Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-09-30_i018)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Date
30 September 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-09-30
Identifier
eng IMVO_1885-09-30_i018
Word Count
eng 270
Print Page
eng IMVO_1885-09-30_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWESI-TATU, SEPT. 30,1885. INKOSI ZETU. IMPATO ebukali negadalala eku- bonakala ukuba uzipete ngayo u Mr. DE WET inkosi nezibonda ezintsundu ibonisa ukuba inqubo ondele kuyo kukuba inkosi zingabi- ko kanye pakati kwetu bamnyama Ayipikwa bani yona into yokuba bebaninzi ababonayo ukuba le yi- nkalo eziyakude ziye kutshonela kuyo inkosi zetu bamnyama, kuba kungenakwenzeka ukuba lento umntu ibuse kwinkosi ezimbini. Apo kodwa bablukana kona abantu kukwindawo yokuba lenkalo iyaku- fikelelwa ngayipina indlela. Eka Mr. DE WET iyabonakala ukuba yenqumlayo—eyokuba mayiti inkosi entsundu nokuba sisibonda sakuti gqwididi entweni nokuba incinane kangakananina sibesesiqetulwa sipo- swa pantsi. Lendlela siyitiye impe- la. Yeyona kanye iyakuzomeleza inkosi: abantu bayakuti bakubona ukuba u Rulumeni uyidlela indlala nje kodwa inkosi bagalele ngakuyo, bavele yona. bamkangele njengesi- gebenga u Rulumeni, babengabase- mzini okunye pantsi kwake. Kudla ngokuti xa bezakuxokiswa abantsu- ndu apa kwa Rulumeni uve kusiti- wa bangabantwana. Asingxamele kuyipikisa lenteto, kodwa singasuka siti ku Mr. DE WET bangabantwana abayigqala kunene into ehambise- kayo nabayibonayo into engahambi- sekiyo ngemfanelo. Simcebisa ngokusulungekileyo ukuba maka- ngacingi ngokuti yena unokufuma- ne azicitacite inkosi ezintsundu nje- ngoko simbona ukuba ungxamile. Akabonina e Lusutu. apo amandla enkosi pezu kwabantu besekutiwa adambile bakuzinikela kwa Rulu¬meni, kwatiwa ukuhlutwa kwemipu kuyakubanga ukuba inkosi zipele- Iwe kanye.; Siyazi sonke namhla ukuba kute emva kwalonto zomelela okunye inkosi. Umpatiswa Wabantsundu one- ntelekelelo yena akasakuziduba, yindoda eyakuxolela ukunyame- zela, izipate ngobubele ezinkosi zi- koyo ezizezokugqibela njengokuba esenjiwanjalo umntu omdala; aka- sakuzimonela kwindawo zamagunya ezisawahambisayo; uyakuti noku- malungana naye azame ukuquba ngemfanelo, nangobubele ngakwa- bantsundu bonke, abonise ngeha- mbiso yake ukuba u Rulumeni yi¬ndoda angakonza kuyo owasemzini kufaneleke, eloshologu loyikwa kunene ke emlungwini liyakude linga- bisaziwa bani amanyane ontsundu nomhlope kungekonto yobuya iba- pitizelise.