Title
eng Ezase Bayi. (IMVO_1885-11-18_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho Officials
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-18
Identifier
eng IMVO_1885-11-18_i023
Word Count
eng 1354
Print Page
eng IMVO_1885-11-18_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[NGUMBHALELI WETU] Intlanganiso yengxoxo e Bayi ibine Debate pakati ko Messrs. Nyoka no Wauchope, ngokulunga nokungalungi kokutya lomti kutiwa licuba. Icala lika Mr. F. Nyoka lalinamandla amakulu, kuba indlu yayizele zintshayi. I President u Mr. Ntsiko wayengeko, noko ke waqubeka kakuhle umsebenzi pantsi kolaulo Iwe Chairman entsha u Mr. Joseph Ngaba. Yafika sekupakati i Vice-President (Mr. Xiniwe). I Chairman emva kokuvula intlanganiso ibize u Mr. I. Wauchope ukuba aoaze indlela zoknngalungi kwecuba. Uqale ngokucaza lomti apo uvela kona, watatela ekuyeni kuka Christopher Columbus e America nge 1492 nokuwubona kwake lomti utshaywa ngabemi besiqiti sase Cuba —igama elifana kakulu negama lalomti nge Sixosa. Emva kokuba ekankanye no Nicot wase France owalingenisa kwelozwe icuba, no Sir Walter Raleigh owalisa e Ngilane, ungene ekucazeni imiti yetyefu elifike icuba libalelwe knyo ngabanokwazi ngemiti. Ute ukucaza i narcotic poison epakati kwecuba walinganisela ngento eyaziwajkakulu zintshayi, ekutiwa kukuyotywa, ate ke yityefu yecuba leyo xa ingene egazini. Ute kuqala lonakalisa amazinyo—ngakumbi kwabalitya zomlomo. 2. Lenza butuntu ingqondo; oku wakubonisa ngendlela ezininzi, wahlekisa abantu ngokuti umntu otshaya kakulu wohlala umfumana eyi fool kanye elinxila. 3. Limtsalela umntu kumakolwane angendawo, kuze ngenxa yawo ade aye etywaleni. Inqawa nebotile kubambene ngezandla —emva ko 'ndiyanqanqateka' kulandela undinxaniwe. U ndicazele no 'ndiseze ' batsala ngadyokwe 'nye. (Hear). 4. Uknsetyenziswa kwalo asikwazi apo kuyakupela kona. Liqale ngokutshiswa enqawani, kwaya lenziwa ipolompu, kwaya laguty wa lamokotwa, kwaya lapandwa xa seliyimbatu yenqawa esixaxeni sayo, latyiwa linjalo, kwaya lanculwa intshongo—yintoni ke intshongo—lulucwe lomntu obetshaya lusele esixaxeni sayo Iwadibana netyefu esecubeni. [Mr. Nyoka 'Nonsense']. Amabali amaninzi akade eweva abantu ekutiwa libavalelise |ezulwini akawazi ubunene bawo; kodwa nabu ubunene apo bubonakala kona—umntu uyafa, ingelosi yokufa imi apa iyambiza, kodwa yena ute nqa kukuba engatshayanga zonke eziveki, ngazwinye uyanqanqateka. kupela uyakuteta amampunge amade nge. |Cuba. 5. Libanga isifo emzimbeni icuba kwinto eninzi yabantu. Ebeke esitsho amagqira kudala, ngoku atshaya onke. Londawo ayisusi nene yokungalungi kwecuba emntwini. Lifaka ityefu emzimbeni liwubeke esicengeni sentlobo-ntlobo zobnlwelwe. Likupa amanz' omlomo (saliva) afuneka ehle nokutya ukuze kuvutwe msinyane esiswini—ngoko intshayi wohlala uzifumana zine sabongo (indigestion). Namapapu omntu ayenzakala kukutshica futi. Amagqira utnbuzo wawo wokuqala pambi kokuba akupe iyeza ngulo — 'Do you smoke?' Kanti ke ukuba uvumile loti—uzuke uyeke icuba elihlaba lelenqawa. Abanye bangati ukuze baqonde ukuba into iyabulala ude base emangcwabeni, uti, lo nalo nalowa babulawa yilento. Sifuze u Tomase Didimase tina Maxosa. Nanamhla kuseko abangakolwayo ukuba imfene ziyanzonza, kupela ngesizatu sokuba 'ndode ndiyibone ngala wam amehlo ukuze ndikolwe.' Mhlaumbi ke ukubulala kwecuba yinto enjengokunzonza kwemfeno ezo kwinto eninzi, okanye kokona besiya kuba nepike elimnandi namblanje. Ugqibe ngendawo yendleko zecuba—wati, intshayi ye Bhulu itshisa icuba lepeni ngemini: lomali ngomnyaka yiponti eneshumi lesheleni nepeni zontlanu. Ukuba uliqale elishumi linantlanu iminyaka yobudala bake wada waba yi 50 woba seletshaye £53. 4. 7. Lemali ke angatenga ngayo inkabi zokuiima ezilisbumi elinatnbini (£4 each) nomkango wepuluwa ye £5, azonwabele emihleni yo. budala bake ngemali engeyiba ipelele ecube. ni. Intshayi ze Golden leaf zitshisa 3d ngemi. ni: lomali ngomnyaka yi £4 11 3. Eliqale eyi 15 wasa kwi 50 ubudala bake woba seletshise £159 13 9. Lonto ke yi bokuva ye £50 nesipani se £80 namashumi omahlanu egusha nge £30 (nditelekelelisa ngalamaxesha impahla ipantsi). Nantso ke imizi yenu madodana niyitshisa. U Mr. NYOKA. —U Mr. Wauchope unilahlekisile ngobuciko bentloko yake. Nentaka yobusi ike iwalahle eludadeni amadoda kanti mhlaumbi iwabizele inyuehu. Make ndibuze umbuzo nditi, wadalelwa nina lomti wenkosi ati lomfo wakwa Ntsusa namhla mawulahlwe? [Mr. Wauchope, Iyeza.] Ewe liyeza wakudinwa, liyeza wakuxaliswa ngamaxala elizwe, liyeza wakulamba, liyeza wakuhamba, kuba likupa indawo yokulala apo ngeuba ugxotiwe. Ulele etyolweni woncula intshongo yako uyisulele engceni, ukuze kungnsondeli nyoka kuwe. Uxinwe zimbandezelo zalomhlaba—ati ukuba ninzi kwazo! —yiti mba icuba lako enqaweni— wobona sewnngxongxile ude waliyekelela itshoba kukonwaba, ngati selilelako lonke ilizwe. Uti u Mr. Wauchope kwati kwati indjeko zecuba, ubala imali ezininzi ati ziyatshiswa! Lonto ayixeli xabiso lecuba yini? Ixabiso lalabatyi yake laziwa ngemali ayicite layo. Ndiyambulela kakulu ngokuza apa kusixelela ubukulu balento ilicuba ade alilinganise nezipani nebokuva, (kwahlekwa) ekubeni ebengazi noko ukuba unceda mna ngalendawo, make ndimlandele, ngokumkumbuza enye indawo: xa limenani icuba lishishini abefanele ukulikutaza ngokwake, ati kuti bafana— 'limani icuba, linemali.' Ukuba oku unokukutsho kuyabangeka ukuba ati kwakuti— 'tengani icuba nilitshaye, nibaxhase abalimi. Izityebi kwa Xosa nase Batenjini zininzi ezanyuswa licnba. Ngezipina ke namhla ukuba u Mr. Wauchope wayezelwe kwi last century? [Hear hear.] Andifuni ukuteta ngokulunga kwecuba emntwini; no Mr. Wauchope lendawo nyayazi, kuba akahlukani neqagana lake le silver elavela pesheya, enditi mna ngenkolo yokuba icuba liyeza nditande ukuhambela kuye ematyaleni ukuya kutaba i pinch xa ndiva intloko ibuhlu. ngu, [ulirolile apa u Mr. Wauchope iqaga lake wagwada—kwahlekwa] naloke manene, unqula kulo ukuze apumelele kule Debate. Elam ipepa ndilenze lifutshane ngenxa yokuba ndisazi ukuba aningeke niwunike umva umti ka Pezulu nangona sesitinina umkuluwa lo.Mr. Mkuluwa uteta amafene. Oko ebesandifundisa bendipumelela ngecuba kwi Square Root; naye benditi ukuze ndiqonde ahlohlele futi igwada emakaleni. [U Mr. Wauchope—Kwa! yininale.] U Mr. WM. WAUCHOPE. —Mr. Chairman, andazi ukuba kuko into engade itetwe ngokucasa icuba. Mna kwamlungu warn ndenza necuba ekutiwa yi 'Old Man's Comfort.' Umkuluwa uti laka labnlala banina icuba? Zininzi nalapa intshayi makake ayalate. Andizanga ndimpikise noko sendinolwam usapo, kodwa namhla siyahlukana. Enjalonje kade etyoba inqawa zam—ubani! wada wancama. (Kwahlekwa.) U Mr. JONES NOTYODA. —Oko icuba litshaywa yinto eninzi kangaka selizuze i cetificate yokuba lilungile. Wona amagqira atshaya onke, ngoko ke ndingecala lecuba. U Mr. PAUL XINIWE. —U Mr. Wauchope anikampenduli nonke, no Mr. Nyoka akazicananga indawo zokupikisa Mr. Wauohope. Ute icuba liyeza wakankanya nabancedwa zizixaxa xa bafa ngamazinyo. Amazinyo ke yinto enyangwa nge poison, ongafika ibotilana zalomayeza zinalombhalo. Kufuneka wambi engafikelelanga ezintsinini. Ukuba utsho ke yi poison necuba. Lomntn uncedwa sisixaxa, yintwana yexeshana leyo, ati amabuyambo engqangqambo agqite, singe esosixaxa besiye kuguqula zona. Uti nali lityebisa obani nobani? Utywala obu butyebisa lama Irish ase Bayi nje bubonisa ukulunga okutile kubo? Hayi, bungcole kanye nalomali yabo [Mr. I. Wauchope, Uyezwake]. Masizicinge ezindawo zitetwa ngocasa icuba. U Mr. HERBERT BOOI. —U Mr. Wouchope uzenza isilumnko esigqite u Sir Walter Raleigh, kanti yena nvele izolo eli. Andiboni ndoda mna kule Society engade imelane no Sir lowo. Icuba lilungele indoda estadishayo. ngokuba livula ubucopo. [U Mr. Radasi— 'Never.'] U Mr. PETER RWEXU. —Mna ngesendafayo zikasi ukuba bendingaxaswa yinqawa yam. Ubawo oko ebasakuma e Quru ebenenkabi ezintle kuneue awazizuza ngecuba. Anditsho nokuti liyeza mna, nditi kukutya. U Mr. Wauchope ufuna ukucita umsebenzi omkulu wokulima icuba oya kunyusa uhlanga, kanti lentlanganiso irnele izinto ezinjalo, U Mr. J. B. RADASI. —Amadodana namhla andiwaqondi ukuxoxa kwawo, awuza ngecala umcimbi. Zibemhlope mna kum izizatu zika Mr. Wauchope, kuba yinto embi icuba kanye. Lento ininzi kutiwa lilunge ngenxa yayo, akuko namnye ongazamiyo ukuliyeka. Lifana notywala ukukuleka kwayo indoda. Malunga nokulunga kwalo ezifundweni, mna ndazi ukuba ama Simnari abetandana necuba zizinyola ezingenamsebenzi—isininzi sawo zintseli. [Waselepuma u Mr. Booi.] U Mr. SIMON BALLA. —Mna ndineminyaka engapezu kwamashumi amabini ndalilahlayo icuba, noko ke anditsho ukuti alilungile. Lityiwa nangabafundisi. Ungati ukuba umhambele kuke kube ngumzuzu unqonqoza estedi, kanti usafihla inqawa. U Mr. THOS. DABI. —Libi icuba uhambele endlwini yenene ine carpet, kufuneka utshayile, bati kanti abahlobo bako sebenga Ungade upume, woti upuma ube seupetwe ngasemva. U Mr. NYANISO TEYA. —Mna andifuni ne. nteto ende, nditi maligwetywe namhlanje icuba. U Mr. NYOKA, upendule wati: mna andiyi. kuba sateta, kuba indlu yonke ndinayo, se. ndiya kuyekela u Mr. Wauchope. U Mr. WAUCHOPE. —Hayi into imbi ukuteta nentshayi ngecuba. Bulibaleni ubuntshayi benu silikangele ngengqondo ezizolileyo icuba. Anditsho ukuti lilahleni namhlanje ndibeka inene zam ngalo pakati kwenu ukuze kuti ukuba kuko inyaniso nitsalwe yiyo, nisimise isigwebo senu, niti ke ukuba nisa. litya kube njengokuba buselwa utywala, kanti umseli uyabazi ukuba abulungile. Besendite ku Mr. Nyoka lomti liyeza. Owutyela iyeza makawutye njengamayeza onke, kungabi ngohlobo Iuka Mr. Nyoka ode awe. nze iyeza lokudinwa. Unityumbatyumba ngobutyebi obusecubeni kuba ebona ukuba sizintsapo zencitakalo, ngati sacitakala lingalinywa icuba. Niyakulilima emhlabeni kabani elocuba lenu? Anditi nase America liwufince amandla umhlaba. Ukuba niti nali lityebisa ningendikupi kulentlanganiso ndike ndavula inkanti kulomzi wenu kuba utywala butyebisa? Abaninawa bam bona benziwa kuba kade ndibahluta inqawa zabo. U Mr. Notyoda no Mr. Rwexu bapendulwe ngu Mr. Xiniwe. U Mr. Booi uvingcwe umlomo ngu Mr. Radasi waselebaleka. No kuba ezinkabi zazibiwe namhla u Mr. Rwexu ngelisela. Mandiqukumbele ngokuninika isiko elilunge kunene, kwintshayi zecuba. Ndilifumene kwipepa lase Rini i South African Methodist, kutiwa, wati umfundisi wase America —apo bendite lavela kona icuba--intshayi mazigcine lomteto :— 1. 'Never smoke when ladies are present.' 2. ' Never smoke in the presence of gentlemen.' 3. ' Never smoke when alone.' Kuyiwe evotini; abaka Mr. Nyoka 17; abaka Mr. Wauohope 21. Lagwetywa icuba.