Title
eng Ezababaleli. (umpanga Ka Njoli Mgxwaru.) (IMVO_1885-11-18_i016)
Found in Newspaper
Author of Article
eng Ncincilili.
Language
Locations Mentioned
eng Pirie
Date
12 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-18
Identifier
eng IMVO_1885-11-18_i016
Word Count
eng 284
Print Page
eng IMVO_1885-11-18_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Pirie, 12 Oct. 1885. Mzi wakowetu okwizipaluka ngezipaluka, kungosizi endinishumayeza ngokubhubha komzalwana ogama sendite ndalikankanya pezulu epepeni; endiqinisekilevo ukuba bonke abebemazi ngapambi'li bakuba sililo kunye nati. Bokumbula kakuhle abebemazi umfi lowo, ukuba ebeselengumntu oluxunga oseleman' ukusimelela ngomkuba; ngenxa yokuqaniswa ngumlenze, wayeke engapalazi kakuhle amanzi. Zite ke ezizinto zombini azatumana manzi, kwati kekona ukungapalazi kwayimbangeli yokuba angabiko nje; kuba asuke amanzi anyuka ngasemva ada azakuti nase magxeni wasukake wapela. Ngexesha abesifa ngalo, ebexoxa kunene ngalo ilizwi umfi lowo, esitsho ukuti— 'wayete uyakolwa nje waye lungiselela imini. enjengale akuyo yena namhla.' Enye into ebetanda ukuncokola ngayo yi-Tempile eyuyiswa kukuba umsebenzi uhamba kakuhle nase-Xukwane apo kusand ukumiswa yona. E-Tempileni ibingumqubi wemitandazo (chaplain) waye ewupapeleke lomsebenzi esapilele. Wati wakunyuka umkuhlane babalelwa bonke abantwana bake abebekwezinye indawo; zafika zona intombi nezendileyo, bati bona onyana akwabiko namnye. Wati nobese-Monti, akufikelwa yincwadi exela isimo somkuhlane, waseletabata umfazi wake nanko ewela i-Nciba esiya apo wayevela kona. Ababini abase-Dayimani abatumelanga nencwadi, singasateti nto ngento enjengokonga umntu lowo; ngokuti batumele imaii; leyo yona yinto ebingakunjulelwe kubo. Singati qanqe indawo eti — lomntu onyana bake batatu, bobatatu wabasa e-Lovedale baza besuka babedidlaba baba ngozwe liqelesile, nosiwad'e kade awenkonazana. Wasisbiyake umfi lowo ngosuku lokuqala luka-October waya, kupumla ngonapakade. Wati kubawabuba ngobusuku bolwesine, wangcwaty wa ngomgqibelo. Kwakokelwa ngama-Tempile, ehamba ngamabini, ngamabini, yaye ityeya yowawo ingasemva kwawo, tigasemva kwayo ingabendlu yake, yatike emva kwabo kwand'ukuza umzi. Nganeno kwengcwaba kufupi, enza umkolonyama ama-Tempile, etule imingwazi yawo, yadlulake ityeya ndawonye nomzi iikuya kugaleleka engcwabeni. Intshumayelo iqutywe ngu-Rev. B. Ross umninimzi ote wasitisa ngenteto yake ete yatutuzela ezintliziyweni, uteke wayipelekelela ngentshumayelo emnandi ngecawa elandela lomini. Namhla owakwa—Hleke, akasokuze abuye alive ilizwi eliti. Xenikweni litsho eskwelweni— 'Noze niti yatsho ingwevana engangamakwenkwe! Ukuzenza akunjenga—kwenziwa! Senzenene nantwinkulu! Woman'ukuti qash'api! qash'api! Kanti kufu kwako. Ebesitsho umfo ka-Mgxwaru xa ayala amabandla akowabo Amahleke. NCINCILILI.