Title
eng Iveki (IMVO_1885-12-16_i010)
Found in Newspaper
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-16
Identifier
eng IMVO_1885-12-16_i010
Word Count
eng 713
Print Page
eng IMVO_1885-12-16_p002
Page Spread
eng 2.1-1.2
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 1
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
MR WILLIAM HAY ufike e Qonce ngo- lwesi. Ne olugqitileyo. NGEZI zipitipiti beziko e Rode e Mampo- ndweni, kugqojozwe kwapungwa indlu ka nkosi u Josiah Jenkins. Kutiwa Amabhaca umke nempahla ekuxabiso le £300, nemali yi £50. U Josiah ubengeko ekaya ukuhla koku. EMVA kwenyanga ezimbini uyakudliwa umbona kwa Zulu. IXHOBA alifumene kumzi ka Massowu mabhuln liku 1,400 inkomo, 1,400 igusha, ibokwe. U MR. DE WET usalile isicelo somzi wase [once uknba abuye ngapa xa avela Ema- mpondweni. Uti indlela yake ayiko ngapa. U DR. DALE wazisa ukuba ngonyaka oza-,'o ziyakuvalwa zivulwe ngalemihla izikolo : —11 January, 1886, ziyakuvulwa; 26 March, 1885, ziyakuvalwa; 5 April, 1886, ziyavulwa; 25 June, 1886, ziyavalwa; 19 July, 1886, ciyavulwa; 24 September, 1886, ziyavalwa; 1. October, 1886, ziyavulwa; 17 December, 1886, ziyavalwa. UMZI maungakudekiseli ukutumela imali Mvo kwangayo lenyanga. SIQONDA ukuba u Rev. William Philip wa- we Guba ufudukela e Gwaba, ngase Monti. Guba licitwe ngu Folosi—ngoluvundu- lundu lwase Batenjini. NGO 7 December ngokuhlwa i ofisi zako. nkulu zase Vryburg zagqojozwa kwebiwa imali, netyeya yayo, nezitamp. Libanjiwe sela kwanobubhuru bufunyenwe. KEKWATIWA impi ya Mampondo iku 300 tauke komkulu ngaleveki igqitileyo isinga Rode nkuya kuncinita u William Nota, iyiyaleze bukali u nkosi u Mqikela ukuba ize ngake ilinge iwugqite umda wa Mabhaca. EZALOWA umhlaba wa Mabhulu ukwa Zu- lu zezokuba Amabhulu ase Vryheid apange eitora sa Mangesi ase Natal, nokuba lite i Bhulu linxilile ladubula umntu omnyama. ABAFUNA Imvo mabalungiselele imali zabo nkuze babe nokungena ekuqaleni konya- ka. Kufuneka iqela elikulu. I NGOLWESI-BINI Iweveki egqitileyo kufu. lyenwe umfo ontsundu onengqakaqa kufupi nomzi wase Skapu. Ukweleliswe kwaka. msinyane. UMXHOSA ekwakusitiwa utshone nomko- mbe oyi Welcombe mayelana necweba le Nxuba, ubonwe selese Monti. Ube yure mbini emanzini pambi kokuba aye kuti citi emhlabeni. E BARKLY EAST kekwako ulure lokuba iqe- la la Besutu lifike kwizipaluka ezitile zeso sitili latimba inkomo. ISIKOLO sase Ncemera sibe nentlanganiso ngolwesi-Bini lweveki egqitileyo, ukuxoxa ngotywala obupalazwe e Transkei. Kutunyelwe isicelo ku Mhlekazi. EZOKUGQIBELA ezivela kwela Barolong ba- ka Massowu, ziti Amabhulu asese Mamusa esabelana ngamaxhoba. Abafazi batiwe sa kulo lonke elo liyi Transvaal ukuba baqeshwe ngabatandayo. Izindlu zonke zitshisiwe. Injengele za Mabhulu zise ku Mamusa, kuko ulure lokuba zigxeleshe enye inkosana yo Mrolong engu Moshette. UNYULO e England lupelele ekubeni impi ka Mr. Gladstone (Liberals) ibe 333, eka Lord Salisbury (Tories) 251, eka Mr. Parnell (ama Ayilishij 86. LAMAFAMA atenga umhlaba wa Mangqika alila ngokupakama kwe 'rent,' ngoku abba- lela ku Rulumeni ukuba ayitobe. Intlanganiso yoko ibiko ngo 1 December. EMVA kwentlanganiso ya Mangesi ecasayo, kubeko e Dodoloro eya Mabhulu intlanganiso ebulela isenzo sika Rulumeni eokufudusa Abatembu. NGOMHLA wokuqala wokuvulwa Komboni- so omkulu wamazantsi e Afrika, ovulwe e Bayi ngu Mblekazi i Ruluneli, babe kumawaka amatatu anamakulu amahlanu abantu abangene endlwini. Abahambi basaya befika. NGE Cawa edluleyo u Rev. B. Mama wase Rura, ushumayele kwityalike yase Wesile yalapa e Qonce. Ukalaze ingqoboko yamakolwa ezimini, ate akuyitelekisa neyamakoIwa emini ezingapambili wayeya kanye eyanamhla. Intshumayelo ibisekwe pezu kobu- lungisa bnka Ifrayem obabulikamte njenge tifu lomso. MAYINGENE kaloku imali ye Mvo mabandla akowetu. I PALAMENTE yase England iya kudibana ,ngo 12 January 1886. IKUPA alisbiye ngasemva umfi u Bishop Fraser wase Manchester liku £85,000. U HON. H. W. PEARSON, M.L.A., ubuye wanyulelwa ekubeni yinkulu (Mayor) yomzi wase Bayi ngalonyaka. Lo ngunyaka wesi- hlanu ebayi Mayor yalowomzi. NGENIE imini kwafa e Dayimani abantu abamnyama abatatu ngokusuka batshone kumlanjana oyi Riverton behlamba. ILUNGU elimele i Carlifonia kwi Palamente yase United States, e Atnerika, lisand' ukubeka bucala i akile ezi 83,000 ukuba kwakiwe inkundla yemfundo (University) ibe si- kumbuzo sonyana walo obhubhileyo. Laleke ngokurola £3,000,000. Isikolo eso siyakuba se Carlifonia. I BURMESE zoyisiwe, ikumnkani yazo u Theebaw uugumbanjwa e Pangoon. Ulaulo welozwe lake lolwa Mangesi ngoku. I BISHOP yase Durham eNgilane isand'uku- hambela e Norway. Iti ibone wamnye umntu enxilile kwelozwe, naye ingumhambi osuka kwase Nglane. U MR. DE WET usuke ngo Mgqibela e Kokstad wasinga e Natal. Akadibananga na Mampondo, kutiwa wanele ukutumela incwadi ku Mqikela yokuba babonane kumhlaba ka Rulumeni, kodwa inkosi leyo ayivumanga. Ubelindelwe kodwa komkulu kwa Mqikela zinkosi no Mr. Donald Strachan eko. IPEPA alinakuqutywa ingeko imali. Tu- melani imirumo yenu NONKE mzi ukuze umsebenzi uhambe. INGQAKAQA izibonakalise kumzi ka Lepoko e Lusutu. ETA e Natal nje u Mr. De Wet uyokutabata indlela yokusinga e Kapa ngolwandle. SICELA amehlo abalesi betu belipeaulu ukuba ake abhekiswe kumhlati wezaziso apo bauaenywa ngo Messrs. H. S. Waugh & Co. Ivenkile yalamanene yeyona inkulu e Romani. Abafuna betengelwe kakuhle kanye mabaxele ukuba bahlatyelwe umkosi yi Mvo, okanye baye nayo, boka bafumane amacam. Huku ke mabandla ka Nonesi!