Title
eng Peelton. (IMVO_1885-12-16_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Officials
Language
Date
2 December 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-16
Identifier
eng IMVO_1885-12-16_i013
Word Count
eng 506
Print Page
eng IMVO_1885-12-16_p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[IVELA KUMBHALELI WETU.] 12 December, 1885. Besinentlanganiso enkulu nelusizi kunene apa ngolwesi-Bini (8 Dec., 1885) ete zonke izinto ezitetiweyo kuyo zabonakala ukuba zipuma ebuhlungwini bompefumlo, ngenxa yokubonakala kwentlola zentshabalalo ya- bantsundu, kwimpunde ezingeziba ziseko zenkosi ngenxa yomteto omtsha okutshiweyo wokutengiswa kotywala pesheya kwe Nciba. Ivulwe ngu Rev. Birt lentlanganiso, utyile ubuhlungu bake ngawo lomteto ukohlakele kangaka, etyila nakanjalo uhlobo otintela ngalo Izwi lika Tixo; esiti, noko sinamatuba okumbulela u Tixo; kuba nakuba kuko abona bantu ipuma kubo imiteto nati sinalo ilungelo lokuposa izwi lokwala. Namhlanje ke nangu nmcimbi ucela amazwi etu ukuba avakale, sibonakalise ukuwucasa kwetu ngokutumela isicelo kwi Ruluneli; utsho wati kemakufundwe ngu Rev. W.Rubusana isicelo eso acinga Ukuba yena sifanele ukuba situnyelwe. Ute akusigqiba ukusifanda u Rev. W. Rubusana wati, ndiziva ukuba ngalomcimbi ndishushu, ke ngoko andingi ndingateta, kuba lomcimbi ukohlakele inene, ngokungapezulu uyimfazwe ezakutshabalalisa, kaniwuqonde uqala ngenkosi, into leyo ekufunwa yona nakweyezikali imfazwe Kanjalo ude usuke uze emapakatini, kubonakale ukuba kufuneka side seza ebu Lawini. Ke manditi kuni nonke bahlobo bam e Nkosini, nalo kambe elinye lamadabi Nkosi yenu, amasoldati ayo manye nini; xobani kuyo isirweqe somtandazo, kuqinisekile ukuba niya kweyisa ukuba nize njengoko ifunayo ninalo netemba lokoyisa. celwe ukuba amadoda ake atete into ayici- ngavo. Kutete u Mr. N. Adams wati, andi. nakunceda noko ndifike abafundisi sebeyenjenie lento. Ndifuna ukuke ndibuze into ibenye, ukuba kuhle ntonina lento kubekelwa apa namhlanje ukutshatyalaliswa kwetu? Utsho wema kwelo, kwabonakala ukuba ulinde impendulo, kwada kwapendula u Mr. Rubusana wati, akuko mntu unako ukuwupendula lombuzo, abenzi balomteto base Kapa. Wati ke O! akwaba bebeko, besiyakuke sinyatelane kobhontsi namhlanje Kwateta u Mr. Tyamarha Pu wati, sakufa sifile ikwalelezolo lemipu; kanti imipu yona yayisebenza emzimbeni wodwa, kona kule into ilutshaba nolwemipefumlo. wasuka u Mr. Bombo Herman (Omdala waye wati, lento isuke yandikumbuza ushumayelo endayiva ngemfazwe kudala kumazwi ati: 'Iveyini ingumgxeki, noselo olunamandla luyadlongoza, nosukuba eyoba ngalo akalumnkile.' Lento ndisuke ndawakumbula kangaka kungokuba wati umfundisi lowo xa awatyila wati, bangati abelungu aba bake bavulela ukuba elilizwe ligqitywe zinkanti ningabona ningatshabalala nonke. Nditik namhlanje kufikelele kulontshumayelo yalomfundisi; masitumele amagama etu sonke ekuceleni ukuba oku kubuyiswe. Kuba olupau ilolwentshabalalo nembhubho. Kwesuka u Mr. Meya Q. Ginza (enye yenkosana zakwa Mdange) wati, oku sakuba sivumela- na ukukwenza, maze sisale nawo umtandazo naxa sona isicelo siwelileyo. Kwasuka u Mr. Aaron Bakaco (omnye wama Dikoni) wati, inteto yena ngoku akaboni ukuba ise- noncedo olukulu, nto ifunekayo kubhalwa kwamagama, nemitandazo ngemva kwayo- Kwesuka u Mr. Ntabeni Magabela (Isibonda). Asikuko nokuba uyabulela ngelilungelo lokuba benako nabo ukuteta xa kuko into enje pakati kwabo. Kusuke ekupeleni umfundisikazi wesikolo sentombazana (Shaftesbury Home) u Miss Stnrrock wateta inteto yobuciko obukulu, wati pakati kwa mazwi ake lento ikohlakele —ifana nokuauka kudyojwe ibotolo esonkeni ndawonye netyefu izeke kunikwe inkosi ukuba zitye. Lento kanye injengesitshetshe esihlale ingcamba zemiti esiyityalayo. Lento masizame ngawo onke amandla ukuyicasa. Yaza yavalwa intlanganiso enkulu kunene, beseza abantu ukuza kubhala amagama abo, ngangokuba bada batintelwa, xa ayeseleko amagama amayela kwi 162. Kwati into ete yambi kubonakala ukuba kwinxenye kumhla iyivayo lento ibukulu bungaka kanti pakati kwabo bantu kuko namadoda ake aya nasema Dikeni, angayeba ayazazi ezizinto ukuba abayitati lento ingamapepa endaba.