Title
eng Transkei. (IMVO_1885-10-28_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
xho Officials
Language
Date
20 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-10-28
Identifier
eng IMVO_1885-10-28_i017
Word Count
eng 950
Print Page
eng IMVO_1885-10-28_p002
Page Spread
eng 2.5-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 5
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[IVELA KUMBHALELI WETU.] Oct. 20 1885; Soloko imvula yagqibela ngalamhla kwazala umlambo i Gcuwa; sesisoyika ingati sesinye, nengca seyibuna kwezinyo indawo. Lento yokungani iyakukumanqisa imbewu. Amadoda ase Dutywa ate inkosi u Sigidi unentliziyo ebuhlungu ngomhlaba wesibonda se Mfengu elingu Mtanda; uti samiswa nguye kulondawo ngako malilaulwe nguye angatetinto u Chief Magistrate u Captain Blyth, C.M.G. Lonto naxa ndiyiteta kancinane nje inkulu; ndive omnye umntu eyikankanya ngendlela eposisekileyo, ndati kuba ndiqondile ukuba lotnbhaleli wetu akayiqondi ndamcazela. Msani ukufumana nimbeke igxeki umpati, kone kwa abetu. Umntu obegqita e ofisini e Willowvale engumhambi uti ugqite nge 18 Sept, umantyi wakona eyawangene entweni yake kade yokutuka ngesi Ngesi nangesi Bulu amapolisa abantu abantsundu alapo. Kuba kambe kutiwa umfo lowo uwanikina imihla nezole kuba into leyo eyitanda ukuyenza; bakumbula u Ngqabe kanye (Mr. Streatfield). Indaba ezivela e Ngxakaxa ziti kuko umlungu odubule omnye. Nge 28 Sept, bekutetwa ityala lobusela e Butterworth, umbona ka Sincontsa wesika Nkata ubiwe, ingxowa yonke yombona ngumninawa wake u Mkwali benomfo omzi ukufupi kuye ongu Mboyi. Imantyi ite mabarole £5 emnye ukuba abanazo bahlale entolongweni inyanga ezintatu. Kufike e ofisini e Butterworth umfazazana olusizana, wesika Ntsimango, e Khobodi ekusoloko kwatiwa makarafe arole neyendlela imali, arole neyegqira imali, arole neye teacher imali, kanti asilosiko labahlolokazi elo. Lomfazazana indoda yake ngula nyana ka Kondlo owasala mhla ngeduli elikulu, wawa pambi kwenkosi yake u Mawala. Lento Mangwane lihlazo; uti lomfazana anizange nimbike nakwa Rulumeni ukuba afumane imali yobuhlolokazi, njengoko kunjalo kweli lapesheya kwe Nciba. Balungiseleleni abo (bafazi) bangabahlolokazi bobabini, okamfi u Mtati, nokamfi u Mevana. Kutiwa anibakatalele kanti bawa njengamaroti pambi kwenu. Kuko into ekulileyo apa yokuti kubiwe impahla iqutywe kuyiwe kutengiswa ngayo ukutya kwelinye ilizwe. Ibokwe ibiwe ku Samuel Maja ilahleke kwasekubonwa ngesikumba evenkileni ka Mr. Matz, wasuka yena umlungu wati akateni yena utenge isikumba eso yena. Namahashe amatatu esakwa Feltman abiwe, kubonakala ukuba aye kutengisa ukutya. Ubusela bukulile yesheya kwe Nciba, uku- susela kwelixesha lenyanga engu September lo ugqitileyo. Efameni ka Captain Feltman kubiwe inkomo ezisibozo, umkondo upela ujonge kwisizwe sika Mapasa Mzanzeli, inkosi yama Palo. Lento ubusela siva uku¬ba ibange isipitipiti esibi kakulu emdeni wa Mamfengu naba Tembu; uti oyibalisayo kute ngenxa yokubelwa kwa Mamfengu ka-kulu ngaba Tembu besangakwa Matanzima suke ngabusuku butile afunza Amamfengu mzini utile waba Tembu, batimba inkomo negusha nebokwe nempahla ezisetyenziswayo, lwenziwa amahlazo usapo. Kusile la Mfengu abanjwe onke nenkosana zawo yi- mantyi yase Mbulu; ngoku liyatetwa elitya- la. Bati abaxelayo Amamfengu adinwe bubusela baba Tembu, nemantyi isuke iti nani ningamadoda ziboneleni ngokwenu, bati sizibonele ke ngoluhlobo. E Gcuwa esikolweni kubiwe igusha ka Mtwayi, ngobusuku bolwesi-Hlanu 2 Oct. kusile kwacelwa izindlu yafunyanwa entangeni yabafana abahlanu igqunywe ngengubo zabo zokulala. Imantyi ibagwebe £5 emnye nokuba inyanga ezintandatu etolongweni. Amagama ababafana ayazeka ka¬kulu, ngawona mahomba ase Gcuwa kodwa leloqela elati mhla ugemvuselelo ka Rev. C. Pamla alazinikela njengabanye, kanti linetemba legusha zabantu. Singavuya ukuba yinene inteto esiyive ngomfazi wase Ngqushwa ohambele apa e Tanga, uti ipelile indlala kwelo avela kulo uti ingqolowa selidubula, okunye uti ukutya kutshipu, ingxowa yombona 15/. Ninetamsanqa ukuba yinene lonto Ngqushwa. Tina apa lite lakuna wadula umbona akunge fumani ngxowa yambona ngapantsi kweponti ezimbini ezineshumi lendaliso (£2 15/. Imbangi yoko kuti besekufumaniseke itamsanqa lokurwetywa kombona e Mzimvubu zasuka inkabi zafela kona zabantu, yinqaba into ekuzisayo apa ukutya kwabantu, ibe yona indlala ibiza, ungafika kuzele abantu edolopini e Gcuwa. Nani makoloni ukuba ninenkabi yizana niye kutwalela abazalwana benu inkinqa yabo e Mzimvubu. Umkondo wenkabi ezintatu ezibiwe efama ka Mr. Feltmani uye wangena ebuhlanti bo Mngqika kwa Centane, esizweni esipetwe sisibonda osingu Bomboto. Into esimanga site isibonda naxa sibona nje ukuba inkomo zibhangele apa, sasuka sati amasela aziwa nguye, yabakuti lempi yase fama sipe izindlu, wala. Sisakangale kambe iqinga aquba ngalo u Bomboto. Umninimzi ngu Myoyo. Amasela ala nani Zibonda. Indlala inezimanga nayo ngoku. Uti oxela elinye ibali layo: kute kuhamba indoda nomfazi wayo enomntwana omncinane yakula yona indlala kubo bobabini, yada yegqita endodeni, uva umfazi selisiti indoda, mfazi ndilambile, wati umfazi uti manditini. na. Suka indoda ndimunyise, yambamba ngamandla, yati yakugqiba ingahlutanga noko, yati ndinike lomntana ndimdle, wala umfazi, yabambana ngaye, kwanceda ukuba kuvele abantu, waba uyasinda ke umntwana. Elinye ibali lendlala liti: ite indoda emfazini wesibini uyabona indlala inkulu, kautyelele kowenu, akayiqonda ke lonto umfazi, wala, suka indoda yacinga ukumbulala, yamema ezinye izigebenga ezibini, yayilemini umfazi azakuya evenkileni etile, suka xa akulentsunguzi isinga evenkileni, wabona ngapambilana kwake ngasematyolweni aba¬ntu. Oh, kuko nendoda yake, waselesiya suka kwapuma nto yimbi, yonda ngaye, yaselimgwaza kuqoqoqo ngebozo, suka kwa- ngeloxesha, tu abantu ababini nga- londlela, suka izigebenga ezo zatnrolela etyo- Iweni umfazi lo, zabaleka; kanti ababantu bayakufika babone igazi nengqushu endle- leni, balanda bayakufika esidumbini somfazi abamaziyo etyolweni. Baya kuhlaba umko- si endodeni, eyasuka yazotukisa. Kanti noko ngendlela ebengayilindele indoda ya- tyileka yonke lento, wabanjwa umduna. Ezingqai inkosikazi ka Qotile ibeleke ama- wele angamakwankwe. Kute ngemini enga- paya kwabeleka indodakazi yalomfazi yatsho ngamawele, intombi nenkwenkwe. Ababantu bahlala ndlwininye, omnye ukwesinye isilili omnye ukwesingapaya ; abe lo Qotole enoo nywa ngendlala; asazi ukuba lomhlambi nyakondleka ngayipina indlela. Uti utnfo ovela e Willowvale kwa Gcaleka kute e ofisini isibonda esingu Bom salinga sati emantyini yaso, nkosi ndiyakubongoza ndisayinele incwadi yam, kukude apo ndiya kona. yati kuba imantyi iyanconywa kakulu ngomsindo, akaligqiba u Bom, yati uqubani wena ungxamileyo, yaseliyalela amapolisa ayo uknba isibonda eso sifakwe etolongweni. Zasuka izibonda ebezilapo zetuka kuba le- mpato yayenye kaloku. Isibonda eso siblale lyure zontatu etolongweni, saya kukutshwa yakufakwa igama lemantyi incwadi. Isi alam kutiwa asingeteti kuba soyika ukuku- tshwa ebubondeni. Noko sezinjalonje inda- ba ngaye oka Nofeliti, indlela agweba ngayo amasela iyakolisa kanye kobelweyo, ngenxa yobunzima besigwebo. Kanti kolisela itwa- liswa ngapezu kwamandla ake. Siyakolwa kanye amasela mawaviswe ububi, kungate- twa ngomlomo wodwa. Amadoda amabini akwa Mapasa e Tutura u Yekani no Nkunzana abanjwe kwelitafa lo Mkonkoto lipolisa lika Captain Blyth u Mbouela. Ate lama Gcaleka mabini pambi ko Blyth bebeya kulalela impahla ezinjenge- nkomo negusha zesizwe sika Feltman, ukuze benze iqinga lokuziba.