Title
eng Iveki. (IMVO_1885-10-07_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-10-07
Identifier
eng IMVO_1885-10-07_i019
Word Count
eng 670
Print Page
eng IMVO_1885-10-07_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
IQALE ukuteta ijaji e Qonce apa ngolwesi- Tatu 3 Sept, yenza into yanye yayakugqiba ngo Mgqibelo ngokuhlwa. Igqweta le Nko- sazana ibingu Mr. Blaine. ABAGWETYELWE ukuxhonywa yi jaji apa e Qonce batandatu —yintombazana u Tapsi Mbingo ebulele umntwana ebisand' ukumbe. leka kuba ibisoyika nmzali. Ibicelelwe inceba noko yijuri. Ngo Nomsiti. Logengea, Rayiya, no Mzizi ababulala u Jubasi kwesi- Ra Makaula e Tshungwana nowesakwa Baca apo owabulala kunye no Mnyateli u Satana kuba kwatiwa ngu Siyazi abantwana baka Mnyateli babulawa nguye. INKOSI enkulu ya Mabaca, u Makaula ube- ko apa e Qonce ngomcimbi wamatyala avela kwesake. U MAQASHOLO no Nolentyi base Mkwinti, pesheya kwe Nciba ebekutiwa banetyala lo- kubulala umfazi omkulu ka Maqasholo (u Nolentyi ngomncinane) babonakele pambi kwalejaji nabo. Usindile n Maqasholo ngo- kusuka kungabikq pungqina bokuba uhlabi- le, umfazi ugwetyelwe iminyaka emine embandezelweni kuba esuke wati nguye owamhlabayo kodwa babesilwa engangxa- mele kumbulala kodwa. Ubuye wakanyela kanye umfazi wati amazwi lawo nbewanikwe ligqweta u Mr. Gontshi; umfazi lowo wahla- tywa yindoda. Ijaji isate iyakuyicedulula into leyo. IMVULA ike yana kanobom ngolwesi-Ne nangolwesi.Hlanu Iweveki egqitileyo. INTLANGANISO yonyaka yabafundisi aba- ntsundu base Wesile bomandla wase Bini iyakuba se Nxukwebe ngo 28 Oct. AMANYE amatyala abengawokuba ate ohlwaywa ikakulu ngekatsi namaxesha ate tyi entolongweni. KWA Ndlovukazi kubikwa ukubhubha ngo 24 September, 1885, kwendodana ebisand' ukutabata umsebenzi wobutitshala kona, igama layo ngu Mr. James Mkwane. Yayi- funde e Nxukwebe yapumelela nge com¬petency ngonyaka odluleyo. U MR. SCHERMBRUCKER ufike e Kapa ngo 30 Sept, ukubuya kolntyelelo ake walwenza kweli lase Maxhoseni. IMPI yase Xonxa yale impela ukufudukela ku Tsolo. U Mr. Frost ubetunyelwe ukuba aye kuyizama, asuka amadoda amadala ati selexolele ukuba abulawe yindlala e Xonxa apo kunokuba aye kwilizwe angalaziyo. U MR. UPINGTON kutiwa usahambele kwe- lakowabo elama Irish. IRULUNELI yazisa ngokubalulekileyo uku- ba imida yela Bahlambeli yiyo le :—I Trans¬vaal empumalanga, i Koloni ngezantsi, ngentla nangasentshonalanga ngumlambo oyi Molopo. U MAJOR ELLIOT, umantyi omkulu wela Batembu usahambele ku Sarili. ABAMNKELI be Mvo abangekahlauli baya- ziswa ukuba imali yabo yokuxasa ipepa ili* ndelwe kakulu. KUKO inteto yokuba kuko abantu asebe- bulewe yingqakaqa kwisitili ease Bofolo. ABAFUNDISI abaguqula Izibhalo bebehla- ngenengo 1 Oct. bayakuti ga ngeCulo le civ. Abebeko ibingo Rev. A. Kropf, Rev. B. Ross, no Rev. E. J. Barrett. ITIMITI ya Mswesile ngolwesi-Ne olugqiti- leyo siva ukuba yahambiseka kakuhle. Isi- ko lokutumela itikiti kubahleli bamapepa endaba ukuze batabate indaba, alenziwanga, ngokoke asinangxelo singayenzayo ngomgco- bo lowo. IMALI ka Rulumeni apa eku £400 eyayi. lahleke mhla ikari ka Mr. Dreyer yabukuqeka e Vetklep Rafil ngase Tsitsikama ifumani- sekile. Kutunyelwe ababanjwa wakuwuta umlambo ukuba baye kufuna yafunyanwa ixiuge pakati kwamatye omabini. U REV. W. BUXTON PHILIP, B.A., wase Kapa umiselwe ukuba lilungu le University Council endaweni ka Ven Archd Badnall, D.D., obuyele e England. AMANYE Amangesi ase Bofolo acela u Mr. Wase Bayi Godionton ukuba afunzele indawo ka Mr. Laing ngolunyulo luzakubako. UMZI ukangelelwe ukuba uhlaule inkozo zepepa ukuze umsebenzi uqubele pambili. KUKO inteto yokuba u Rev. Canon Wood- rooffe, M.A., uza kupuma ekubeni ngurnfu- ndisi wase Somerset selezakutabata ubuhloli bezikolo kupela. KUVAKALA ukuba ezimvula zine kwindawo ezininzi. U REV. CANON LIGHTFOOT wase Kapa umiselwe kwibakala lobu Archdeacon enda¬weni ka Ven Archdeacon Badnall. Abahlo. bo abaninzi baka Ven Archdeacon Lightfoot bayakuvuyiswa bakuvaoko. IVUKILE kwakona ingqakaqa e Alvani ngolwesi-Hlanu babini ababesebehliwe kwi lokeshoni yakona. ITYALA lo Rev. J. D. Don no Mr. G. A. Hay, liyakutetwa e Rini ngo 10 November ozaya. SEBEKWISHUMI linesi bozo abehliweyo yi- ngqaka qa e Dayimani. E-DAYIMAN kumiselwe ukuba koti kwa- kubetwa intsimbi ngexesha lesitoba ngoku¬hlwa kungabisahamba mntu mnyama kwelo dolopu. U Mr. SHIPPARD kuvakala ukuba unduluke ukusinga kwela Bahlambeli ukuyakutabata indawo yobu Ruluneli ngolwesi-Hlanu. UMBONA e Tekwini uhamba kwi 12/6 ngenxowa. AMALAHLE kuvakala ukuba ako e Colenso, e Natal, nakufupi nebala le Marike e Mgu. ngundlovu. KUKO umntn ohliwe yingqakaqa Enxu- kwebe. IKHABA le Champion C. C. eliya kudlala na Mangesi e Kaffrarian C. C. ngo Mgqibelo ngo:—Austen Ngcumbe (capt.), E. B. Soga, N. Bovana, Warner Ganya, William N. Seti, J. Sidaia, T. Zondani, N. Zondani, 8 Nini, Eleazer Maputi, M. Xhelo. Kuyakudlala negubu lamajoni xa kudlalwayo. Abe Kaffrarian C. C. abayakudlala ngo W. J. Tully, W. McCormack, W. H. Evans, H. L. Davies, H. S. Smith, H. Bailie, C. Egan, E. P. Schermbrucker, A. Giddy, W. R. Irvine, no Fleicher.