Title
eng Amanqaku. (IMVO_1885-11-11_i014)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summaries
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-11
Identifier
eng IMVO_1885-11-11_i014
Word Count
eng 703
Print Page
eng IMVO_1885-11-11_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
TINA U Mr. Upington asizanga samcingela ukuba uyindoda enesitozela emicimbini yolaulo Iweli lizwe nakuba engumongameli walo. Esite ke sakuva ukuba uyawela usinga e Ngilane asoyikela ukuti kungako nto yonakalayo kuba engeko. Kulenkolo asiso- dwa kuba ade ati amapepa ase Kapa amabini kwane Cape Hercvry yalapa, wangama. na angebuyi. Ngelixa ke ebengeke u Mr. Upington indawo yake yokongamela ulaulo ibipetwe ngu Mr. Sprigg. Okwenzekileyo kubonisa ukuba ingwe ayinakuwaguqula amabala ayo; Sitsho ngolonakalo aseke walufumana ontsundu. Akuyibonina impa- to ayifumeneyo Amampondo? Akuyibonina into efunyenwe ngu Mabandla odlelw' indlala? Akuyibonina ihambiso yase Bate- njini ekwakutiwe maze bangafuduswa be- ngafuni? Iteta ntonina lemisinga yotywala evulelwe izizwe ezintsundu ezipesheya kwe Nciba nase Ndwe? —Isenzo esigqite nokuhlutwa kwemipu. Ngoku sonke sesinga angabuya u Mr. Upington kunalento. AMAPEPA Amangesi awatabatile kwakona umcimbi ka Mabandla. Lenjenje elase Monti i Dispatch: —Ziteta ngodlelw' indlala Imvo Zabantsundu ziteta shushu ngokukutshwa kuka Mabandla, inkosi yesizwe sa Mamfengu esinga Mabhele, pezu kwenteto ka Mr. Chas. A. King, obambele umantyi e Xesi, ekubeni, ebehlanjiwe ngu Mr. Dick waza wamiselwa endaweni yake. Imvo ziti inteto ka Mr. King ivelise icala elinye, ziyi- gweba yonke lehambiso ngomqolo wonke. ziti 'lento iyakubanga ukuba u Mr. De Wet angaze abuye atenjwe ngabantsnndu kwinto epatelele kwimicimbi yabo.' Asingi singangena kwingontsingontsi zalomcimbi, kodwa siti ukuba kufanelekile ukuba akutshwe u Mabandla makaugakutshwa ngendlela engaqondakaliyo. Kulento u Mabandla wohlwaywa kuba wasuka wenza okwenziwa sisininzi ngeloxesha—ukuya ezintlanganisweni zoku- xhasa Inkosazana. Nokuba kwakunjalo akuko nto yonakalayo eyayingabangela ukuba ahlaziswe, kwenziwe buhhmgu intli- ziyo zabantsundu abangamawaka.waka. Ngati lento ifanelwe ukupicotwa e Palamente.' KWANGALOMCIMBI i Cape Argus yenze ama- nqaku engqondo. Iqale ngokubhekisa ku- hambo azakulutabata u Mr. De Wet lokusinga e Mampondweni yandule ukuti—ziko nezinye izinto ekulindeleke ukuba u Mr. De Wet azikanyise ukuze icace ihatnbiso ka Rulumeni. Abalesi betu boyikumbula ingxoxo apa eyaka yankulu yokukutshwa ko Mbova- ne Mabandla, inkosi yezizwe za Mamfengu ezinga Mabhele. Sati sakuva ukuba u Mr. De Wet umbuyisele endaweni yake saneliswa kuba saqonda ukuba yenziwe imfanelo samncoma u Mr. De Wet ngokunonelela kwake imfanelo. Ngoku elinene libuye lambukuqa ngenxa yenteto eyenziwe ngu Mr. King oyena mmangaleli ka Mabandla. Umzi ontsundu ubuhlungu ngenxa yoku kuba ngati kuwo bekungxanyelwe u Maba- ndla adotyelelwe. Besinetemba tina lokuba olulaulo Iwalamadoda ango Sprigg no Tsha. mbulnka, oko Iwangena lusaziwa ukuba luzintshaba zabantsundu belungati lubonise ukuba luzishiyile indlela zalo zangapambili ngokuti lumpate ngobubele ontsundu. Siyaqonda ngoku ukuba lamadoda awafundanga into kumabenubentsu angapambili. Abantu belilizwe bafuna ukupumla kwimi- cimbi epatelele kwabantsundu; masiyiyaleze ke lonto kumadoda apeteyo. U Mr. De Wet ngumfo oqele ukuti yakonakala into ati yonakala kuba isuka yaxoxwa ngamapepa endaba. Kodwa akafani no Mr. Sprigg, osuke ati yena etyelwa abe epikile ukuze akonakalisa alibeke ityala kwabo bebemnqa- nda. U Mr. De Wet yena usuke aseleyeka esiti unqandwe ngabo bebembon.sa imposiso. Ukuba uyakwenjenjalo ngoku siyakumxolela. Siyakutula cwaka ngokwempuku. SiFUNDA emapepeni ukuba lomhlobo wetu ungadinwayo u Mr. Chesson, wase London, opete imicimbi ye Bandla elikusela abantsu- ndu lase Ngilane, ubhalele ngo 21 August incwadi kwipakati le Nkosazana elongamele i Ruluneli zonke. Walata kwisimo esilusizi sa Besutu, uti isizwe sa Besutu sonke singavuya u Rulumeni ebonakalisa amandla ake ngetuba lokuba bugxotwe utywala obunxa- nelwe zinkosi. Ibandla angumbhali walo u Mr. Chesson liyamncoma u Colonel Clarke ngokutozama nokunyamezela kwake. Le- njenje ukupendula ipakati lo Mntan' Omhle: —'Downing Street Sept., 10, 1885.—Uti u Colonel Stanley (lipakati ke elo) mandikwazise ukuba uyifumene incwadi yako yo 21 wenyanga egqitileyo eteta ngobunxila nokuhleleleka kwabantu e Lusutu, incoma no Colonel Clarke ongamehlo e Nkosazana e Lusutu. U Colonel Stanley uyiqwalasele kanye inteto yenu. Ubeseleke wabikelwa kanye ngazo ezizinto, uyabuqonda ubunyaniso bendawo yokuba zixubahele izinto kwelo. Njengokuba nani nisazi lomcimbi unengxakeko ezininzi, amacebo eniwenzile- yo ayakuvelelwa. —Ndirn R. H. MEADE.' U MR. R. SOLOMON, M.A., oligqweta lejaji e Rini unduluka ngaleveki usinga e Ngilane lakukova ukutetwa ityala elingeniswe ngu Pelser ngomfundisi u Mr. Don, amele umfundisi kulo (yena no Mr. Frames). Usatabata ixeshana lokupumla. Simnqwenelela indlela entle ngolwandle nokuba wangama. na angabnya esempilweni ukuza kweli abekwe kunene kulo. UNYULO Iwase Bofolo ludubule ekubeni kungene e Palamente u Mr. Hutton ofume- ne ivoti ezikwi 484. Obedyare naye u Mr D. Bowker ufumene 320. Ngokoke aoantu abavotileyo baku 804, kwinani eliyi 1,500 elisencwadini. Onke ama 700 agogotyile. Olunyulo lubonisa ukuba impato ya Mabhulu icaswe kanye kweli, kuba a Mr. Hutton asi- mntu ubetandwa luluntu. Siyauncoma umhlambi wakuti ukuba uyingoinile indoda enobuhlobo ngakuwo.