Title
eng Ofe Ngebhaqo. (IMVO_1885-11-04_i015)
Found in Newspaper
Author of Article
eng Thanduhlanga, F.M.
Language
Locations Mentioned
eng Komani
Date
17 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-04
Identifier
eng IMVO_1885-11-04_i015
Word Count
eng 246
Print Page
eng IMVO_1885-11-04_p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
E Komani, 17 Oct. 1885. NKOSI YAM, —Ndayawakukataza ndifuna ukuba undixolele mongameli we Mvo Zabantsundu ukuba undixolele Mongameli we Mvo Zabantsundu ukuba undifakele kwelopepa lako. Hayi, ubusela, abantu bayapela kukufumana izimanga. Kute apa ngomhla we 16 Oct. kwabe kuko isela elidala lenkuku selineveki ezimbalwa, ligwetyiwe yimantyi kwangokuba inkuku selidinisile, kwanamakalkuni, limana lipuma lingena yonke iminyaka etolongweni, namhla ke lona belinikwe unyaka wonke etolongweni ngokudinisa kwalo. Kanti umntu lo selemdala eli Lawu igama lake ngu Booy Bastile. Kute ke kwangalemini sendiyibekile i 16 kulenyanga imiyo, ngexesha elisemva ko 12 o'clock kancinane kwamnkelwa idinala ngamakonxwa kwakunye naye, bate ke bakungena eyadini yabo, ute umnene esayaba idinala yabo nomlingane wake wakupa ibekile ezimbini enye iyeyake, kuti xa kusesiqingateni (half) sokugqibela waposa emlonyeni wake waginya, kwaleka ukuba ase isandla esityeni, wawa waqauka kwaoko, kwaba kuyapela enkukwini; sakusuka sisitini hayi, sapanga kwagqira kwayoko, wati yena umntu lo ubenesifo sentliziyo, kodwa ebengazibiki nento le. Ukufa okusimanga kuti oko umntu esitya kanti ebengabiki nto yena, oko kufa masikulinde sonke tina sisekoyo pezu kwehlabati, akunatemba kubani. Elokugqibela nditi umntu makalumnkele wonke ubani angaxelisi eli Lawu lona lite liziva intshumayelo lamana lidukisile laza lasuka laqutyulwa ngemini yokumnka kwalo, nditi ke masilumnke ukubhekisa inteto yetu kubashumayeli simana sizilibazisile ngokugxeka bona endaweni yokutandaza, kuba asiyazi imini neyure eyakuza ngayo Inkosi yetu. Singaxelisi eli Lawu singafi sisalibele kukuhlafuna isono, kuba ukuzinyusa kusisono, ukugxeka kusisono. Eli Lawu kum linjengempendulo yalendoda kuba izilibazise ngokugcina imfundo nje endaweni yokuba itandaze; nalo alizibulelanga nezonkobe belife lizitya, lumnkela mzalwana wam, nguwe nam ngomso abayakwenjiwanjalo. Ndim F. M. TANDUHLANGA.