Title
eng Transkei. (IMVO_1885-12-02_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Officials
Language
Date
5 November 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-02
Identifier
eng IMVO_1885-12-02_i019
Word Count
eng 836
Print Page
eng IMVO_1885-12-02_p002
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
November 5, 1885. Ngolwesi - Bini pambi kwemantyi yenu u Captain Blyth, C.M.G., imantyi nenkosi zabantsundu namapakati zaze Kufundwe ipepa elivela ku Rulumeni eliti linomteto wesihlanu oti: Impi ezinkulu, nezincinane, namapakati, ayunyelwa ukutenga utywala bomigu ezinkantini ezizakubako pesheya kwe Nciba. Izizwe ezintsundu zilile ngenteto eti: iyawayintoninaesilandelwa ngo ngotywala, noba Maxosa sebonakalise nje. Kuyakuba njanina mbla kufika obu, okunye u Rulumeni selebhale amaqela awayakutenga bona. Ubeve kuwa bufunwa ngubanina apa utywala. Masendisiti yonke inteto iqukumbele kweliti: siyabongoza ku Rulumente nokuba angaba ufuna ukusitshabalalisa sipelelwe bubuntu betu, makangasitshabalalisi ngalamanzi abutywala bomlungu. Atsho amadoda antsundu, ateta ngosizi ati kodwa lomntu ute ukusifela usizi singamcelanga, ngubanina? Elona likulu uti umhlambi ontsundu pesheya kwe Nciba, yenza ngemfefe zako Rulumente usipulapule, uwuguqule lomteto wesihlanu, singatshabalali uqinisiwe. Lenteto yonke iposwe ngumhlambi wonke, ukuba mantyi omkulu u Capt. Blyth abhale incwadi ukubongoza Umhlekazi ngalendawo ubayiswe ngomva lomteto ukuba makuwele utywala. Kambe xa sixela inyaniso lento yomnta ka Mabandla ibuhlungu kuti bantsundu. Umntu olitemba labantsundu ngoku ngu Mr. De Wet; xa kubulala yena ngapandle kwesizatu, kuya kusiza banina? Abantu abambalwa endibavileyo botukile ngalempato ka Mr. De Wet ngo Mbovane odlelw' indlala, ukuba kuyakuba kupela oku, masicacise ukuba kuyakonakala uluvo oluhle obeluke ngo Mr. De Wet pakati kwabantsundu. Kuko imbambano mhlaimbi inteto epakati kwesibonda into ka Zazela u Headman Solomon no Mr. P. H. Pottor, wase Tyinira ngakwa Msesane, ngokusuka ake utango locingo oluzi akile ezintandatu, ate akulubuzwa yinkosi yomhlaba u Headman Zazela, asuke ati ukupendula mna ndipiwe yimantyi u Mr. Thos. King ote ndobiyela umhlaba ozi akile ezilishumi. Ndigqibe, basene emantyini ngalonto; kungakukuti nqa ukuba umhlaba usikelwe ivenkile, kanti nabaniniwo ba- yafuna besikelwe akuvunywa. Bekuyawangene amasela efameni ka Capt. Veldtman, bati ababalisi kuvuke isicaka u Jara, nabatana bawasukela, elinye labanjwa kulamzi ka Chas. Veldtman ngumntu wake ongu Booi. Igama lalo Mgcaleka wakwa Mapasa ngu Temele omnye wamapakati amakulu ka Mapasa, asazi ukuba boda banqunyulwe indlebe ninina. No Nkunzana lo engumpakati omkulu nje apo, wati mhla kwafunzwa Engunduza Emsintsana nga Magealeka lamini emva kwemfazwe ka Rili nguye. lo owarazula itente yamavolontiya amhlope. Sizakuwaxelela ukuba ulapo wena mntu wawulwa nawo. Yekani impahla zabanye mpindini. Kwelihlati lipantsi ko Mapasa e Tutura kute kulandwa inkomo ezibiwe ebusuku kwesika Hlangani, kwafikwa izisele zizele ngamatambo enkomo zabantu, ingaga nempondo, namatambo enkomo kuzele kulemingxuma. Kute entetWeni yama- sela kwabonakala ukuba unyana omkulu ka Mapasa udibene nalento. Yamgweba imantyi ukuba abe setolongweni nokuba azikupe ngenkomo, fan' ukuba zine. Nqumla indlebe mfo ka Buru nantso into eyakuhlaza igama lako, sewuyakukohlwa nokuteta ngoku. Lento yotywala itetwe kakulu e Gcuwa siyatemba ukuba u Sprigg uyakuyibuyisa ngomva. Into mna endinga ingenzeka ukuze aqonde u Mr. De Wet ngati kungati ukuze aqonde, ati makuselwe mhla akoyo yena apa, zeke siqonde uku¬ba angahle ayiqubena intlanganiso, ku- mhla angaqondayo naye ukuba ibulanti: ayenzelwanga mntu mnyama. Sibulele kunene ngokubhala kwako epepeni lako ngabo utywala; siya siqonda ukuba yindoda yamadoda elipepa Imvo. Ingene kwinene ebesizicinga, nokuya singenabuciko bokuzitsho. Enye into nina bantu bawaziyo umteto woku- candelwa kwevenkile kweli lase Mamfengwini kanipose izwi, ivenkile zingxamile ukufumana ishumi le akile, abe ke yena umantyi u King selebanikile abakowabo abelungu. Ityala uligwebe ngezituko ezibi wati: niba umntu omhlope wosoloko epetwe nini? niyaxoka! ngoku kungoku, oko kwakukoko! Watsho wagwebela umlungu. Soka sive kambe Entlambe, lemantyi u Mr. King izigwebo zayo zirorelwa kakulu ngabantu. sigwebo pezu konyana ka Mona; umfi u Mona wazala abantwana abasixenxe, wamnye oyinkwenkwe, loke ugwetywayo; ke kute mhla u Mona wabuba wabi- za amadoda amatandatu kunye nenkosi yakona u Maxegwana, wayolela ngeliti: kupela konyana warn lo, ngendawo yokuba esemncinane ndicela lamadoda matandatu ukuze abe liliso kwezimpahla ukuze azinikele kuye akukula. Namhla kubanga unyana womninawa ka Mona, selengene eqingeni eliti ngowesisu. Suka u King, kuba kuxabene no Headman Maxegwana, akuti umfana ingqina lam ngu xhegana, wabizwa ute akuma wati ityazi ukuba uyawazakuxoka xoki ndini, yitsho sive obubuxoki bako, ute akutera, wati umantyi uyabonake benditshilo; waligweba umfo ka King. Kuko ityala elibhenele Entlambe, beli- gwetywe yimantyi vase Ngqainakwe u Mr. T. King, waligweba engabuzanga nomteto wendlela yalo nase zinkosini, ngonyana womti u Mona. Kutiwa makangandli lifa kuba engowerexe, asuke agwebe ke yena u King. Asazi nokuba lo King uzalana notshaba Iuka Mabandla sinina. Yena umntwana ngunyaua ka Mona. Naye lo King wase Mamfengweni usa- gwebe u Xala Zazela, ngendlela yokuti u Mr. Pottor abiyele umhlaba ozi akile ezintandatu ati akayivumeli lento, suka baposane emantyini ku King, ati ukugweba kwake niqelile, Maxosa, niba kuseleliya xesha benisiti kumlungu zisa okuya nenze ngentando yenu. Libhenele Entlambe nelo. Ukuteta okukulu kwe Sigidimi okubhekisa ku Mamfengu, siyakuva. Imvula inile apa e Gcuwa nge Cawa ye 15 November. Inkoliso yabantu iti koda kugqitywe ukulinywa, ne Gcuwa linamanzi kakulu. Indlala yona kutiwa inamandla kakulu ngapa e Mbashe, kulendlela isinga e Mtata, sebebaninzi ekuke kutiwe bawile, suke bancedwe kukwenzelwa isidudwana esishushwana, asuke apile umntu. Umfo ka Stanford yimantyi yenene madoda! Ute akuqonda ukuba kunzima kwesi sake isiqingata, wati mabati abantu abasebenza indlela bapume kuzo zonke inkosi, inkosi ikupe isihlanu sabantu ukuze ekupeleni kwenyanga umntu amnkele ingxowa yokutya, ngokuba umntu angezabasayifumana ngoku ingxowa ngomamnkelo wenyanga enye. Okunye u Mr. Stanford utenga ukutya ezindaweni, abati ku Mamfengu abaneli £1 6s bafumane ingxowa yembewu izele, kanti ezivenkileni yi £2 10s engati itshipu. Ngaba ke abanumzana abafanele ukuhlala pakati kohlanga Iwetu.