Title
eng Amanqaku. (IMVO_1885-10-28_i014)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-10-28
Identifier
eng IMVO_1885-10-28_i014
Word Count
eng 400
Print Page
eng IMVO_1885-10-28_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
ITE yakuvakala e Kapa into yokuba u Foros ubafudusa ngamandla abantu kwelakwa Tato wakauleza u Mr. De Wet ukuyikanyeza lonto. Wenjenje ukuzipendulela kwelinye lamapepa ase Botwe eliyi Cape Times: —' Akuko nyaniso kwinteto ebonakeleyo emapepeni endaba, yokuba ubafudusa ngamandla Abatembu u Rulumeni. Into ekoyo yile u Foros ubebacazela isigqibo sebandla le Palamente entlanganisweni, wabhekisa kwabo bavumayo ukufuduka ukuba bamazise. Baninzi ke abate bakukhova ukuya kulipanda elo liku Tsolo bavuma ukufuduka. Akuko kupitizela nakukalaza pakati kwabantsundu ngenxa yoku kwenziwayo, nakubeni abamhlope abacase lo Rulu¬meni upeteyo bazamayo ukufumana ituba lekumohlwaya u Rulumeni.' TYAPILE sikuve zwindini, kuba siqonda tina umzi awugqali kakuhle nokuba ukufuduka oku yinto esemandleni awo ayinjalo sinina. Mababe bayaqonda abantu uku¬ba abaqutywa ngabhaxa, kungeko negunya, sisazi tina akanalo u Rulumeni elokuba enjenjalo. Into exelwe ngumbhaleli okwelo lakwa Gcina, oti nabahleliyo bayasuswa kwindawo ezingamanqata ayidibani kakuhle nalenteto ka Rulumeni. Sova kambe kwanga'mawetu akutetayo ngalendawo anyhwamazisa umzi wabamhlope ngayo Umpatiswa Wabantsundu. SICELWA ngamalungu entlanganiso yama- dodana ase Transkei ukuba sivakalise umbu- lelo wawo ku Mr. P. H. Pottor wakwa Msesane, ngesipo se 5/ asinikele ukunceda indyebo yelobandla. Anetemba amadodana ukuba esisipo sesokuqala esinjenge nkonjane yokuqala ebonisa ukufika kwehlobo elizezinye izipo ukuze icume. ICEBO apa lombhaleli wetu u 'Paula' li- fumene indlebe ezininzi kumapepa Amange- si, elase Nyara kodwa—i Advertiser yenze inqaku elinengqondo eke lenziwa ngelicebo. Liti, 'Umbhali epepeni labantsundu lase Qonce ucebisa ukuba amasela abekwe umtshi- so esidleleni. Elicebo belingapuma kumntu osand' ukupuma ebunyameni. Make siti elisela maliguquke libe ngumntu olungileyo, ngubanina onokuwukwelelisa umtshiso?' 'IMO YEZINTO' ligama lencwadana engesi Ngesi ebhalwe ngu Mr. Meshach Pelem. Kuqala yayiyinteto eyafundwa kwintlangaNiso yomvumo ngo 14 Oct., ebeyongonyelwe ngu Judge Buchanan, inkulu yejaji zase Dayimani. Sinazo kuti apa incwadi ezo ezinokufunyanwa ngesheleni ene peni kofuna etunyelwe ngeposi. U Mr. Pelem ngokuzalwa ngu Mtembu, wafunda e Nxukwebe, ngoku ngutitshala apo e Dayimani. Sisazi- misele ukuke senze impawana ezitile ngenteto yencwadi leyo, kwanamazwi obuciko e Jaji leyo ibiliciko elikulu le Palamente yase Kapa ngemini zayo pambi kokuba ibe yijaji. Incwadana le singati ibhalwe ngobugcisa, ibonisa ukuba ilungiselelwe ngenyameko enkulu, ingambuyisela yonke inxamleko yake ote wayilesa. Kwanjengokuba ebesenjenjalo ngemini zetu zasemfundweni u Mr. Pelem, simfumana esateta ngokalipo, esazigibisela nganzima intshaba zake. Yona inteto yejaji ibifanele ukuqwalaselwa kakuhle ngamadoda apete imicimbi yabantsundu. ASISENAKWALEKA nto kumazwi osizi awe- nziweyo ngamapepa ngokufa kuka Mr. Jonathan Ayliff, kodwa egameni lamawetu singati udaba olu luyakwamnkelwa ngosizi olukulu, kuba lomfo ka Ayliff ubebekwe kunene—kwa igama lika Elefu linesihomo esikulu kuti batnnyama kuba lidibene nenye yento enkulu ebalini lenxenye yetu.