Title
eng E-lesotho. (IMVO_1885-09-16_i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
xho Officials
Language
Locations Mentioned
eng Morija
Date
10 September 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-16
Identifier
eng IMVO_1885-09-16_i024
Word Count
eng 178
Print Page
eng IMVO_1885-09-16_p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[IVELA KUMHALELI WETU.] Morija, 10 September, 1885. Asikuko nokuba imvula iyana, ina ngohlobo esingazange silubone sekuyi- minyaka eminintshi. Sekuzimini ezi litoba ezilandelanayo soloko isina ngamandla. Impahla enje nge nkomo ifile, iyafa nangoku, kuba sibhala nje iyana kanye. Kufa nenkabi ngenxa yokuba ilanga be libalele kakulu inca ingeko. Kwe sakwa Masopa indaba zokubulala abantu abatatu ngokuti batakate inkosi u-Chopo, ngati uzi nxamele u-Colonel Clarke, ucele ku Letsie inkosi ukuba abo babulali maba nikelwe isigwebo esiba- faneleyo. Ite ke inkosi maka bacele yena abo bantu ku Masopa abagwebe ngo Mteto wakwa Rulumeni. Kuvakala ngatike unyana ka Masopa oyeyona nkosi yababulali akavumi nabo. Azika peli ke ezo ndaba zisatetwa. Kuya sivuyisa ukubona ngati u-Tixo uyawavula amehlo ezi nkosi zakuti. Siteta ngoku malunga notyalwa babe- lungu i Brandy. Kwakutyelele elinye itshawe elingu Paulus Mopeli unyana ka Mkatshane uyise omncinane ka Letsie, ose Free State ngoku, yamanake leyo nkosi ukwendza intlanganiso yokuteta ngo tyalwa babelungu ebutyila into obu- yiyo esizweni. Esiti sisifo kanye ilizweni. Mabulahlwe ! Ati onke amabuto. Ma¬bulahlwe ! Bazigxotile ke ngoku ikantini ukuzi buyisela e Free State. Apo zinga gxo- twanga kusesitilini sakwa Masopa.