Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-12-16_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-16
Identifier
eng IMVO_1885-12-16_i012
Word Count
eng 1025
Print Page
eng IMVO_1885-12-16_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
KWIHAMBO yake akubonakali ukuba u Mr. De Wet ukolisa mntu ontsundu. Ngo 21 November waye nentlanganiso nempi yase Gqili engumxube wa Mamfengu na Besutu. Umzi wenze isicelo so- kuba ungaxinezelwa ngendawo yerafu yezindlu nonyaka kuba wonakalelwe kakade, idimandi seziwugxadisila umzi okohlwe nokutengisa ngempahla kuba ingangenisi luto. Kucelwe ngabantu uncedo kulendlala ikoyo, akuko nto ance- de ngayo Umpatiswa Micimbi Yabantsundu, usuke wati ngebebulela ku Rulumeni kuba ebavumela ukuba bahlale kulomihlaba bakuyo eyeyake. Efikile e Lady Frere uwushiye ziqumbile intliziyo za Batembu, ibe kwayilonto e Cala. Uhlobo ateta ngalo nabantsundu lumalata ukuba akayifanele lendawo amiselwe kuyo. KUMZI omhlope iya ipela ngokupela inkolo apa yokuba umntu ontsundu yimfene njekodwa ekungalindelwe nto kuyo. Iya iqondakala into yokuba into efunekayo kukuba bahlanjululwe ukuze babenokuba luncedo ngendlela zonke. Uke wenjenje u Mr. Merriman wase Kapa ebhalela ku Bishop Jones: 'Akuko mntu unentloko ehluzekileyo onokuti umsebenzi wabafundisi awubancedanga luto abantu abantsundu. Ubafake umo- ya wokufuna into ezigqitiseleyo, nomoya wenkutalo, kuba abantu masingabagwebi ngokubona impinzana ezingazinikeleyo kakulu enkutalweni, nasekubeni engatanga mhlaimbi ontsundu waselesiba ngu mpostile u Paulisi epelele. Imfundiso yobu krestu iwuncedile umzi ontsundu.' SIVUYA no Mr. Harry M. F. Mtombeni kuba ede wafumana ituba lokuwuzalisa umnqweno wake wokuba ngumteteleli ematyaleni. Uvunyelwe ukuteta Empofu; simnqwenelela ukunga angapumelela. U Mr. Mtobeni leliya nene lintsundu ekwaka kwako ingxolo enkulu ngokunga ngeniswa kwalo kwelituba ngenyanga ezigqitileyo. Umcimbi wake ubesewusatyelwa nangabahlobo betu abamhlope base Ngilane sibona ngepepa lebandla labakusela abamnyama ekutiwa yi Aborigines' Friend. Oku kuvulelwa kwake akubangwe yimigudu yalomadoda noko. EBHALELA kwelinye lamapepa ase Komani u Mr. William Roger ifama elibalulekileyo leso sitili, lenjenje ukwalata usizi oiuya kulandela ukuvulelwa kotywala pesheya kwe Nciba: — 'Ingaba amafama ayakutula zole tu na xa ilizwe esifumana kulo abantu bokusisebenzela libujiswa ngotywala. Lento iteta ingcitakalo yamafama. Andivumi mna uku- kolwa ukuba angaba ahambisa lonto. ukuba olulaulo lo Upington no Sprigg luyavunyelwa ukuba luyihambise lento, yintonina eyakuhla? Eli liyakuba lilizwe losizi, lobudlwengu nokupalala kwegazi; izizwe zabantsundu ziyakuba zizizwe zamanxila; izidalwa ezintloko zigexayo ziyakuqalekisa umntu omhlope ngokusuka azingenisele ilishwa elinje; ziyakugqiba kwelokuba mazizipindezelele: akuko nto kuyakutiwa inqabile ebantwini nasempahleni. Kuyakwanda izigebenga ezindleleni, amafama ayakupangwa. Lilo eli ilifana emasilishiyele abantwana betu. Anditembi njalo, ndisabatembile abantu belilizwe ukuba basaya kuyilwa lento.' U MR. J. G. HELLIER ute xa ateta e Dodoloro kwintlanganiso yokukalima ufuduso lwa Batembu: — 'Olufuduso alunto intsha, lulikonco kumxokelelwano omde apa wempato yabantsundu eyaqala kwiminyaka engapambili ngu Sprigg. Pambi kokuba lempato iqale besihambisa kakuhle nabantu abantsundu, sitengisa sitengiselana into eninzi yempahla. Ngoku oko kudlule. Ikomani aliseyiyo into ebelifudula liyiyo ngenxa yokupela kweso simo sangapambili, kumana ukufudu- fuduswa abantsundu bada balahlekana nento eninzi yempahla yabo. Lityebile nje i Qonce lityebe ngenxa yabantu abamnyama abapesheya kwe Nciba. Abantsundu bayidayimani kuti, bayalima bayatengisa, bayatenga. Sizibulele ngokwetu ngokuti sipitizelise abantsundu.' SIYAVUYA ukuva ukuba amawetu ase Cradock agqibe kwelokuba atumele isicelo e Palamente ngenxa yobutywala bupesheya kwe Nciba. Sivuya kunene ukubona ukuba umzi awuyiyekelele lento. Sibona ngemihlali ukuba namanene apakame njengo Mr. Merriman ayayibona ingcitakalo eyakubangwa yilento yenziweyo namhla. Ebhalela u Bishop Jones wase Kapa, uti u Hon. J. X. Merri- man: —Ndinga intlanganiso yokunceda ukuhanjiswa kwelizwi ingalivakalisa ilizwi layo lokucasa ukungeniswa kotywala pesheya kwe Nciba. Elibakala kungatiwa, ngamazwi embongi yakowetu, 'yingcitakalo ebomvu nokwapulwa kwemiteto.' Kuyindawo yake wonke ukucasa into eyenziwe usaziwa umteto wokuba utywala bungate- ngiswa kwabantsundu ukuba kunoku- ncedwa. Akucacile ukuba siyakuti ngokungenisa utywala simcite ontsundu kodwa ukungeniswa kontsundu kulenkohlakalo kuteta usizi nenkatazo ixesha elide kunene, nendleko enkulu. Ndiyekela wena nkosi yam ukuba esisenzo usicase ngemihlaba epakamileyo, mna ndalate epantsi.' U RULUMENI akasiniki ndlebe isikalo sdmzi mayelana nomcimbi wotywala. Into eyenziwayo abantu banyatelwa ngenyawo. Mpendulo itunyelwe ngu Mr. Sprigg kubafundisi base Rini, ifana ne- mpendulo elaka elonene layitumela kubanyuli balo abamhlope base Monti ngomcimbi wela Barolong, mhla lati tulani anazinto nina; ndim onokwazi. Wenjenjalo no Mr. De Wet kwimpi yase Komani emhlope mayelana ne Glen Grey. Apo sixakwa kona tina kusekubeni abayixeli eyonanto bati iyinyaniso. Azi wocanabeka kude kube ninina umzi kokukudelwa ngabo ubapakamisileyo? ISIDLO ebesenzelwe i Ruluneli e Bayi ekuvulweni komboniso omkulu sibe sesibukekayo kunene, zonke izikulu ze Koloni zibe ziko. Kuzo singabalula u Sir Hercules Robinson, omnye we Ruluneli ezikumbulelekileyo ze Nkosazana ngezimini, u General Torrens, umpatiswa wemikosi ye Nkosazana kweli lizwe, u Admiral Hunt-Grubbe,umpatiswa zinqanawa zemfazwe, u Mr. Upington inkulu yolaulo no Mr. Fuller, M.L.A., okwavinkulu kwicala lika Sir T. Scanlen e Palamente. Inteto ye Ruluneli ibaluleke ngobuciko nokufaneleka kwanjengokuba zidla ngokuba njalo inteto zika Sir H. Robinson. Ubalule izizatu zoku- ba engabanga nako ukulishiya i Kapa walata into ezintle eziyakulandela umboniso lowo. KULANDELE ke u Mr. Upington nantetwana yake ekapukapu, ate kuyo ukuxubahala komzi ontsundu akunjengokuba kuxelwa, ningazidubi ngoko nikuya emapepeni endaba, itshilo into ka Upington. Into eniyiva emapepeni ibhalwa ngaba- ntu abanga bangonakalisa, aboyikisayo abangade bati bona fan'ukuba kuko ingozi okwangoku akuko ngozi yaluto. (Laduma ibandla). Akalazi ixesha abaka boil waba abantsundu njengokuba bonwabi- le ngoku. Ngoku amapepa endaba ungade uti fan' ukuba kuzakubako imfazwe Eakati ko Rulumeni na Mampondo, akuko nto injalo ; Unqwiliso usivulele indlela esuka e Mtata eya e Kokstad. ABANTU bakohliwe kukuba bazakutinina ukuteta, kuti kusenzeka enye into apa babe abapete ulaulo e Kapa bexela enye into bona. Njengokuba esiti luxolo lodwa kwabantsundu ngoku sibonayo ukuba umzi udubekile, asiyiboni into eku tiwa abantu mabade benze yona ngapambi kokuba kude kuvunywe ukuba okunene abonwabile. Njengoko abonisileyo u Mr. Fuller, M.L.A., kwase Bayi apo kulenteto u Mr. Upington ungqina into yokuba yena unako ukwenza izitena ngapandle kwengca. UMHLOBO wetu i Cape Argus iti: —'Imvo Zabantsundu zicela atnapepa ase Koloni ukuba 'akusele abantsundu kulo Rulumeni usi- ralarume.' Lenteto yenoknqumbisa; xa sikumbula impato yabantsundu eyayilindelwe ku Mr. Upington angayihambisanga yena kodw' asinakutsho ukuti yefanele ukuba ibhekiswe kubo lenteto. Ewe, lamadoda apeteyo aputne kanye endleleni kulomcimbi wa Bahlambeli, kodwa impato yawo yonke epate, lele kwabantsundu asiyemcitayo omnyama, ingengakuba bangamadoda atanda ukuhamba ngemfauelo kodwa ngokuba umsila apa onga Mabhulu ozisusa impukane ngenja engulo Rulumeni, ungekati makubandezelwe ontsundu akakabandezelwa.Efunile Amabhulu seleko u Mr. Sprigg woyihambisa into enjalo eyakuyihambisa ngovuyo. Ako amadoda angawehlelo lo Sprigg angangi angabandeze- lwa ontsundu. Ute u Mr. De Wet akanaku- buya ngomva kulento yase Batenjini, kodwa site isininzi okwenziweyo akufanelekile ngo¬ko makumiswe ngokunye, soka sibone oku- yakuhla. Kuyaziwa ukuba u Mr. De Wet akatandani engavisisani no Mr. Sprigg, yena akafuni nokuba ngumpatiswa micimbi yaba- ntsundu oku akakufihli kubahlobo bako. Kodwa koza kube yinkatazo yodwa kwabantsundu mhla apumeyo, kuba noko ingumfo oyimelayo into xa abonileyo ukuba ayilungila.