Title
eng Ezababaleli. (amakwele Etu Sodwa.) (IMVO_1885-11-11_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng P. N. M.
Language
Locations Mentioned
eng Komgha
Date
17 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-11
Identifier
eng IMVO_1885-11-11_i016
Word Count
eng 309
Print Page
eng IMVO_1885-11-11_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Komgha, 17 October, 1885. Elipepa Tmvo alimanga ngaluchuku li- rni ngabafel' usizi uhlanga iwetu—fakake lentetwana noko iluchuku yona lokupu- lapulwa noko mhlaumbi ngumntu. Ukweyana kwetu bantu babala libufipa kuyakumana ukusikalisa kwatina, umntu omhlope akanqwanqwi ukuyenza kuti into yokumeya owetu napakati kwabanye kuba uyayazi lonto yobanga abanye bafumane into yokuhleka—yenyeke inda- wo yokweyiwa kwetu leyo, nokuba lulu- pina uhlanga mna kokwam ukuqonda. Into engasikolisiyo njengohlanga ubehle abone naye omhlope ukuba lento abayifuni ababantu, ndingatetike ngento esifane sibe ngabangazitandiyo ngobudenge, maxa wambi. Uti owetu oqala umsebenzi otile bagculele abanye bakuva omhlope edela, iyawakufelemoyeni lantoke— balibale abetu ukuba kanene ukungapu- meleli kwalonto beyibonilenje abezenze intlanga yokuba yintlekisa ngohlanga Iwetu. Uyabona into enjengepepa laba- innyama ivenkile yomnyama, indlu ye- ndwendwe yomnyama nokuba yiyipina into elungileyo yetu bamnyama ibitanele ukwazeka ukuba ukuma kwayo kusezingxoweni zabamnyama, omhlope akanakukatala ulindele ukuhlekisa yena. Anditsho bahlobo bam ukuti omhlope unjalo wonke kuba baninzi abahlobo abade ukuluvela kwabo uhlanga Iwetu bagqita nasekuvelaneni kwegazi. Mna nditi kwakolisa nokuba bake aba- ntu bakowetu baswele kangaka indawo zokulala kokona koti kwakubako ozame- la ukubenzeia ikaya lendwendwe bayeke ukugculela batande ukutamsanqelisa lo- wo ukunga angaqubela pambili kulomse- benzi lande elokuya. Wosinika imbeko omhlope naye akubona ngoku ukuba siyekile ukujingajinga 'ndingamnkelwa na apa, hayi, asifimi, akukondawo yaba- mnyama apa,' umnke udanile, kuba ubusavete kuhle uba boba ungumntu nawe. Nenkabi yenqwelo endala ye- nqwelo wakumana ukuyipekuza ngengu- bo ingade ikuhlabe ibe ngakubaleka, nenja nantonina wakumana uyijikajika ayivuyiseki yona inja kanti ukuba u'bu- yeke umzimba wahambela paya ibiyaku- dana. Ziyafuneka ivenkile zetu sizixhase kwatina sibe nekwele ngazo namakaya endwendwe njaloke—kwakubanjalo kokona soya sisohdela kwababantu ngokungati siyabakwelela bosondela basikange- lisise. Amasiko abo amaninzi osincedisa kuba asikulwa namteto esifuna kona, koko kukuxhaswa ngumteto sizama ama- lungelo etu. Nditi mna kanjalo, sosinda ekumeni imini yonke evenkileni xa kusamana ukungena abamhlope uman' ukutyhalelwa ecaleni ukatywe mhlaimbi wakuma endleleni. Ivenkilana maziqa- Iwe nge 5s ngapandle kwesikweliti, soti sakuhlonelana bosihlonela siyeke ukuvu- yelelana. P. N. M.