Title
eng Ityala Lomfundisi. (IMVO_1885-11-25_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Hockley, Esq., D. T.
Language
Locations Mentioned
eng King Williams Town
Newspaper Code
eng IMVO_1885-11-25
Identifier
eng IMVO_1885-11-25_i017
Word Count
eng 245
Print Page
eng IMVO_1885-11-25_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Singa singacela wonke umzi ontsundu ukuba uke usikangelise elinye icala lelityala ligand' ukugqitywa e Rini. Njengokuba sonke sisazi u Rev. Mr. Don ungene kuyo yonke lenxamleko nosizi kuba ubefuna ukuba nabantsundu bafumane ukulungiselelwa njengabanye abantu emtetweni—bangacukuoe- zwa ngenxa yebala kuba lisuke alibimhlope. Ngoloyiso lwake ke ubonisile nakwi Bhulu ukuba apa pantsi kwe Nkosazana ubom bomntu ontsundu abububo ubom bebhadi lasendle angasuke nabani abutabate ngepistoli nangompu. Sinenkolo ukuba ininzi impi ebibupete bukepu ubom bomntu ontsundu ayalekileyo ukuba nokuba nguwupina u Rulumeni obukangelele pantsi kwendlu yenkuku ubom bom-Afrika i Jaji zona zibukange- le njengento esulungekileyo. Ke lenyaniso ibonakele ngobugora bomntwana wase Skotilani ombuzeleyo u Zakariya. Elityala ke libe nendleko ezinkulu. Sivuya kunene ukuva ukuba umzi omhlope ose Kapa, e Bayi, e Somerset, e Rini, e Qonce seluqalile ukubuta imali zokunceda u Mr. Don ukuhlaula indleko ayenzileyo kulomsebenzi. Siti ke njengokuba ebebuzela owetu owebala letu maubonise umzi ontsundu uku ba uyambulela ngokuhambisa owawo umnikelo, ukuze na Mangesi aqonde ukuba akasakuwa pantsi_siko osibuzelayo. Akufuneki nto inkulu entlokweni yomntu kufunwa inani elikulu labantu nokuba indoda nganye irola isheleni, umntwana isikisipeni, itiki, ipeni kusalungile. Lonto iyakwenza into enkulu. Make sibe mxbelomnye ke nto zakowetu, kungabiko ungasakuposa gade kwinto entle kangaka. Amagama abantu abarolileyo kwindawo ngendawo ayakushi- cilelwa: Umzi ngamnye ngeusenza ikomiti zamado- da amakulu omizi ayakunika igunya lokubu- ta ezinkozwana kumntu ngamnye ontsundu ongasingagcinakala isihomo somzi ontsunduIkomiti zendawo ngendawo ziyakulinde- Iwa zizitumele kakamsinya imali ezo kwinkulu yalomzi (Mayor) wase Qonce u D. T. Hockley, Esq., Mayor, King William's Town. Owoshiywa ke mabandla akowetu!