Title
eng Impawana (IMVO_1885-12-02_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-02
Identifier
eng IMVO_1885-12-02_i016
Word Count
eng 379
Print Page
eng IMVO_1885-12-02_p002
Page Spread
eng 2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Kunzima Emasokeni Nonyaka. U Mr. P. H. Pottor Ngomgqibelo November 14, 1885, esaye e blakfesini ubelwe ityeya yemali ine £15 kubanjwe inkwenkwana eminyaka 12 kanti kubekute xa ku kutshwa abantu yazimela ngebali yaya kupumela esistoreni yemka kufe xa ifunwa yafunyanwa emfuleni se ine £4 enye iti iyi nike amanye amakwenkwe isela lisentolongweni. U Mr. S. D. Maqina itishala ite imkile yafika ngo November 17, 1885, ukutya kwayo kumkile konke. E Mpukane u Mr. Joel J. Madubela naye ute efika wafika ucango luqaqiwe kwebiwa Ibulukwe, ibatyi, ondrubatyi, ihempe ingubo ezimbini zokulala, ilamp, izikotile ezihlanu, umkala, ikama, izinto zokusula amahashe, ingubo zomninawe zonke zokulala. Ezitishala zombini ngamasoka. Kaloku akanakuhlala kufike usuku lokukululeka. Kunzima emasokeni. ** Oko yati yavulwa indlu yendwendwe kulomzi lelinye inene elintsundu asikazanga saba natuba lokuvakalisa olwetu uluvo ngayo. Singa ke namhla singati lento yenziweyo intle; ngamana yema imi. Ukuma kwayo kupumle pezu komzi ontsundu kwapela. Akuko gwangqa loza like livele nangempumlo kulendlu yalomnumnzana ukuze lishiye neceba elinye, ukuze lomsebenzi nine. Amagwangqa ancedana odwa ngendlela zoluhlobo. Lowetu ke naye uyakuncedwa kwa siti. Akasokuncedakala kodwa xa siyakumenyanya, simngcikive, simeye, mayi zesiti 'Hai eletu igazi lodliwa mhlope kunomnyama ! ' Lonto qondwe. *** Maugcine umzi. Siyakuncedana tina ukuze sibe ngabantu abanento ezilungileyo. Lento sisezimbhabala Iwantunge kukuba ayikakanyi ezingqondweni zetu lenyaniso. Abanye bati soka silinde ke sibone ukuba uyakuma na. Imposiso nobutyakala obukulu, obunjengoku bopa inqwelo pambi kwamabashe, kuba ukuze eme makuzikataze kwatina. kwazabo Utini ke, Into tina esiyoyikayo kukuba into eninzi yamawetu iyakuti lomfana ligwaugqa. Igama lelomlungu, angebi nanonelelo likulu, kuba efana nabanye. Akukonto ibukeko njengokuba ontsundu aziwe ngegama elilelakowabo, kwinto enjenge Hotele lingenisa nemali ngobugama obo balo bodwa. Magna ? * Kwala ntonina ukuba intliziyo zamawetu zingabi mfaninye neyalomnumzana oti ukusibhalela? — 'Ukwandiswa kwe Mvo—Kwabamnandi ndakubona esisaziso kwinyanga ezigqitileyo sisongeza pezu kwe sitembise esabonakala kwelika December, 1884. Abantu bokuxasa amapepa ohlanga ngabafundisi no tishala. Kuba ngabona bantu silindele kubo ukunyusa uhlanga. Ukuba ubungayikukatazeka bendiyakuvuya ukuva inani labafundisi abantsundu no tishala abaxasa ipepa. Kodwa nangapambi kokuba ndive ndino sizi ukuti ezintetweni (ndingazazi izenzo) abonabantu batintela ukuxaswa kwamapepa ohlanga ngabafundisi (nonyana babo ngokukodwa) no tishala. Ndikulangazelela kakubi ukwandiswa kwe Mvo kuba ezinye indaba zide zibendala ngenxa yokusweleka kwendawo. Malandiswa ipepa nditsho mna. Nitinina nina mzi? Ndim RADU SIJADU.' * * * Ngati uyicanile umbhaleli wetu into etinteleyo. Lonto sesi sikonkwane so MONA ne KWELE ekukulekwe kuso ngu Dwebile lonke uhlanga oluntsundu. Bako kodwa abafundisi nonyana babo abangama kolwa amakulu kwi Mvo