Title
eng Iveki (IMVO_1885-11-25_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-25
Identifier
eng IMVO_1885-11-25_i011
Word Count
eng 343
Print Page
eng IMVO_1885-11-25_p002
Page Spread
eng 2.1-2.2
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
IZIGITSHIMI za Mampondo ebezitunyelwe e Kapa ngulomzi zifike e Natal ngeveki egqitileyo. Zanelisiwe kukuba u Mr. De Wet esiva e Mampondweni ukuya kuva eyona nto ayifunayo. ABABULALI bompati we Stishi sase Mbilo e Natal baxhonywe namhla e Tekwini. Beke kwenziwa ngabatile isicelo sokuba baxole Iwe kodwa ayivumanga i Ruluneli. U HON: J: A: DE WET ubeke wahatnbela e Herschel ngeveki epelileyo. INTLANGANISO ye Komityi elungiselela imi- cimbi yo Manyano Ngemfundu iyakuba se Rwarwa, kumzi womongameli u Rev Elijah Makiwane ngoMgqibelo ozayo 28 November 1885. UMXHOMI nfikile e Qonce ukuza kuhambisa umsebenzi wake obuhlungu. NGOMGQIBELO ngqitileyo i Bishop yase Roma ivule ityalike ekwasisikolo sabantsundu kwi Lokeshon yase Rini. Lomzi mtsha awuqelelene kakulu noka Fikizolo. Kulindelwe ukuba intsapo iyeknngena emva kwe Krismasi kwesisikolo sama Roma iyakuba sekulwini. SICELWA ukuba sivakalise udaba lokuba ' ' Ngolwesi-Hlanu ngomhla wamashumi amabini anesixenxe enyangeni kuyakudlala impi | ye Albert C. C. yabamhlope neyona mpi ye i Champion C. C. yase Qonce yabantsundu. I Amagama omlisela oyakudlala wa Maxhosa ngawola:—N. C. Umhalla (Capt.), G. H. Nozwane (Vice-Capt.), H. E. Tshatshu (Act. Secretary), W. C. Umvallo (Secretary), J. W. Gawler, M. K. Mtakati, James Mdana, Edmund Mbom, Edward Genge, Joel Mkencele, A. K. Malo. Sisixenxe ngapandle kwala magama esiyakulindela ngawo inxwaleko engehlayo kulamalungu amisiweyo. Lomdlalo ke ngowesitatu nowokoyisana kwezimpi ze Albert ne Champion.' U MR. DE WET uyakuba nentlanganiso na Mabula na Bantsundu na Mangesi ase Komani ngokuhlwa nje ukuxoxa ngofuduso Iwa Batambu. U MB. FRED J. HODGES owaka wayi. mantyi e Colseberg. e Dikeni nase Ngqushwa obeyimantyi yase Swellendam ngoku, ubhubhe ngolwesi-Ne November. 19 YIMIQODI Abarolong ukufudukela Elusutu. INQANAWA efike ngolwesi-Hlanu Ngilane ibinobuntu onengqakaqa. e Kapa ubekwe nxaninye kwindawo Iwa kayo kakade. ivela e Ifikile eyonge. ABANTU base Mnyameni (Alexandria) benza isicelo sokuba ifuduswe imantyi yabo. Isizeka bani asikasiva. ZINILE nje imvula mayifinyelele kaloku mzi, imali yokuhambisa 'Imvo.' E FOLAFILE. I RULUNELI yamnkelwe ngemigcobo e Bloemfontein apo isahambele kona ngayo le- veki. Ibuyela e Dayimani ekupeleni kwayo. U WILSON i Guard kwaloliwe iwe ikwela etrenini e Colaeberg yanqunyulwa umlenze ngu loliwe. Amagqira akancedanga into ufe kwakamsinya. UMKOMBE ofike ngolwesi-Ne olu lugqitile. yo uvela e Ngilane ufike no Hon. T. Upington M.L.A., no Hon. J: H: Hoffmeyr, M: L: A: