Title
eng Ezababaleli. (umnyama Owauwile.) (IMVO_1885-11-18_i017)
Found in Newspaper
Author of Article
eng Umboneli
Language
Date
12 October 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-18
Identifier
eng IMVO_1885-11-18_i017
Word Count
eng 208
Print Page
eng IMVO_1885-11-18_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
October 14, 1885. NKOSI YAM, —Mhleli wendaba zakowetu. Kaundifakele lemigcana imbalwa kwelopepa lamadoda akowetu. Ndifuna ukuxela ngomtshato osandu kubako apa e-Dayimani. Ngomhla wesi Tandatu kuyo lenyanga, umtshato omhle kakulu, ka Mr. Jno. Manamela no Miss Maria August, Abakapi yayingu Jos. Moss no Miss M. August, omncinane, no Miss Jemima Brooker, no Miss Ida Moss, no Miss F. Malisela no Miss M. Mandli no Miss Sarah Brooker. Into entle kakulu. Ekwati ukupuma kwabo endlini ukuya e-Tyalikeni ababinako nokuya ezikarini ngenxa yabantu, kwada kwangakumbi ku Myenikazi. Kwakunyatelana omhlope nomnyama. Wati ukupuma kwake wapuma wakwela kwikari entle kunene. Ilokwe yayi Light Blue Satin, exabiso laliyi £18 10s. nesigubungelo sayo esasiyi £1 15s. apo wayesiyakutshatela kona. Wayesiya e-West End, kwi Church of England. Bati ukufika e Tyalikeni bafika sebe lindiwe ngu Mfundisi u Rev. Mitchell, ngenxa yokubakude kwendawo leyo kwaku tshatelwa kuyo. Mandinqumnqumle. Hai wawuquba umsebenzi wake kakuhle wawugqiba akwakalazeka nto. Ekwati ekupumeni kwabo akwabonakala tuba lokuya ezikarini ngenxa yoku gityiselwa kwabo nge Rice no Mbona. Babuya baza kufika ekaya efikile ekaya u Myenikazi wangena kwigumbana lake wati uyapuma senxibe i silika emhlope. Kwati bakugqiba i Dinner bapuma ukuya kuwaka kwa ngekari, bayakufika e-Elexander's Fontein, babuya ngo 4.30 p.m. wafika umyenikazi watshintsha kwakona nge Dark Blue Satin. Umtshato omhle kakulu ongekalibaleki kude kube nanamhlanje. Undixolele mhlobo wam ngoku ntyuntya kwam. Mandiyeke. NDIM MBONELI.