Title
eng Ukufuduswa Kwa Batembu. (IMVO_1885-11-18_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-18
Identifier
eng IMVO_1885-11-18_i013
Word Count
eng 422
Print Page
eng IMVO_1885-11-18_p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Olufuduso, lubangele umoya ongazolileyo pakati kwesizwe esintsundu kwangokunjalo kwesimhlope; andingebisangena ndicaze mhla mnene u Folosi wanentlanganiso yolufuduso, sendotata amanqaku kunteto ezimana zipikisana, ngenteto ayenze lomhla: ipepa lase Queen's Town i Free Press lo 30 Oct., kubonakele incwadi kaMr. Baragwanath, abeyitumele kumongameli wentlanganiso yase Komani, ate kuyo u Folosi, wati: ukuba Abatembu abavumi kufuduka, maze bangalindi luncedo ku Rulumeni ezingxakekweni zabo ngoku nakwixa elizayo. Kubuye kwakulo elopepa elo 6 November kwabonakala eka J. J. Kelly incwadi ikanyeza kuqala : (1) ukuba alizangalipume ku Folosi elozwi. (2.) Kanjafo akuko lunyanzelo; (3,) ebonisa ukuba akuko bunyaniso, okokuba nemantyi yetu inomnqweno wokunga singafuduka. Kwindawo yokuqala wonke ubani owayekulontlanganiso elozwi waliva kwanjengo Mr. Baragwanath; asimcasi u Kelly I kunteto azibonakalisa njengomnye wabateteleli betu, kuba sitanda ukunga anganda amadoda asitetelelayo, kodwa siyakukohlwa kukubabulela abanjengaye singabakanyezi kodwa ukuti abangabo. Sisalindele tjna ukubulela o Innes, amadoda angapikisani nanyaniso; tina Tembu elozwi saliva lipuma ku Folosi, ngqe, nokuba u Mr. Baragwanath angaba akasazi isi Ngesi tina saliva kwanjengaye. Kwindawo yokuba yesibini uti u Kelly akuko lunyanzelo, mna njengomnye waba Tembu ndingati u Folosi mhlamnene wawaneka kakuhle umcimbi lo kulontlanganiso yayise Lady Frere, kodwa emva koko intsebenzo yake ayilandelanga amazwi ake, kuba ute u Mcwakumbana akuti andifuni kufuduka ndidiniwe kukuhamba, yati impendulo kwaoko ngelozwi lodwa akusesibonda ngokwesibini asilulo lunyanzelo na olo? Kanjalo luko ngokuzolifeyo kuba u Cotiyana enye yamadoda afudukiieyo lite izwi kuye lipuma ku Folosi—wena Cotiyana ndive ngemantyi ukuba wakutshwa ebubondeni, kuba wawubabatalisa abantu wakubapa amasimi, ngokoke namhla ukuba ungeza nabantu aba 60 abavuma ukuhamba nawe ubazame uze utembise ukuyiyeka lonto wawukutshwe ngayo, ndingakubhalela incwadi uze ube sisibonda sabo e Qumbu. Kwindawo yesitatu uti u Kelly kuko abati imantyi nayo ipakati kulentsebenzo; okwenene bako baninzi kakulu, ngesizatu sokuba yiyo ehamba isebenza naye, nayo yenze amazwi incedise u Folosi, ite nayo ku Mcwakumbana ' ndiyamangaliswa kukuba wale ukufuduka kuba nguwe ohlala usiza kumangala uti uyatyiwa nga Mabhulu, kanjalo ayizange ivule mlomo ngayo lento ngapandle kokwenza uncedo kwelika Folosi icala, into eyoyikayo asiyazi kuba umteto ubekwe entandweni yetu tina bantu ibapeteyo besilindele ukuba nayo ingasicazela lento. Ngako ndiyipikisa mhlope into yokuba ati u Kelly akwaba abatshoyo babeko mhla kwakwenziwe intlanganiso yokunika imantyi igama; akuzanga kubeko ntlanganiso yalonto, nto siyaziyo tina ngu Mankai yedwa namadoda amane efama yake esiva ngendaba ukuba ebeyekunika imantyi igama u Tembu akalazi negama angalinika lemantyi, kuba nayo akakayazi into eke yayis'ebenza, kuba isatika besiyakubona kolufuduso intsebenzo yayo, ngako tina Tembu sisakohlwe nokuyinika igama njengokuba stingekayazi apo isebenzela kona. Inyaniso yona abantu aba sebengamagwala, kuti kwakusetyenziswa amazwi anyanzelayo boyike, bati kwabanje mhla safuduselwa uloliwe, siyawazakudliwa impahla yetu sakwala. Yinina ukuba Silandelwe, kanti besalile entlanganisweni? bavumeke bakoyikiswa.