Title
eng E Lustu (IMVO_1885-11-04_i009)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
xho Officials
Language
Date
28 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-04
Identifier
eng IMVO_1885-11-04_i009
Word Count
eng 206
Print Page
eng IMVO_1885-11-04_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[IVELA KUMBHALELI WETU.] Morija, 28 Oct. 1885. Make ndibabalisele namhla abafundi bepepa letu ngezase Lusutu zemfazweyohlanga, esoloko yabonakala kudala uku¬ba izakuvela. Namhlake iqubisene eyakwa Lepoko, unyana ka Masopa, noPeete unyana ka Ramanella. Yati mhla ngo¬lwesi-Hlanu (23 Oct.) kwakusasa yayise- lifunzele kwa Peete eyakwa Lepoko, yakwela pezu kwentaba yomzi ka Peete kanti ke neyakwa Peete iselipumile ekaya igaleleke ezintangweni ngapandle komzi. Ifunzeleke eyakwa Lepoko, savakala isitonga esivela elutangweni, bawagqiba amahashe, kwafa kulondawo abantu aba- tandatu, amahashe asiwazi inani. Nga- kwelinye icala kwafa abantu aba 17, kuba kwakufunzelwe endaweni ezimbini. Kwelinye icala elo bate bakuti bayafunzela abakwa Lepoko yayiselipuma eyakwa Peete ibaputuma ngemikonto nange ndu- ku nangamatye. Babuyele emva ke aba¬kwa Lepoko. Kwelakwa Peete icala abafilevo batatu. 'Ongenatyala akanakudaniswa.' U Peete lowo ukatazwa kuba erola irafu. Isigitshimi ebesize kubikela inkosi u Letsie siti eyakwa Lepoko ibingati ibhekisa ngase zinkomeni zika Peete. Inkosi itumele kwangeloxesha ku Col. Clarke, watumela kwaoko u Col. Clarke ku Masopa, ukuti makaye kubajika kwaoko onyana bake bake, uyamya- lela ngamandla Enkosazana, xa anga- kwenziyo oko, uyakunyanzelwa ngamandla. Uvumile u Masopa ukuyitumela ibuyele ekaya impi yonyana. Uhlalelwe sisigwebo ke ngoku. Uzakutinike u Ru¬lumeni namhla, ngokumana ehambisa ngobutataka obungaka nje e Lusutu? Kuya kunyaniseka okutetwa ngabanye abantu, ukuti: u Rulumeni uzifunela imali yerafu yena, akateni kukububisana kwetu!