nokucokiseka kuzizona zinto zila- ndela ubu-Kristu.' Knlenteto siti Amen. Malihlambuluke ikhaba. APO ulutsha lukanyiselweyo ungafika Inta, bata Inwo kunene. Lunentloni ezinkulu ukuhamba luzingqiba. *** SISIVA usongile umhlambi omtsha ukuba uyakuba ngumka nja ongabangako kwi Timiti eyakuba kwityalike yama Wesile ngolwesine