Title
eng Kubanyuli Base Bofolo. (IMVO_1885-10-28_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-10-28
Identifier
eng IMVO_1885-10-28_i019
Word Count
eng 168
Print Page
eng IMVO_1885-10-28_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Njengepepa labantsundu elimi embonise- Iweni, singa singabhekisaamazwi amafutsha- ne kumhlambi wakowetu ongabanyuli ose Bofolo. Ngolwesi-Hlanu olugqitileyo knbe kumi- swa e Bofolo ngamaqela 'ngamaqela eyona ndoda afuna iye e Palamente endaweni ka Mr. Laing, Amabhulu na Mangesi ati ma- kutunyelwe into ka Bokolo ese Nxnba. Nje- ngento eninzi yamadoda alomlibo, u Bokolo lo ngumfo ovana na Mabhulu kwanento zase Bubhulwini: Emabhulwini ontsundu aka- nandawo ngapandle kokuba asebenze irnise- benzi yonke le kudla ngokutiwa ipantsi. Amabhulu ahlanza okwezolo kukuba iskep. sei (ngabnla wona) esingu Kafile sifundiswe. Ayifungele lemali sifundiswa ngayo uknba ayipelise, nomhlaba esiwumiyo nfungelwe ngawo. Baze bagcine ke abantu bouke bakowetu ukuba angangeni e Palamente u Bokolo lowo. lya kuba lulonakalo lodwa ngakuti. Indoda engumhlobo otndala owazekayo esifuna ingene ukuze sibe netemba lento engati yenziwe ngu Mr. Hutton. Ukuze angene kuyakufuneka eyile endaweni yoku- vota wonke ontsundu kungabiko uyakuhlala ekaya ngalomhla wovoto, kuba ngokwenje- njalo siyakuyekela umtshabalalisi wetu ba- mnyama aye kwindawo ayaknba namatuba okusenzakalisa. Zeningatsho ke ukuba asinixelelanga xa kute kwangena utshaba. Umzi mauvisane uvisisane ngalento, ukuze kungabiko bayaku'ba sekungazini.