Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-11-25_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-25
Identifier
eng IMVO_1885-11-25_i013
Word Count
eng 605
Print Page
eng IMVO_1885-11-25_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWESI-TATU, NOV. 25,1885. lento umbulali ayinakufihlakala kupele, oko u PELSER wasuka wanguye omangalela umfundisi. Usomandla ube ngakuye, wabatobisa ababandezeli. Namhla ukululekile. Malibongwe igama lake eliyingcwele. Ibe sisibonakalo esibi ukuba u Mr. MAASDORP abonakale enguye otshabalalisa eziya nyaniso kanye anga-eba wayezibutile ukuze kubuzelwe ukugwintwa kuka ZAKARIYA. Senga ukusindisa iwonga lake u Mr. MASSDORP ngewayete akubona ukuba kuvela inyaniso angaba waye ngazazi ngenx' engapambili waseleliyeka kwalapo ityala. Tina besiylumcoma de simxolele nesiwo sangapambili. ITYALA ELIKULU. A MEHLO abantu ngeziveki zimbini ebebomvu ondele e Rini apo bekucedululwa imhokomha apa yetyala ebelibekwe ngu Rulumeni pezu ko Rev. JOHN D. DON elipelele ekukululweni kwake ngamatyala. Iziganeko zalomcimbi ziyaziwa ngumzi. Zezo zasukela ekudutyulweni kowebala letu e Bekesdorp li Bhulu elingu PELSER ngo January ogqitileyo. Umzi awubanga nadyudyu lanto kuba wati umbulali lowo uyakuya pambi kwamatyala ngokwesiko. Isiko ke limise igqweta ekutiwa lele Nkosazana elimele ukukangela ukuba wonke umntu we Nkosazana kweli lise Maxoseni ukuselwe ngumteto empilweni yake nasempahleni yake; eliti ke akuhlutwa ubom bake ubani lenze imigudu yokuba lowo wahlute omnye ubom bake ayekupendula ngeso senzo. Okwangoku ke eligqweta ngu Mr. MAASDORP. Ubulewe ke u ZAKARIYA ngomhla we 16 January, kulonyaka li Bhulu elingu PELSER, unge angamsa ematyaleni u Mr. MAASDORP wabuya wamyeka, ngapambi kokuba amyeke kwavakala emapepeni ukuba Amabhulu ase Bekesdorp atenga imipu nengxawe zokuba aze akucase ukubanjwa kuka PELSER. Bate ke abantu mayibe yiyo leyo imbangi yokusinda kwake. Emva koku ke kwati-xum. Ide lonto yabuya yakutyulwa lipepa lomfo ka HAY lalapa e Qonce i Cape Mercury, eyalate ulonakalo lokuba lendoda ingasiwa ngapambili ekubeni ziko inyaniso ezingacacileyo zeso senzo sayo. Yona impi yakowetu entsundu ese Bekesdorp nase Herschel ayizanga yavutwa kwaoko, waba ke umzi uyayiririzela ihambiso yabamhlope kwinto ezinjengenqubo yamatyala. Waye lo PELSER engaqali ukupata abantsundu ngoluhlobo. Ite ke lento yabanga ukuba ontsundu umzi uti inqubo ya Mangesi yamatyala ekumana kusitiwa ilungile ligama kodwa. Kodwa aseko naku Mangesi amadoda antliziyo zimhlope angenakumelana nokungeyiyo imfanelo, asanga igama le Ngesi lingahlala limsulwa. Isazi ukuba ngokwenjenjalo izibizela onomeva nonomaxedlana, i Cape Mercury izanekile inyaniso zesisenzo simdaka yacela kubapatiswa basemtetweni ukuba basikanyeze okanye basityile. Badukisile. Amapepa endaba ajokisile kwakulomkondo; Akuncedanga luto. Usuke u Rulumeni wanika indlebe esitulu kwinteto yamapepa kwanjengokuba wenjenjalo u BHALI wakudala kwimigulo yabanquli bake. Kanti kukuba abapatiswa mteto beyakuvuswa ngamazwi arara omfundisi u Mr DON xa selezihlamba ebusweni bezulu kweli nyumnyezi. Ngokalipo lom-Skotshi wenyaniso umbuzele u ZAKARIYA kwanabazalwana bake—embuzela lemfanelo itandwa kunene nga Mangesi, awada alwa apalaza igazi lawo kwizizukulwana zamandulo ecasa ikumnkani ezazifuna ukuba ingafunyanwa nga Mangesi na Maskotshi. ngoko babonisa ukuba boyika u Tixo kunezikumnkani ezigwenxa. Ucacile u Mr. DON entetweni yake wati u PELSER ngu 'mbulali olijacu.' Usuke umteto wamnamatela ukuze umhlazise umtyumze. Into yokuba u Rulumeni ngamaxesha entswelo anje arole imali yokuba kudotyeleliswe umfundisi wendaba ezilungileyo, kwilizwe lama-Krestu ngokusuka avakalise incaso yesenzo esimdaka, yinto esingazanga siyive ebalini lesizwe Samangesi. Ngesiyivisisa into yokuba lemali ibirolelwe ukupanda inyaniso ZAKARIYA ebezite azacaca kakuhle Into yona eyakuma imi u Mr. DON ufumene uloyiso kwidabi elikulu angene kulo ukuba afumanele ontsundu imfanelo zake. Impemb' Enkulu empata ngokumbamba ngesixanti ontsundu, yafumana ukungqezulwa, kodwa mhl' apa zabambana nayo injengeie ezingo Mr. SAUL SOLOMON no Mr DORMER ngelatyala lokubulawa kwa Makorana kwelipezulu ngo 1879. Namhla u Mr. DON uyibmze kwelomkono iwile. Ukuze ingabuye ipakame ke Amangesi na Mabhulu atanda ukuzola nokonwaba ayakuncedisana nabamnyama. Imigcobo ete yako ngenxa yoluloyiso luka Mr. DON ibonisa ukuba imfanelo yinto esatandwayo nga Mangesi enyaniso. Sisakangele into ezakwenziwa ku PELSER njengokuba namhla edandalazile. De abe uwawelile onke amazibuko awelwa nguye wonke umenzi woko akwenzileyo, kuyakuhlala kwabanqabela abantu bakowetu ukubona ukuba umteto nakete. awu kwabangqondo zizezobuntu. Site nqa ukuba abantu ababbatala ezirafu batule zole tu kwincito enje. Asingi singalata indawo ezingangqinelaniyo—kwinteto ebite yanekwa pambi kwamatyala, oko kufezwe kanye yinteto ebujingxela ka Mr. MAASDORP neyobuciko ka Mr. SOLOMON, nezeleyo emhlope ye Jaji u Sir JACOB BARRY, zibonise ukuba u PELSER umdaka. Yasuka yamhlope kwezetu ingqondo inteto yokuba