Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-11-25_i014)
Found in Newspaper
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-25
Identifier
eng IMVO_1885-11-25_i014
Word Count
eng 1201
Print Page
eng IMVO_1885-11-25_p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UMYALEZO ka Rulumeni ku Folosi ngapambi kokuba aye kwela Batembu ubonakala kumapepa ase Kapa. kushenxile kwinto yokuba maze angabafudusi abantu xa ba. ngavumiyo, ngokoke awuyishiyile into ekwagqitywa kuyo e Palamente. Bekusakubanje kakade ngemini zokuqala zika Mr. Sprigg bekusakuti kanti kuko iminyelekendlane yencwadi ezihamba ngasese ezicebisa enye into. Ukuba ubani akakolwa yilonto mayelana nolufuduso, woba uti ixoki ngu Folosi. U Folosi yena utiku Rulumeni akatyhali mntu ngabaxa. Sisati tina ngu Folosi umntu odala esisiduba.ntini edibene no Mr. De Wet. U Mr. De Wet ute e Komani: lento ihanji. swa ngohlobo lokuba kuti kwakumnka abantu abaninzi kwifama etile sebetyhalwa bonke abanye abanga bangahlala. Lehambiso ke icasene nesigqibo se Palamente esiti makungacitwa namnye umzi bade babe bayavuma ukufuduka bonke abemi bawo. ke ababantu bangebaninzi ukufuduka ingabona bantu ingcambu nkuma kwelozwe ndlu ezintle nokutyala imiti. tembu azingehlazise Ngesi. sezisiti ngu Mr. Rose-Innes umbandezeli wetu kuba lento kuhanjiswa yona ingenteto yake. Lento ayinabunyaniso kuba yena wayimisa poqo ukuba mabafuduswe xa bavnmayo. Makukutshwe u Folosi kumzi wa Batembu. EPENDULA U Mr. Sprigs u Folesi ukanyela alale ngombele ukuba uke wanyanzeJa nomntn omnye. Ukwalata ukuba lento eyina bunyaniso sitabata lamanqaku kwincwadi ebesiyingenise kwelokugqibela ngawo kanye lomcimbi. Uti umbhaleli wetu: mna njengotnnye wa Batembu ndingti u Folosi mhlamnene wawaneka. kakuhle umcimbi lo kulontlanganiso yayise Lady Frere, kodwa einva koko intsebenzo yake ayilandelanga amazwi ake, kuba ute u Mcwakumbana akuti andifuni kufuduka ndidiniwe kukuhamba, yati impendulo kwaoko ngelozwi lodwa akusesibonda ngokwesibini asilulo lunyanzelo na olo? Kanjalo luko ngokuzolileyo kuba u Cotiyana enye yamadoda afudukileyo lite izwi kuye lipuma ku Folosi—wena Cotiyana ndive ngemantyi ukuba wakutshwa ebubo, bondeni, kuba wawubabatalisa abantu wakubapa amasimi, ngokoke namhla ukuba ungeza nabantu aba 60 abavuma ukuhamba nawe ubazame uze utembise ukuyiyeka lonto wawukutshwe ngayo, ndingakubhalela iucwadi uze ube eisibonda sabo e Qumbu. AMAWETU a Pesheya kwe Noiba mawangazidepiseli ngokuti intlanganiso enye yanele ukumenza ukuba u Rulumeni awubuyise umva umteto ovulela ishwangusha apa elikulu umciti womzi ontsundu ntywala obuvu. lelweyo e Transkei. Iqinga labamhlope lokwenza ukuba ade eve u Rulumeni kukwenza 'Ingxolo, Ingxolo Ingxolo.' Seloko pepeni ze zitunyelwe ku Rulumeni Sivuya ukuti ontsundu umzi walapa e Qonce ube nayo intlanganiso yawo ngolwesi-Hlanu Iweveki egqitileyo. Yagqiba ekntumeleni umtandazo kwi Rnluneli. Ibhalwe kwaoko incwadi leyo. Isihlalo sibe sibanjwe ngu Mr. D. Thomas kuko nabahlobo abamhlope nabantsundu abenze inteto ngo Rev. F. Wynn, Rev. C. Pamla, Messrs, W. G. Cooper, W. O. Carter, J. Newing, J. Tunyiswa T. Sambula no J. Tengo-Jabavu. Ibe moyamnye intlanganiso ngendawo yoknba lento ivulelwa inkosi, inkosana nezipakati i Brandy kukuba kufunwa ukubulawa intloko yomzi ukuze yakufa ube nawo seligqityiwe. Siva ukuba imitandazo yoda isinge nase Ngilane. UMHLA alike ngawo apa u Rev. J. D. Dorr ukuvela e Rini awusoze walityalwa ngabau bonileyo. Uluntu lubonisile ukuba luvuya kunene ngokabuya kwake oyisile. Amawetu ayiyeka yonke imisebenzi akwela (inxenyi yawo) emahasheni ukumhlangabeza e Luka lweni. Ekungeneni emzini isuke yayinkung nelanga abantu bamabala omabini. Isuki yanyatelana impi ngokufuna ukumbona Wamnkelwe ngenteto ebesezilungiselelwe oko pambi kwe Town Hall, eyempi emhlope ileswe yi Mayor inkulu yomzi, eyabantsundu ilandele yaleswa ngu Mr. Tengo-Jaba egameni lamawabo alapa nangekoyo azali lonke eli, u Mr. Don ubulele ngento eshushu ngohlobo amnkelwe ngalo ngoba kodwa ngabantsundu abengazi ukuba kuhleliwenje ezizinto zihambisekayo bayazibona. Ubengakukangele ukwamnkelwa ngoluhlobo. Akayiboni noko yena into enkulu ayenzileyo efanelwe kuko konke oku, ubesuke yena watyila uvalo lwake. Akakazanga watonyalaliswa yinto kunamhla weva inteto ye Jaji enkulu eyati kuye ' Maube utonyalalisiwe kukubona ukuba yona kanye lonto ubuyilwela uyifumene uloyiso lungakuwe,'—amazwi angakoliswa kuviwa ngabazamela ubulungisa besekweli ipakade. Into abeyilwela uyenje. nje ukuyimisa u Mr. Don 'Lixabiso lobom bomntu, kukuma mgangatweni mnye kwabo bonke abantu emehlweni omteto nokuhanji- swa okuhlambululekile komteto nesiko.' Waleke wati, kukunonelelwa kwezizinto okuyakubanga ukuba izizwe ezimnyaina ne zimhlope zihlale ngokuvana kwelilizwe zincedane ukuze elilizwe lihlumelo kwabo lamazwi ebexholiwe ezintlizweni zabo banga bangalaula elilizwe. ukuba kangatetwa nto ngamabango amadoda ase Palamente. U Mr. Maasdorp ute inteto ebange ukuba u Mr. Don abhale yeyepepa eliyi Cape Mercury elaziwayo ukuba liwacasile lamadoda alaulayo, nenteto leyo yayeyokwenzakalisa wona. U Mr. Don akenzanga migudu yoku fana inyaniso ngapambi kokuba ati u Pelser ngumbulali. Makayixelele mhlope i Juri nkuba u Rulumeni akateni nento nemicimbi ye ofisi yake u Maasdorp, kangangokuba i Juri ingateni nayo lomisebenzi engeze ayivumela nokuba ibeiseyitanda. Ingqina lokuqala elingeniswe emkumbini ngecala lika Pelser ibe ngu Mr. Geo. Hay, nmhleli we Cape Mercury ote ebuzwa ngu Mr. Maasdorp incwadi leyo yayibhalwe ngu Mr. Don. Kwimibuzo ka Mr. Solomon ute umazi ixesha elide u Mr. Don, asimntu ungenayo kwimicimbi yamabango abalauli. Lenowadi yeyokuqala awaka wayibhalela epepeni lake. Ute: Bendingumbanjwa no Mr. Don, kodwa ndibuye ndayekwa ukuzeke ndibe lingqina. Ndandite mna incwadi leyo ifanele kanye ukushicilelwa. Andicelanga ukuba ndikululwe. Ndaziswa ngencwadi nkuba ndiyakululwa. Mna inteto yam ndandiyitabate kwincwadi zemantyi. Kungene ke emkumbini u Willem Jacobus Pelser obuzweligqweta lake u Maasdorp waza wabnzwa ngu Mr. Solomon ixesh' elide wazi- pinyela kunene entetweni yake ngokuti pambi kwe mantyi wayemnqanda Umxhosa kodwa yena engavumi ukuze adubule, kanti ebuzwa ngu Mr. Solomon ute wayemquba wajika ke u Mxosa wambeta ukuze arole ipistoli. Ngelinye ixesha ati wayeyipete ka- ipistoli ze kwakona ati wayenge kabam; ukuba amdubule yasuka yapuma yona imbumbulu, kanti ebuzwa yijaji ute wayesiti ma katsho emkonweni, amngxwelere kodwa. Igqira lase Bekesdorp u Dr. Paul ute ukuba elinxeba lomfi wayelikangele engatyelwanga indlela elenzeka ngayo ubengati lenziwe ngumntu obengasemva, bucalenira. Ukuba umfi ubembeta u Felser, yena ebucala, abeke wesuka wadubula u Pelser ngelingeko kwindawo elikuyo inxeba, nembumbulu ngei- ngahambanga ngoluhlobo ehambe ngalo. Ukuba umfi waye-ewe xa ambetayo u Pelser ngesokunene uPelser emalungana ngapambili yaza yapuma umbumbulu yayiyakugunguluza ihle. Kokwam ukwazi njengegqira ndisati mna lomntn wayevelelwe ngemva. Ndimvile u Pelser xa ati ontsundu wayemayelana ngase kunene kuye, ukuba kunjalo inxeba belingena kuba kwindawo elabakuyo. Ubungqina begqira bayicasa kanye yonke inteto ka Pelser. Kulandele u Abo, umntu ontsundu ote indoda leyo yayipete uswazi olubugixa bungangocikioane, lupezu kwamagxa epumle pezu kwalo ngengalolude lwagoba. Lwalu- lude kunentsimbi leyo kutiwa yabulala umntu wayesoloko elwenjenjalo ukulupata xa waye- teta nati wada wemnka. Ingqina elingu Felskuni elayibona yonke into eyenzekayo liti. - Wabona umlungu emlandela, ute akuwela edamini wafika kuye umlungu, ufike wamuqanda ngapambili wamquba, bate xa bakufupi nedam kwavakala isitonga ngakwelocala lomlungu. Unge uyema umlungu ekwele wabuya wagoduka. Andimbonanga ejika ebeta omnyama. Wayebamba pambi kwehashe engakangele ngemva. Untloyiya ute: Ndandimbonile n Zakariya ngapambi kokuba adutyulwe. Ndandi. qala ukumbona lomhla. Ndambona evela kwindlu yakulo Pelser esiza kulondawo sasikuyo, uqale wateta no Felskuni, ndisuke ndaya kupulapula. 'U Swaartbooi ubulise wegqita. U Zakariya usinge ngase damini. Bendingekude kuye oko ebenati. Akuligqita idam kugqite tile ekwele ehasheni wonde ngo Zakariya. Ndimbone emjika, wamquba bengaqelelene kakulu. Ndisaka- ngele ndibone umsi ndeva ngesitonga. Wa- wa umntu. Ukangele ixeshana umlungu esehasheni wajika wasinga ngasendlwini. Ndimshiyile ke u Felskuni ndaya emsebe. nzini warn. Andimbonanga ontsundu embeta omhlope. Wayengapete nto ngesandla u Zakariya ukumbona kwam. Wayengenanto' wayeyigushile ukumbona kwam. Ndimbonile umlungu epakamisa ingalo, kodwa andi- yibonanga ipistoli, wona umsi ndiwubonile. Lonke ixesha bendibabona. Andilibonanga ibashe lidlokova ngapambi kokuba ndisive isitonga. Ndibone mna ukulandelana oko. Amanye amangqina ngango Dr. Great- head no Dr. Ross awavumelene no Dr. Paul ngokwenzeka kwenxeba. Amangqina ka Pelser anpo Martinus David, no Abraham De Klerk 'vumelene naye ngentonga yentsimbi. Amanye amangqina ecala lomfi ngango Mayer no Peters no Mr. Alfied Hamsworth isandla semantyi awazibika kuso u Pelser, namanye angqine ezinyaniso zivakaliswe ngamanyo. Kubonakala ukuba umfi wayevela edolopini efuna ihashe lomlungu wake emini: Ugqite kulamadoda Bkwaloliwe waya emzini ka Pelser wawafumana amadoda esesandeni: U Pelser umbuze Pasi ate yena akanayo, wagqita ke ukuze Pelser amputume: Inteto zabateteleli nejaji eziqoshelisa ityala zobonakala kwelizayo.