Title
eng Kaulese Imvo Zabantu Ngabantu Nge Rheumaticuro (IMVO_1885-12-09_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Ad
Author of Article
eng Jones, James
SubType of Article
eng Medicine
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-09
Identifier
eng IMVO_1885-12-09_i011
Word Count
eng 174
Print Page
eng IMVO_1885-12-09_p001
Page Spread
eng 1.4
Start Page of Article
eng 1
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Elona Yeza Likulu leli lizwe lengqaqambo zamatambo nento ezinjalo. Alikazanga lingancedi. Likwaluncedo olukulu kukutyatyamba Komzimba licisine, Nakwintloko, Nakwezinye. Benjenje ukulincoma ubake balilinga: — 'Uti omnye zipele ingqaqambo (ekubeni besendinenyanga ndiqaqanjelwa) emva kweyure ezine ndiqalile ukulisela, ndapumla. kamnandi ebusuku, into ebendineveki ndingasayazi, ngoku ndipilile.' Wenjenje wumbi: — 'Eliyeza lindipilise ngokungumangaliyo. Bendibulawa sisinqe inyanga ezintandatu kangangokuba bekusuka kube yinqaba ukuma ukuba ndike ndahlala. Bendingasena kutoba kuba bendingeze ndibuye ndipakane. Ibotile enye indipilise kanye.' Omnye uti: — 'Benditwele ubuhlungu obukulu ngenxa yokuqaqanjelwa yitloko leminyaka mibini ndada ndalinga i Rheumaticuro, ndivuyiswa kuba ibotile ezine zindincede kanye' 'Ndingarola,' utsho omnye, 'iponti ezintlanu ngebotile. Ngolwesi-Tatu olugqitileyo ndite ndakumtatela ibotile yokuqala umfazi wam, wabengana kupakama ekoyeni nonyawo, enjalo inyanga; ngalo Mgqibelo uhleli esitulweni.' Uti omnye: 'Lindenzele kanye lonto ubute liyakundenzela, uku ndipilisa ekutyatyambeni kwamatambo. Liyeza angaswela amazwi okulincotna umntu, alisiyiyo inkohliso njengamanye.' Yiyo le enye inteto : Wonke endimaziyo nditi makabe nalo, basancedekile bonke abalilingileyo, 'andikeva mntu lungamncedanga.' Ukuvakalisi imvo zabantu kungazalisa lonke ipepa. Eliyeza linoku yalezwa kuzo zonke izindlu zamayeza, nevenkile, otandayo angalifumana kumninilo ngokutumela 3s. 6d. ngebotile, ongu JAMES JONES, 46 LONG STREET, CAPE TOWN.