Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-11-04_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summaries
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-04
Identifier
eng IMVO_1885-11-04_i008
Word Count
eng 438
Print Page
eng IMVO_1885-11-04_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Amanqaku. ELOKUBONISA okokuba utywala obute- ngiswa kwabantsundu buyityefu kanye —oku sikutabata kwipepa lase Dayimani kobonisa: —Yinto engenakupikwa nangu- bani, okokuba wonke umbulali nomenzi waso sonke isono ngokunjalo ontsundu e Dayimani ubangelwa butywala ababutengiselwayo ngabagcini nkantini kwabantsundu amatshivela, ungafika enenkantini zawo kwindawo apo abantsundu bate gwaqa kona. Kuyazeka okokuba utywala obutengiswayo bubenza abantsundu bapulukane nengqondo zabo bageze, ixeshana nokokuba pakati kologezo banamandla okwenza nayipina into engcolileyo, noko akukonto igqitywayo. Kungacitwa ishumi leponti ngoAmcedulula ityefu ngetyefu ezingeniswayo etywaleni babantsundu. Ngubanina okukataleleyo oko, kona kutshabalala amakulu aba¬ntsundu yityefu. Bonke abantu bayayibona inyaniso yokuba abantsundu baya bengakatali ngakumbi, baya besesabeka ngakumbi imihla yonke. Kunqabile ukuba iveki igqite Ingesi lingaqutyulwanga ngabantsundu—into ebingaziwa kanye ngeminyaka emibini egqitileyo. Wonke umntu unokubanjwa mhlaimbi angxwelerwe ngabantsundu, kodwa kudukisiwe. SIBONA tina ngati u Rulumeni we Nko- sazana usaxakiwe nga Besutu. Elo alikazoli, kungemhlope ukuba nokuba kude kwatunyelwa umkosi, njengokuba abanye besiti makwenjiwenjalo, unganceda ntonina wona, kuba mhlaimbi bona Abesutu bangasuka babe luqilima ukucasa u Ru¬lumeni ize ukupela kwemfazwe ibe kukupela kwa Besutu. Abanye bangati lulo olo uxolo kuba befuna ifama zase Lusutu. Tina asitsbo, no Rulumeni sibona kutsho. Sisati u Col. Clarke usakolisa ng kuti abukele kodwa xa izinto zisenziwa nga Besutu bodwa ale kodwa xa bengxamele ukwabo ihambiso yenkosi ezingaupumziyo umzi ukuze no Rulumeni abone ukuba abantu bafuna ukuzola abazi na- ngaba ulwela ukubanceda. Mabalivakalise ke abantu ilizwi labo. ANELE amanqaku esesiwenzile ngemi- cimbi yakwa Hlamba-ngobubende epa- telele ku Rulumeni. Singa kodwa ngoku singaguqula lamazwi esivumelanayo na¬wo abonakala kwinjengele endala yemfa- nelo yabantu bonke, ipepa la Mabhulu lase Kapa Het Volksbstad. Liti: —Liya- temba ukuba ukubetwa kwa Mampondo elupondweni ngu Rulumeni ngolwesi- Bini olugqitileyo akusokubanga ukuba Amamamonco seleyeka ukujokisa ukufuna imfanelo yawo. Ilizwe elibanzi kangangelo la Mampondo, nelimiwe yinto eni- nzi yabantu njengalo, kuba linemipefumlo e 140,000 namadoda anokulwa aku 80,000 belingifanele kupatwa bukepu kunye ne itonywa nalo. Kukade siposisa empatweni yetu yabantsundu, lento ma- siyivume, siti ukuba sinokuziungisa iziposo zamaxesha agqitileyo ezinjengoku panga si ilungise ukuze Amampondo abe nokusibulela kwanokusitanda. Yihambiso enje esibonayo tina ukuba iyakubanga sitenjwe zizizwe ezintsundu esimelene nazo size sizipakamise emfundweni eyakuzenza ukuba zibe lusizo lwe Afrika. LENTETO itunyelwe kumapepa ngocingo ivela e Kapa: — 'U Rulumeni uyayikanyela into yokuba Abatembu ubafudusa ngapandle kwemvume yabo. Liqelana londiyalwa elalifumane labekwa kwelo lakwa Tato okwexeshana lulaulo lo Mr. Sauer elazisiweyo ukuba lifuduke; izimamhlaba zifumane zacelwa ukuba ziye kumihlaba eku Tsolo no Qumbu. Akuko kunyanzelwa kwenziweyo, into kodwa ehileyo bate bakucelwa basukela pezulu nangapezu kokuba bekufuneka oku kutetwa ngegunya lo Mpatiswa Micimbi Yabantsundu.' Kokwesibini eyikanyela lento u Mr. De Wet, abantu bona ngapantsi bayanyanzelwa. Akwaba inkuku ibingake ilile pambi komnyango we ofisi ka Mr. De Wet e Kapa angati mhla¬imbi akumbule. Kodwa lento yokuzidinisa ngokukanyela ibonisa ukuba koku igumgedle kulehambiso.